bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
/
Job 36
Job 36
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
← Chapter 35
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 37 →
1
UElihu uqhube wathi:
2
“Kambe ke khawundinyamezele kancinci, kuba kusekho ekufuneka ndikuthethe ndimele uThixo.
3
Olwam ulwazi luvela kude; lucacisa ukuba uThixo, uMdali wam, lilungisa.
4
Kaloku akukho buxoki kula mazwi am – ophakathi kwenu unolwazi olugqibeleleyo.
5
UThixo womelele, kodwa akadeleli mntu; unamandla, nolwazi lwakhe alugungqi.
6
Izikhohlakali akaziyeki zidle ubomi, kodwa uyabazelelela abo bahlelelekileyo.
7
Akawasusi amehlo akhe kumalungisa. Nguye obeka ookumkani ezihlalweni, abanye abayeke apho ixesha elide. Kodwa ukuba bayaziphakamisa
8
bakhonkxwa ngamatyathanga, bebanjiwe ngezintya zeentlupheko.
9
UThixo ubatyhilela izenzo zabo, esalatha izikreqo zabo xa babeziphakamisa.
10
Kaloku yena ubenza balulamele ululeko; ubayalela ukuba bahlukane nobugwenxa.
11
Ukuba ke bayamva bemthobela uThixo, boyigqiba imihla yabo bexhamla indyebo, neminyaka yabo ibe yeyokwaneliseka.
12
Kambe ke xa bengeva baya kutshabalala ngekrele, bafe ngenxa yokuswela kwabo ulwazi.
13
“Abantliziyo zingenaThixo bazongezelela ingqumbo yakhe; abazibiki kuye naxa bekhonkxiwe.
14
Bona bafa besebatsha, bexhwalekile ngamahlazo abahlala kuwo.
15
Kambe uThixo uyabafundisa abantu nangehambo-nzima; ubavula iindlebe ngokusebenzisa nembandezelo.
16
“Nawe wakukhupha enkathazweni, wakutsho waxhamla intlala-kahle, usitya uhlutha, ungaswele nto.
17
Kodwa ngoku isohlwayo esifanele abakhohlakeleyo siphezu kwakho; ukugwetywa nokohlwaywa kukufikele.
18
Lumka ke umsindo wakho ungawenzi umgibe wokubambisa abanye, ungazimiseli ukusebenzisa ukunyoba okukhulu ukuguqula imeko.
19
Ngaba kukubhomboloza kwakho na okunokukunceda? Hayi bo, yonke imigudu yakho ayingeke incede.
20
Sukulangazelela ukuza kobusuku, xesha elo batshabalala ngalo abantu.
21
Lumka ungayi ebubini; ungazilahleli kubo ngenxa yokubandezeleka.
22
Kaloku uThixo yimbalasane ngamandla; ke kumba wokufundisa uyingcungela.
23
UThixo akaxelelwa mntu amakakwenze; ngubani onokuthi kuye: ‘Wenze okugwenxa’?
24
Khumbula uwuphakamise umsebenzi wakhe, lowo abantu bawubongayo ngeengoma.
25
Bonke abantu bayayibona imisebenzi yakhe, noxa beyibona bekude nje.
26
Hayi ukuba mkhulu kukaThixo! Uyiphakamele ingqiqo yethu; inani leminyaka yakhe aligocagoceki.
27
“Nguye ofunxa amanzi emhlabeni, awajike awenze amathontsi emvula,
28
mvula leyo ina iphuma emafini, ibe zizandyondyo kumntu wonke.
29
Ngubani okuqondayo ukuhamba kwamafu, nokuzongoma kweendudumo ezulwini phaya?
30
Yena utshawuzisa umbane esibhakabhakeni; nguye ogubungela inzonzobila yolwandle.
31
Le yindlela aluxhasa ngayo uluntu, aluthi jize ngendyikityha yendyebo.
32
Ke yona imibane iselulawulweni lwesandla sakhe; uyayiyalela itsho ichan' ucwethe.
33
Kambe ke sona isiphango sixelwa ziindudumo, nditsho neenkomo ziyakwazi ukuza kwaso.
← Chapter 35
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 37 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31
32
33
34
35
36
37
38
39
40
41
42