bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
/
Job 41
Job 41
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
← Chapter 40
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 42 →
1
“Uthi ungaze uyilobe ingwenya, okanye ubambe ulwimi lwayo ngentambo?
2
Uthi ungaze uyifake intambo impumlo yayo, mhlawumbi uyithi qhoo imihlathi ngegwegwe?
3
Ucing' ukuba ingaze itarhuzise kuwe? Uthi ingakukubongoza ngamazwi athambileyo?
4
Uthi ingenza isivumelwano kunye nawe, ithembise ukuba likhoboka lakho ngonaphakade?
5
Ngaba ungayenza intaka ongadlalisa ngayo, uyikhulekele amantombazana akho?
6
Abarhwebi uthi bangarhweba ngayo? Ucing' ukuba bangahlulelana ngayo?
7
Isikhumba sayo ungasigqobhoza ngamagwegwe? Mkhonto waphi ongangxwelerha intloko yayo?
8
Khawuyichukumise nje – soz' uphinde! Engak' imfazwe soz' uyilibale!
9
Ngamampunge ukucinga ukuba ungayoyisa. Umntu uthi nje akuyibona asuke avikiveke aphelelwe.
10
Kungekho bani nje unesibindi sokuyiphazamisa, ngubani ke ngoko onako ukumelana nam?
11
Ukhona na onako ukubanga into kum ukuze ndimbuyisele? Kaloku yonke into phantsi kwezulu yeyam.
12
“Andinakuthi cwaka ngemilenze yayo; makhe ndikuphokozele ngokomelela kwayo nokufaneleka kokwakhiwa kwayo.
13
Ngubani onokuyinyanzela ukuvula umlomo, ingubani onokuyifaka umkhala?
14
Ewe, ngubani ongavula loo mihlathi yayo ijikelezwe ziingxavula ezoyikekayo zamazinyo?
15
Umqolo wayo unoludwe lwamakhaka aphotheneyo ngathi atywiniwe.
16
Ewe, asondelelene ayimbumba; phakathi kwawo akungeni nomoya.
17
Hayi, anxibelelene angunonca, abambene nkwa, akanakwahlukaniswa.
18
Yintw' ethi yakuthimla kumenyeze, emehlo ngathi lilanga liphuma.
19
Yintw' emlomo ulatyuza amadangatye, kutsho kutak' iintlantsi.
20
Yintw' emarhanana alephuz' umsi, oku kwembiza ebaselwe ngeengcongolo.
21
Ngomphefumlo wayo ungáwuphemb' umlilo; kaloku kuthaphuz' amadangatye kuloo mlomo.
22
Yintw' etsho ngengwanyalala yesixhanti; bakuyibona abantu suka barhwaqele.
23
Izihlunu zayo zifumbene; ziyingwanyalala engenakuhluthuzwa.
24
Yintw' entliziyo iqine oku kwenyengane! Yomelele oku kwelitye lokusila.
25
Ithi ingaphakama kunkwantye neengangalala; yakushukuma zisuka zithi phithi.
26
Yona yomelele, ayinakungxwelerhwa naziintshuntshe, oomikhonto, noozincula.
27
Kuyo intsimbi ifana nomququ; ke lona ubhedu nqwa nevithi.
28
Okukokwalo utolo ayilwazele nto; kuyo ilitye *lenkwitshi linkumnka ngathi sisabhunge.
29
Ke lona ibhunguza lifana nodiza; iincula ziyinto yentsini kuyo.
30
Isisu sayo nqwa namaceba embiza; umhlaba siwukrazula oku kwesileyi sokubhula.
31
Amanzi enzonzobila iwatsho abile okwembiza, ulwandle iluzama-zamise okweqhaga leziqholo.
32
Emva kwayo ngumzila omenyezelayo emanzini. Inzonzobila isuka ifane neenwele zengwevu.
33
Ehlabathini akukho nto inokulinganiswa nayo, nditsho isilo esingenabo ubugwala.
34
Kaloku noozindlula-mthi izikrobile; ewe, ingukumkani kwizilo zonke ezinyalasayo.”
← Chapter 40
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 42 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31
32
33
34
35
36
37
38
39
40
41
42