bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
/
Hosea 11
Hosea 11
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
← Chapter 10
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 12 →
1
“USirayeli ndamthanda kwasebuncinaneni bakhe; ndambiza ukuba aphume eJiputa unyana wam.
2
Ndaba ngakhwaza ndimbiza uSirayeli, suka waya ebhekela kum. Baphikela ukunikela *kooBhali; imifanekiso eqingqiweyo bayenzela iziqhumiso.
3
Kodwa ndim ofundise uEfrayim ukucathula; ndim owamthi chu ngengalo. Kodwa abaqondi ukuba ndim obanyangileyo.
4
Bona ndabakhokela ndinovelwano; ewe, ndandiyimvuze-mvuze bububele. Ndabathula idyokhwe ebatyabulayo, ndaza ndathoba ndabafunzela.
5
Kambe ke abayi kubuyela kwaseJiputa, kodwa uAsiriya uya kubalawula. Kaloku abavumi ukubuyela kum.
6
Ezixekweni zabo komenyezel' ikrele. Lowanqunqa amanqwanqwa amasango, liwaphanzise namacebo abo.
7
Abantu bam bazimisele ukundishiya. Noba bangade bakhale kOphezu-konke yena soze abaphakamise.
8
“Kodwa ndingathini ukukulahla, Efrayim? Ndingathini ukukuncama, Sirayeli? Ndingathini ukukuphatha njengeAdama, ndikwenze ufane neZebhoyim? Intliziyo yam iguqukile ngakuni; imfobe yam itsho yavuseleleka.
9
Andiyi kubuphumeza ubushushu bomsindo wam; andiyi kuphinda ndimbhubhise uEfrayim. Kaloku andimntu, ndinguThixo, uYedwa othe zwabha phakathi kwenu. Andiyi kuza ndinobushushu bomsindo.
10
Bosuka bamlandele *uNdikhoyo. Yena wovungama njengengonyama. Ke kaloku akubhavumla usapho lwakhe loza lungcangcazela; ewe, luya kuza ngasentshonalanga.
11
Boza benkwantya okweentaka bevela eJiputa; boba njengamahobe bevela eAsiriya. Ndobabuyisela emakhayeni abo.” Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.
12
UEfrayim undijikeleza ngobuxoki; indlu kaSirayeli indithe nca ngenkohliso. UJuda yena uvukelana noThixo, nditsho uYedwa lowo uthembekileyo.
← Chapter 10
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 12 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14