bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
/
Job 9
Job 9
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
← Chapter 8
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 10 →
1
Ke uYobi waphendula wathi:
2
“Ewe, ndiyazi ukuba kunjalo; kambe ke umntu angaphumelela njani xa emi enkundleni noThixo?
3
Noba ungade uzimisele ukuxoxa, awungebi nako ukuphendula nomnye kwiwaka lemibuzo yakhe.
4
Kaloku yena sisilumko esibalaseleyo ngamandla; akukho mntu unokumelana naye aze aphumelele.
5
Kaloku yena neentaba ezi usuka azisiphule zingazi zona; ewe, ngaloo ngqumbo yakhe usuka azibhukuqe.
6
Yena nomhlaba lo uyawugungxula, neentsika zawo zitsho ziqhaqhazele.
7
Nelanga uthetha nalo litsho lingaphumi, ke zona iinkwenkwezi uzigubungela zitsho zingaveli.
8
Nguye owawatwabululayo amazulu, waza wandolosa phezu kwawo amaza olwandle.
9
Nguye umenzi weendidi zeenkwenkwezi, oozibhere noomakroza, isilimela nomthala wasezantsi.
10
Yena ngumenzi wezinto ezinkulu ezingaphicothekiyo; kanti nemiqondiso yakhe ayinakubalwa.
11
Nokuba selegqitha ngakum andinako ukumbona; uthi tshe ndingaqondanga mna.
12
Khona selengade athathe into, ngubani ongamnqandayo? Akekho nongabuzayo athi: ‘Wenza ntoni ke?’
13
Kaloku uThixo akabuyi ngamva ngengqumbo yakhe; neentshaba zakhe ezazithelela uRahabhi isilo saselwandle wazinyhasha.
14
“Bendingubani ke mna ukuba ndingade ndiphendulane naye? Khona, ndingawazuza phi amazwi okuxoxa naye?
15
Nditsho sendimsulwa, andingeze ndamxoxisa; nto endingayenzayo kukuzibika ndimbongoze uMgwebi wam.
16
Nokuba sendizibika kuye, naxa angade andiphendule, anditsho ukuba angakuva ukuzithethelela kwam.
17
Kaloku yena undintlitha ngenzwinini yesaqhwithi, anditsho imivumbo ixananaze ngaphandle kwesizathu.
18
Akandiniki neli lokukhok' umoya ithuba, koko unditsho ndanengcwangu.
19
Xa kuthethwa ngamandla, nguye onawo; xa kuthethwa ngobulungisa, nguye onokundimangalela.”
20
“Ndimsulwa ndinjalo, kodwa ndigwetywa kwangumlomo wam. Nangona ndingade ndibe andinabala, yena angandifumana ndinetyala.
21
Ewe, andinabala, kodwa andizibaleli ntweni; nto nje ndikruqukile bobu bomi.
22
Kuba kaloku kuyafana; yiyo loo nto ke ndithi: ‘Yena utshabalalisa bonke, abamsulwa ngokunjalo nezaphula-mthetho.’
23
Isithwakumbe sithi sakuzisa ukufa yena aphoxise ngaso isibetho sabamsulwa.
24
Ihlabathi lisezandleni zezikhohlakali; ke bona abagwebi ubamfamekisile. Xa ingenguye ke uthi ngaba ngubani?
25
“Imihla yam ikhawuleza ngaphezu kwembaleki; ewe, ibaleka gqitha, ibe ke ayinayo nanto incomekayo.
26
Iphala njengesikhephe seengcongolo; ikhawuleza ngathi lukhozi lurhiwula ixhoba.
27
Noba sendisithi: ‘Hayi, ngoku ndiza kukhe ndizingcwabe izikhalazo zam, ndibobotheke ndihlale ndizonwabele,’
28
ndisuka ndoyike ndibe namanwele, kuba ndiyaqonda ukuba wena akungeke undibalele njengongenatyala.
29
Ke, ukuba ndiza kugwetywa, ngani ukuba ndibe sazabalaza?
30
Noba ndingade ndihlambe ngekhephu, izandla zam ndizicoce ngesephu,
31
wena uya kundiphosa emhadini, nditsho ndibe rhono-rhono, kwankqu neempahla zam zingandamkeli.
32
“Ebengumntu na kakade ukuba ndibe ndiphendulane naye? Hayi, bendingeze ndime naye enkundleni!
33
Kaloku phakathi kwethu sobabini akukho mlamli unokusahlula ngezandla zakhe.
34
Hayi bo! Khawumke noswazi lwakho khon' ukuze ndingabi sankwantya ndisoyika isohlwayo.
35
Xa kunjalo ke ndingatsho ndithethe ndingenaloyiko, kodwa ngale ndlela izinto zimi ngayo ngoku andinako.”
← Chapter 8
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 10 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31
32
33
34
35
36
37
38
39
40
41
42