bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
/
Job 11
Job 11
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
← Chapter 10
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 12 →
1
Ke uZofare waseNama waphendula wathi:
2
“Uthi kungathi cwaka, ingaphendulwa le nyambalala yamazwi akho? Ucinga ukuba ukulavuza okunje kungamthethelela umntu?
3
Uthi oku kubhobhoza kwakho kuya kusenza sithi cwaka? Uthi wena ngoku uphoxisa thina masikuyeke singakuphoxi?
4
Andithi na kaloku wena uthi imfundiso yakho imsulwa, nawe ngokwakho awunabala phambi koThixo?
5
Awu, akwaba uThixo ebengadandulukayo athethe nawe,
6
akhe akubonise iingontsi-ngontsi zobulumko! Kuba kambe kunzulu ukwazi kwakhe! Yiqonde into yokuba esi sohlwayo akunike sona uThixo siyalaba-laba kubutyala bakho.
7
“Uthi ungahle uziqonde iingontsi-ngontsi zobunzulu bukaThixo, ngokunjalo nobungakanani bamandla kaSomandla?
8
Hayi bo, úngaphaya kwakho, namazulu uwakrobele! Ewe, yena ubona nelabafileyo, ube ke wena awazi nto!
9
UThixo ulivelele ihlabathi, kanti ke ulukrobele nolwandle!
10
Ukuba ke usuka akubambe edlula, aze akuse ematyaleni, ngubani ongamnqandayo?
11
Kaloku yena uyabazi oongantweni; ke, xa ebona ububi ùthi makangenzi nto?
12
Ke zona iziyatha zoza zibe nengqondo mhla iqwarha lazala umntu!
13
“Ukuba uthe wayisebenzisa ingqondo yakho, unganako ukolulela izandla kuThixo.
14
Ukuba uphethe ububi yahlukana nabo, nezinto zenkohlakalo mazingafumaneki nasemzini wakho.
15
Ukuba unokwenjenjalo ke unganako ukuma ungenaxhala nganto, ume ngxishi ungenadyudyu.
16
Ngako ke ungatsho uyilibale yonke le mbandezelo; ewe, ilibaleke njengeempuphuma zomlambo oseluwuthile.
17
Ke bona ubomi bakho buya kutsho buqaqambe ngathi kusemin' emaqanda. Le meko yakho yokubandezeleka ijike ibe yeginyis' amathe, oku komsobomvu.
18
Uya kutsho uzithembe, kuba kaloku nekamva liqaqambile. Ngenene uya kuhlala ukhuselekile ungenaxhala.
19
Uya kuthi zava ungenadyudyu, bathi nabaninzi bacele uncedo kuwe.
20
Ke zona izikhohlakali ziya kucinywa amehlo, abe ke namathuba okuphuncula engasekho, kuphela kwanto iseleyo kukuqhawuka.”
← Chapter 10
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 12 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31
32
33
34
35
36
37
38
39
40
41
42