bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
/
Hosea 7
Hosea 7
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
← Chapter 6
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 8 →
1
xa ndandifuna ukumnyanga uSirayeli, suka badandalaza ubugwenxa bukaEfrayim, batyhileka ububi beSamariya. Kaloku bahleli ngobuqhophololo. Ngamasela aqhekezayo ebe; basisigqubu sezikrelemnqa esiphanga phandle.
2
Ewe, bona abaqondi tu, kanti izenzo zabo zithe thaa kum. Ngoku bajikelezwe zizenzo zabo; ziluzenge-zenge oluphambi kwam.
3
“Inkohlakalo yabo iyamvuyisa ukumkani; inkohliso yabo iyawavuyisa namaphakathi.
4
Bakrexeza bonke bephela; batshisa njengomlilo wokubhaka oyekwayo ungakhwezelwa ngumbhaki ukusukela ekuxovuleni kwakhe de inyuke intlama.
5
Ngomhla wetheko lokumkani suka amaphakathi ashushu yiwayini, naye wabambana izandla nabahlekisi.
6
Kaloku iintliziyo zabo zinjengeziko; ewe, zona zivutha ngamayelenqe. Ingcwangu yabo ilala ubusuku bonke, kusasa idangazele njengomlilo.
7
Bonke banobushushu oku kweziko lokubhaka, abalawuli babo babathi lenye. Iikumkani zikhahleleka phantsi, kungekho bani ubhenela kum.
8
“UEfrayim uxubana neentlanga; ewe, yena ufana nesonka esingaguqulwanga.
9
Abasemzini bawaxhaphazile amandla akhe; ke kuye kurhidiwe, akaqondi. Kaloku yena ngoku iinwele zakhe zixubile, ibe ke phofu engaqondi.
10
Ikratshi likaSirayeli liyamkhonkotha, kodwa nkqi kubo ukubuya beze kuNdikhoyo uThixo wabo; ewe, abazidubi nangokumfuna.
11
“UEfrayim ukhamisile, nqwa nehobe; yena usisimathane esingaqondiyo. Uphatha kubhenela eJiputa, maxa wambi abalekele eAsiriya.
12
Ndobabekela umgibe endleleni, ndibanqakule njengeentaka. Xa ndibeva bexhontelana ndobabambisa.
13
Mawoo, ngokuba banxaxhile kum! Yintshabalalo kubo, ngokuba bemkile bandishiya! Mna ndiyafuna ukubahlangula, koko suka baxoka ngam.
14
Xa bekhala abatsho ngomxhelo wabo; basuka bazibhuqa-bhuqe emandlalweni. Baqokelelana ngenxa yokutya newayini, kodwa mna bandichasile.
15
Ndabaqeqesha ndabomeleza, kodwa ngoku bandijikeleza ngobubi.
16
Ababuyeli kuPhezukonke; bafana nesaphetha esinenkohliso. Iinkokheli zabo zohlatyaniselwa likrele, kuba imilomo yazo iphokoza ububi. Ewe, boba sisigculelo kwilizwe laseJiputa.”
← Chapter 6
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 8 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14