bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
/
Hosea 13
Hosea 13
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
← Chapter 12
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 14 →
1
Fudula esithi akuthetha uEfrayim abantu bona bangcangcazela; ewe, yena wayehlonelwa kwaSirayeli. Kodwa ke suka wazixabhela; suka wanqula uBhali waphutha.
2
Ngoku wongeza isono phezu kwesono; uzenzela imifanekiso etyhidiweyo ngesiliva, izithixo ezenziwe ngokweembono zakhe. Ewe, bubuchule bezandla zomntu. Ngoku ke sekusithiwa: “Ofuna ukwenza idini makawange la mathole.”
3
Ke ngoko bothi shwaka njengenkungu yakusasa, njengombethe osuka uvuthuluke. Bofana nomququ ophetshethwa ngumoya, umququ wesanda ophel' emehlweni, ngathi ngumsi otyhoboza ngefestile.
4
“Ukanti ke *ndinguNdikhoyo uThixo wakho. Mna ndakukhuphulula eJiputa. AwunaThixo ngaphandle kwam, kungekho namsindisi ingendim.
5
Ndim owakulondolozayo entlango, ndakugcina kwilizwe lembalela.
6
Ndanondla natsho nahlutha, nathi ningahlutha nakhukhumala; ewe, nasuka nandilibala.
7
Ndosuka ndinihlasele njengengonyama; ndosuka ndinilalele njengengwe.
8
Ndohlasela njengebhere eyohluthwe amathole ayo; ewe, ndosuka ndiniqwenga-qwenge. Ndonidlavula njengemazi yengonyama, ndiniqwenge ngathi nihlaselwa lirhamncwa.
9
“Ngenene uzonakalisile, Sirayeli, ngokundichasa kwakho, mna luncedo lwakho.
10
Uphi khona loo kumkani wakho ukuba angakusindisi ezixekweni zakho zonke? Ziphi kaloku iinkokheli zakho? Ngani zingakuncedi nje? Kaloku nankqangaza nisithi: ‘Sinike ookumkani nabalawuli.’
11
Ewe kaloku, ndasuka ngomsindo, ndaza ndaninika ookumkani. Kwangomsindo ndisuke ndabohlutha.”
12
“Ubugwenxa bukaEfrayim budityanisiwe babotshwa; izono zakhe zigcinwe kuvimba.
13
Uyapena-pena ziintlungu zenimba; kambe sisiyatha sosana – lakufika ixesha lokuzalwa aluvumi ukuvela.
14
Ndomhlawulela na kwigunya lengcwaba? Ngaba ndomhlangula na ekufeni? Wena kufa, siphi isibetho sakho? Nawe ngcwaba, luphi ulwamvila lwakho? Ngenene andisayi kuba nanceba mpela!
15
“Noba uEfrayim angaba nempumelelo phakathi kwezizalwane zakhe, uya kufikelwa lulophu lwasempuma, umoya kaNdikhoyo ovela entlango, utshe umthombo wakhe, amaqula akhe ome qoko. Oovimba bakhe baya kuphangwa nabo bonke ubuncwane babo buthathwe.
16
ISamariya yona iza kohlwaywa; kaloku bavukelene noThixo wabo. Baza kuba zizigede likrele; iintsana zophihlizwa emhlabeni, nabakhulelweyo baya kuqangqululwa.”
← Chapter 12
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 14 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14