bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
/
Job 8
Job 8
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
← Chapter 7
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 9 →
1
Waphendula ke uBhildadi umfo waseShuwa, wathi:
2
“Mfondini, koda kube nini ushwaqa, usenza imbudede yamazwi afana nomoya obhudlayo?
3
Uthi uThixo angakujika okulungileyo? Uthi uSomandla angabugqwetha ubulungisa?
4
Ukuba abantwana bakho bawaphule ummiselo wakhe, yena ke ubawisele isohlwayo esibafaneleyo.
5
Into omawuyenze wena kukuzibika kuThixo, ubuse umbongoze uSomandla.
6
Ukuba ungumntu onyanisekileyo omsulwa, ngenene uya kukuva, akubuyekeze ngomzi wakho.
7
Ewe, ubunayo inkqubela ngaphambili, kodwa ayinakulinganiswa nendyebo owoba nayo esiphelweni.
8
Khawuphonononge ulande imbali yemihla yamandulo; phicotha ufunde kumava amanyange.
9
Kaloku thina singabayizolo, asazi nto, nemihla yethu emhlabeni idlula njengesithunzi.
10
Ke bona baya kukululeka, bathethe nawe; ewe, bangakuphokozela kuloo vimba wolwazi lwabo, bathi:
11
‘Ngaba ingaphuma na imizí apho kungekho mgxobhozo? Uthi ingakhula ingcongolo apho kungekho manzi?
12
Zithi zingekalungeli kukhiwa, zimbatshe kuqala kunezinye izityalo.’
13
Iba njalo indlela yabo bonke abamlibalayo uThixo; ewe, ithemba lâbo bangamnquliyo uThixo liyadaka.
14
Kaloku bona bangqiyama ngentambo yesigcawu, lisuke ke elo themba labo linqamke.
15
Bayama ngendlu yesigcawu, ibe ke yona ingaqinanga; babambelela kuyo ngoku yona igqashu-gqashu.
16
Bahluma okwesityalo esinamanzi esibethwa yimitha yelanga, sona esinwenwa siphinyele egadini.
17
Iingcambu zaso zibhijela amatye, zibambelele kuwo.
18
Phofu ke uthi wakusincothula, kungabi sabonakala ukuba sasikhe sakho.
19
Uyabona, injalo indlela yokukhula kwaso: indawo yaso ithathwa sesinye.
20
“Ewe, uThixo akamlahli umntu othembekileyo, kodwa akangeke azomeleze izandla zabenzi bokubi.
21
Ngoko ke úya kulubuyisela uncumo emlonyeni wakho, nemilebe yakho ibobotheke yimincili.
22
Ke bona abakuthiyileyo baya kwambathwa lihlazo; kanti ke yona imizi yabakhohlakeleyo iya kubhanga.”
← Chapter 7
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 9 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31
32
33
34
35
36
37
38
39
40
41
42