bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
/
Job 22
Job 22
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
← Chapter 21
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 23 →
1
Ke kaloku uElifazi umfo waseTeman uphendule wenjenje:
2
“Ngaba ukhona na umntu oluncedo kuThixo? Ngaba angazuza lutho na kwinkintsela yesilumko?
3
Uthi ngaba uSomandla unolutho aluzuzayo ukuba wena ulilungisa? Khona sekusithiwa awunabala, imnceda ntoni loo nto?
4
“Ngaba uThixo angakohlwaya na ngenxa yokuba umthobela, aze akumise enkundleni?
5
Akungebi ngokuba wone gqitha, nobugwenxa bakho bungenasiphelo?
6
Kaloku wena amawenu uwamisele isibambiso ngaphandle kwesizathu; ude uwohluthe nempahla yawo yokunxiba, asale eze.
7
Abadiniweyo benxaniwe awuluthobanga unxano lwabo, nabalambileyo ubavimbile ukutya.
8
Wena ubusisinhanha esinemihlaba; ubungummi obekekileyo.
9
Kanti awanelanga kukungancedi bahlolokazi, koko ude waxhaphaza wacinezela neenkedama ezi!
10
Ngoko ke ngoku ubhijelwe zizabatha; uminxwe naliphaphu.
11
Ngoku ukhulelwe bubumnyama, awuboni; ugutyungelwe naziimpuphuma.
12
“Andithi na kaloku uThixo yena uhlala emajukujukwini amazulu? Neenkwenkwezi ngokwazo kuloo malenga-lenga zikuwo yena uzivelele.
13
Ube ke wena usithi: ‘Wazi ntoni uThixo? Esithwe ziingqimba zamafu nje, angasigweba njani?’
14
Uthi: ‘Akaboni; uvalelwe ngamafu; kuphela uhamba-hamba phaya esibhakabhakeni.’
15
Ngaba usazimisele ukuhamba indlela yamandulo, ulandele ikhondo labantu abakhohlakeleyo?
16
Kaloku bona baxhwilwe kwangaphambi kwexesha labo; izikhukula zemka neziseko zabo.
17
Aba ngabo babesithi kuThixo: ‘Suka kuthi. Angasenza ntoni na uSomandla?’
18
Kambe ke ikwanguye ozalisa imizi yabo ngobuqhele-qhele. Phofu ke mna andihambisani neqhinga lezikhohlakali.
19
“Amalungisa ayakubona ukutshabalala kwezikhohlakali, asuke avuye; abamsulwa bahlekisa ngazo besithi:
20
‘Inene, iintshaba zethu zitshatyalalisiwe, nobutyebi bazo budliwe ngumlilo.’
21
“Ngoko ke wena zilahlele kuThixo, ube noxolo kunye naye; kwakuba njalo ke uya kuzuza okulungileyo.
22
Yamkela imfundiso ephuma emlonyeni wakhe, uwamilisele entliziyweni yakho amazwi akhe.
23
Ewe, ukuba uyabuyela kuSomandla uya kwakheka; nto nje wena lahla la manyondololo aqhubeka kulo mzi wakho.
24
Igolide yakho yilahle, neyona yodidi yaseOfire yithathe njengamatye nje aphaya entlanjeni.
25
Kuphela igolide yakho mayibe nguSomandla, neengqumba zesiliva yakho mayibe kwanguye.
26
Wakuba wenjenjalo ke uya kukholosa ngoThixo uSomandla, ubujongise kuye ubuso bakho.
27
Uya kuthandaza kuye eve; ngokunjalo ke nezibhambathiso zakho uzifezekise.
28
Izigqibo zakho ziya kuphumelela, ngokunjalo nendlela yakho ibe mhlophe.
29
Xa abantu bekhahlelwe phantsi uze uthi: ‘Nceda ubaphakamise.’ UThixo uya kubahlangula abazithobileyo;
30
ewe, ude ahlangule nongekho msulwa, emsindisa ngobunyulu bezandla zakho.”
← Chapter 21
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 23 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31
32
33
34
35
36
37
38
39
40
41
42