bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
/
Job 4
Job 4
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
← Chapter 3
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 5 →
1
Kwesi sithuba ke kuphendule uElifazi waseTeman, wathi:
2
“Ngaba xa umntu enokukuphendula awungekhathazeki kodwa? Phofu ke ibingubani onokuthula nje?
3
Khumbula kaloku ukuba baninzi abantu obaqeqeshileyo, ubakhuthaza ubomeleza abazandla zinomkhinkqi!
4
Ngamazwi akho ubaxhasile abakhubekayo, wabaqinisa abamadolo agevezelayo.
5
Namhlanje ke kungawe, naku ke wena ungenakunyamezela; ewe, zidla kuwe, ngoku ke wena suka wadideka.
6
Andithi na kaloku wena ukholosa ngokuhlonela uThixo? Ewe kaloku, qamela ngobunyulu beendlela zakho, ukholose!
7
“Hayi kaloku, khawuzikise ukucinga; ngubani owakha wabhanga emsulwa? Ingubani khona owakhe watshabalala kodwa engenabala?
8
Ke kwawam amava, abalima ububi, batyale inkathazo, bavuna loo nto bayilimileyo.
9
Ewe kaloku, ngokuphefumla nje kukaThixo batsho badake; ngenene yena ufutha kube kanye batsho baphel' emehlweni!
10
Bona banjengeengonyama ezikroboke amazinyo: nokuba ziyagquma zibhavumle ngokurhwaqelisayo,
11
ziyatshabalala kukuswela amaxhoba, nawo amathole azo asuke abe ziintsali.”
12
“Ndakha ndee rhithi udaba bunkente-nkente; ewe, iindlebe zam zeva amarhe ngathi kuyasetyezwa.
13
Kanye ngaloo mathuba emiva-ndedwa yemibono ebusuku, xa kanye ndikobentlombe,
14
suka ndarhwaqela ndankwantya, ada amathambo am anengevane.
15
Nako ke kusithi phinzi into phambi kwam; hayi ke, ndahlathuzela ngamanwele!
16
Nantso ke, suka yema bhunxe! Hayi, andibanga nakuyinakana mpela. Phofu wona umthinzi wabe uphambi kwam – hayi ke, kwathi cwaka, ndada ndeva ilizwi lisithi:
17
‘Ngab' ingenzeka na into yokuba umntu abe lilungisa kunoThixo? Umntu angaba nyulu ngaphezu koMdali wakhe?
18
Andithi na kaloku nezicaka zakwakhe akazithembi? Nditsho nezithunywa zakhe azimkholisi kwaphela.
19
Babengoobani ke abantu abahlala ezindlwini zodaka, abantu abasiseko siluthuli, abasuka batyumke njengenundu?
20
Umntu ungambona ekhona kusasa, kanti ke kuya kuthi kurhatyela abe selengasekho; ewe, utshabalala kuphele engakhange aqondakale!
21
Kaloku nelo nqugwala lakhe lisuka lincothulwe, ke yena afe engekabufumani bona ubulumko!’
← Chapter 3
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 5 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31
32
33
34
35
36
37
38
39
40
41
42