bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
/
Romans 10
Romans 10
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
← Chapter 9
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 11 →
1
Bazalwana, inkolelo yeyam intliziyo, nesikhungo sam kuye uThixo, ngenxa yamaSirayeli, sesokuba asindiswe.
2
Ndiyabangqinela ukuba banokumzondelela uThixo, koko bengamzondeleli ngokokwazi okukuko.
3
Kuba bathe, bengabazi ubulungisa bukaThixo, befuna nokumisa obabo ubulungisa, ababululamela ubulungisa bukaThixo.
4
Kaloku intsingiselo yomthetho nguKrestu, ukuze abe bubulungisa kubo bonke abakholwayo.
5
Kuba uMoses ubulungisa basemthethweni uthi ukububhala, Umntu ozenzileyo ezi zinto uya kudla ubomi ngazo.
6
Ke bona obaselukholweni ubulungisa buthetha ngolu hlobo, Musa ukuthi entliziyweni yakho, Ngubani na oya kunyuka aye emazulwini ukuba ahlise uKristu? oko kukuthi, ukumhlisa uKristu phezulu;
7
nokuthi, Ngubani na oya kuhla aye enzonzobileni? oko kukuthi, ukumnyusa uKristu kwabafileyo.
8
Ithini na ke le nto? Ilizwi likufuphi kuwe, emlonyeni wakho nasentliziyweni yakho: elo ke lilizwi lokholo, esilivakalisayo.
9
Ngokuba, xa uthe wamvuma ngomlomo wakho ukuba uyiNkosi uYesu, wakholwa ngentliziyo yakho ukuba uThixo wamvusa kwabafileyo, wosindiswa.
10
Kuba umntu ukholwa ngentliziyo, ukuze abe nobulungisa; kwaye ngomlomo uvumo lwenziwa losindiso.
11
Kuba isibhalo sithi, Bonke abakholwayo kuye abayi kudaniswa.
12
Akukho kwahluka kwamYuda namGrike; kuba ikwayiloo Nkosi eyiNkosi yabo bonke, ibubutyebi kubo bonke abayinqulayo.
13
Kuba bonke abasukuba belinqula igama leNkosi bosindiswa.
14
Bothini na ke ukumnqula lowo bangakholwanga kuye? Bothini na ukukholwa kulowo bangevanga ngaye? Bothini na ke ukuva, kungekho mshumayeli?
15
Bangathini na ke ukushumayela, bengathunywanga? njengokuba kubhaliwe kwathiwa, Hayi, ukuba zintle kwazo iinyawo zabashumayela iindaba ezilungileyo zoxolo, zabashumayela iindaba ezilungileyo zezinto ezilungileyo!
16
Kodwa abazilulamelanga bonke iindaba ezilungileyo. Kuba uIsaya uthi, Nkosi, ngubani na okholiweyo ludaba lwethu?
17
Ngoko ke ukholo luphuma eludabeni, udaba ke lukho ngelizwi likaThixo.
18
Ndithi ke, Abevanga na? Ilizwi labo laphuma laya kulo lonke ihlabathi, Namazwi abo aya eziphelweni zelimiweyo.
19
Ndithi ke, Kodwa ubengazi na uSirayeli? Kuqala uMoses uthi, Ndiya kunikhweletisa ngabangebantu, ndiniqumbise ngohlanga olunobudenge.
20
Ke yena uIsaya akanqwanqwi, uthi, Ndifunyenwe ngababengandifuni; ndabonakalaliswa kwababengandifuni.
21
Kodwa kuSirayeli uthi, Imini yonke izandla zam ndizolulele kubantu abangevayo, abaphikisayo.
← Chapter 9
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 11 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16