bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
/
Romans 7
Romans 7
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
← Chapter 6
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 8 →
1
Anazi na, bazalwana (kuba ndithetha kwabawaziyo umthetho), ukuba umthetho umphatha ngobukhosi umntu ngexesha lonke adla ubomi ngalo?
2
Kuba umfazi owendileyo, ubotshiwe ngumthetho endodeni yakhe, lo gama idla ubomi; ke ukuba ithe yafa indoda, ukhululekile kuwo umthetho wendoda.
3
Ngoko ke, ukuba uthe waba kuyimbi indoda, yakubon’ ukuba indoda yakhe isadla ubomi, kothiwa ngumkrexezikazi, ukuba angabi mkrexezikazi, ethe waba kuyimbi indoda.
4
Ngoko ke, bazalwana bam, nani n’abulawa nafa kuwo umthetho ngawo umzimba kaKristu; ukuze nibe kuwumbi, kulowo ke uvukileyo kwabafileyo, ukuze sixakathe isiqhamo kuThixo thina.
5
Kuba oko besikwinyama, ukuthabatheka zizono, okube kuxhokonxwa ngawo umthetho, kwakusebenza emalungwini ethu ekuxakatha isiqhamo esisa ekufeni.
6
Ke ngoku sikhululwe thina kuwo umthetho, safayo nje kwesasibanjwe kuko, ukuze sikhonze sinobutsha bomoya, singakhonzi sinobudala bomthetho obhaliweyo.
7
Sithini na ke ngoko? Umthetho usisono na? Makube lee oko. Ke ngendingasazanga isono, bekungekabikho emthethweni; kuba nenkanuko ngendingayazanga, ukuba umthetho ubungatshongo ukuthi, Uze ungakhanuki.
8
Isono ke sizuze ithuba ngawo umthetho, sasebenza ngaphakathi kwam yonke inkanuko; kuba, kungekho mthetho, isono sifile.
9
Mna ke bendifudula ndiphilile, ungekho umthetho; uthe ke wakufika umthetho, sabuya saphila isono, ndafa ke mna;
10
waza umthetho obumiselwe ukusa ebomini, ndawufumana usingisa ekufeni.
11
Kuba isono, sizuze ithuba ngawo umthetho, sandilukuhla, saza ngawo sandibulala.
12
Ngoko ke umyalelo okunene ungcwele; nomthetho ungcwele, unobulungisa, ulungile.
13
Oko ke kulungileyo kwaba kukufa na ke kum? Makube lee oko. Isono ke, ukuze sibonakale sisisono, sisebenza ukufa kum ngako oko kulungileyo; ukuze isono ngawo umthetho sibe sisono ngokuncamisileyo.
14
Siyazi ke ukuba umthetho ungowomoya; ke mna ndingowenyama; kuthengiswe ngam, ndaba phantsi kwesono.
15
Kuba oko ndikwenzayo andikwazi mna; kuba endikuthandayo, oko andikwenzi; kodwa endikuthiyayo, oko ndiyakwenza.
16
Ukuba ke endingakuthandiyo ndenza khona oko, ndivumelana nomthetho ukuba mhle.
17
Ngoko ke ayisendim osebenza oko, seyisisono esi simiyo ngaphakathi kwam.
18
Kuba ndiyazi ukuba ngaphakathi kwam, oko kukuthi enyameni yam, akumi okulungileyo; kuba ukuthanda kukho ukubakho oku kum; ke kona ukwenza okulungileyo andikufumani.
19
Kuba okulungileyo endikuthandayo, andikwenzi; khona okubi, endingakuthandiyo, oko ndiyakwenza.
20
Ukuba ke endingakuthandiyo ukwenza oko, ayisendim okwenzayo oko, seyisisono esi simiyo ngaphakathi kwam.
21
Ndifumana ngoko lo mthetho kum, wokuba kuthi, ndifuna ukwenza okulungileyo, kusuke kubekho okubi kum.
22
Kuba ndikholene nomthetho kaThixo ngokomntu ongaphakathi;
23
Kodwa ndibona mthetho wumbi, emalungwini am, usilwa nomthetho wengqiqo yam, undithimbela emthethweni wesono, lowo usemalungwini am.
24
Athi ke mna, mntu uludwayi! Ngubani na oya kundihlangula kulo mzimba woku kufa?
25
Ndiyambulela uThixo ngoYesu Krestu iNkosi yethu. Ngoko ke mna ngokwam ngayo ingqiqo okunene ndikhonza umthetho kaThixo; kodwa ngayo inyama umthetho wesono.
← Chapter 6
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 8 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16