bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
/
Hosea 5
Hosea 5
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
← Chapter 4
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 6 →
1
“Bekan' iindlebe nive, babingeleli! Khaniphulaphule, ndlundini kaSirayeli! Qwalaselani niqiqe nani, makomkhulu, kuba kaloku ngoku zidla kuni. Kaloku nibe sisirhintyelo eMizpa, suka nina nangumgibe eTabhore,
2
suka nemba umhadi eShitim. Ukanti ke ndiza kunohlwaya xa ninonke.
3
Kaloku ndiyanazi, ndlundini kaEfrayim; ewe, Sirayeli, awufihlakalanga apha kum. Wena Efrayim, usahenyuza nangoku! Mh-mh-mh! Urhono-rhono, Sirayeli!
4
“Izenzo zabo zisuke zaxaba, zayivala indlela yokubuyela kuThixo wabo. Kaloku bathiwe fithi luhenyuzo; abamkhathalele nganto *uNdikhoyo!
5
Ikratshi likaSirayeli liyamjikela; uSirayeli noEfrayim baza kukhubeka bawe ngenxa yobugwenxa babo, kwanoJuda atsho akhubeke awe kunye nabo.
6
Baxhakazela behamba nemihlambi yabo, befuna uNdikhoyo ngamadini, kodwa soze bamfumane; kaloku yena urhoxile kubo.
7
Kaloku bona bayamphamba uNdikhoyo; ewe, bade bazale nemigqakhwe. Ke amatheko abo okuthwasa kwenyanga obaqwenga kunye namasimi abo.
8
“Hlokomisan' isigodlo eGibheya, nihlab' umkhosi ngexilongo eRama. Ze niwuvakalise naseBhetaven. Phakath' emsini, wena Bhenjamin!
9
Yeka ke ngomhla wesohlwayo: uEfrayim yena ndomvuthulula. Nonke nina zindlu zikaSirayeli, yazini, kuba oku kuqinisekile.
10
Kaloku wona amatshawe akwaJuda selefana nâbo bahlehlisa umlimandlela. Ndosuka ndibagalele ngomsindo wam, babe ngathi bafikelwe ziimpuphuma.
11
Ewe, uEfrayim ubandezelekile; suka wamvikiva umgwebo, kuba yena usukelana nezithixo ezingento yanto.
12
Ndoba njengenundu kumaEfrayim, ndibe njengombolisa kwaJuda.
13
UEfrayim wasibona isifo sakhe, noJuda wazibona iinduma zakhe. Suka uEfrayim wabhenel' eAsiriya, wazibika apho kukumkani uYarebhi; kodwa yena nkqi ukunyanga, soze aziphozise ezo nduma.
14
Ke kuEfrayim ndoba njengengonyama; ewe, ndibe lirhamncwa kwindlu kaJuda. Ndobaqwenga-qwenga ndibashiye, ndibafuduse bangahlangulwa bani;
15
ndize ke ndibuyele endaweni yam, bade basivume isono sabo, banqwenele ukububona ubuso bam. Ewe, bondizingela bendifuna ngenxa yokuminxwa ziimbandezelo.
← Chapter 4
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 6 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14