bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
/
Job 32
Job 32
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
← Chapter 31
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 33 →
1
Ke kaloku la madoda mathathu ade amncama uYobi, kuba yena wasuka wanje, esithi umsulwa yena.
2
Ke yena uElihu unyana kaBharakeli wendlu kaRam eBhuzi uthe akuyiqonda le meko wasuka wakhathazeka, kuba kaloku uYobi wayezenza ilungisa esola uThixo.
3
Futhi wakhathazwa nayinto yokuba ezi zihlobo zikaYobi zithathu zisuke zoyiswa kukuphendulana noYobi, zingabanga nako ukudandalazisa ubutyala bakhe, kodwa zimtyhola.
4
UElihu lo wayesalindele ukuthetha noYobi, kuba abanye aba babebadala kunaye.
5
Athe ke la madoda mathathu akuba selethethe koma umqala esoyiswa bubuciko bukaYobi, wakhathazeka,
6
wangenelela ke yena uElihu unyana kaBharakeli waseBhuzi, wathi: “Kambe ke ndiyimveku ngeminyaka, ke nina senikhulile, niziingwevu, nto leyo ke esuke yanditsho ndamathidala, ndoyika ukuphuhlisa olwam uluvo.
7
Ndithe: ‘Mandiyekel' iminyak' isiphakele.’ Bendisithi: ‘Izilimela zingasiph' ubulumko.’
8
Kambe ke ngoku ndiyaqonda ukuba ngumoya osemntwini, ewe, lifuthe likaSomandla elimthi jize ngokuqonda umntu.
9
Hayi, abuyi ngaminyaka ubulumko, kungayi nangabudala ukuqonda imfanelo.
10
“Ngoko ke bekan' iindlebe, khe ndiniphakele; makhe ndinivakalisel' olwam uluvo.
11
Ewe, ndiniphulaphule xa beniphakula ubulumko benu; ndibuvisisile xa benidimbaza nigalela.
12
Bendiziindlebe ndonke xa benithetha; akukho namnye umchaniley' uYobi, kungekho namnye ukwaziy' ukuchan' amagama.
13
Ke nina sanukuthi: ‘Sibuzuzile ubulumko.’ Kaloku nguThixo yedwa ongaphendulanayo noYobi, hayi umntu.
14
UYobi ubebhekisa kuni, ingekum. Kambe ke bendingamphenduli njengani mna.
15
“Hayi, Yobi, bathethe kom' umqala; kungokunje basik' umlomo.
16
Mandithini na ke mna? Uthi mandithi cwaka kuba nabo bethule? Ewe, nâbo bethe bhuxe, inkukw' isik' umlomo!
17
Hayi bo! Nam makhe ndenze owam umda, ndiluvakalise nolwam uluvo.
18
Hayi, mna andisenakuzibamba ndithi cwaka, kuba kuninzi ukuthetha kum.
19
Hayi, ngenene ndifana nemvaba yewayini ebila ingavulwanga – xa ndingaphokozi ndosuka ndigqabhuke.
20
Ewe, manditheth' ukuze kuthi qabu; mandiwuvule umlomo wam ndiphendule.
21
Mna andiz' ukuceng' usolala phi, ndiza kutheth' utyhatyhiwe ndingalalanisi.
22
Kambe akunto yam ukulalanisa; xa bekunjalo uMdali wam ebengandicim' igama ngoko nangoko!
← Chapter 31
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 33 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31
32
33
34
35
36
37
38
39
40
41
42