bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
/
Romans 8
Romans 8
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
← Chapter 7
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 9 →
1
Ngoko ke, ngoku akukho kugwetywa kwabakuKristu Yesu; abangahambiyo ngokwenyama, abahamba ngokoMoya.
2
Kaloku ngokumanywa kwam noKrestu Yesu, uMoya umniki-bomi undikhulule ekulawulweni sisono nakukufa.
3
Kuba oko wawungenako umthetho, ngenxa yokuba uswele amandla ngayo inyama, uThixo wamthuma owakhe uNyana, ekwimeko yenyama enesono, ngenxa yesono, wasigweba isono esenyameni;
4
ukuze ubulungisa bomthetho buzaliseke kuthi, thina singahambiyo ngokwenyama, sihamba ngokoMoya.
5
Abo bangokwenyama banyamekela izinto zasenyameni; abo ke bangokoMoya banyamekela izinto zoMoya.
6
Kaloku ukunyameka kwenyama ikukufa; ke ukunyamekela ezoMoya bubomi noxolo.
7
Kaloku ukunyameka kwenyama kububutshaba kuThixo, kuba umthetho kaThixo kungawululameli, kuba kungenako nokuba nako ukwenjenjalo.
8
Abo ke bakwinyama, abanakumkholisa uThixo.
9
Ke nina aningabo abaphila ngokwesimo esonakeleyo, ningabo bakhokelwa nguMoya, ukuba kambe uMoya kaThixo uhleli kuni. Ukuba ke umntu akanaye uMoya kaKristu, akangowakhe lowo.
10
Ukuba ke uKristu ungaphakathi kwenu, umzimba okunene ufile ngenxa yesono; kodwa uMoya ububomi ngenxa yobulungisa.
11
Ukuba ke uMoya walowo wamvusayo uYesu kwabafileyo, umi ngaphakathi kwenu, yena owamvusayo uKristu kwabafileyo uya kuyenza iphile nemizimba yenu enokufa, ngaye uMoya wakhe omiyo ngaphakathi kwenu.
12
Ngoko ke, bazalwana, singabanetyala; kodwa kungekuyo inyama ukuze siphile ngokwenyama.
13
Kuba xa niphila ngokwenyama, niza kufa; ke ukuba niyazibulala ngoMoya, zife iintlondi zomzimba, nophila.
14
Kaloku abo bakhokelwa nguMoya kaThixo, bangoonyana bakaThixo.
15
Kuba anamkelanga moya wabukhoboka, ukuba nibuye noyike; namkele uMoya wokwenziwa oonyana, esidanduluka ngaye sithi, Abha, Bawo.
16
uMoya ngokwakhe ungqinelana nomoya wethu, ukuba singabantwana bakaThixo.
17
Ukuba ke singabantwana, sikwaziindlalifa; iindlalifa zikaThixo, iindlalifa ke kunye noKristu; ukuba okunene siva ubunzima kunye naye, ukuze sizukiswe nokuzukiswa kunye naye.
18
Ndigqiba kwelithi, iintlungu zeli xesha lakalokunje azinakulinganiswa nobuqaqawuli obu buza kutyhilwa kuthi.
19
Kuba ukulangazelela kwendalo kulinde ukutyhileka koonyana bakaThixo.
20
Kuba indalo yathotyelwa kwimeko ephuthileyo, kungengakuthanda kwayo, kodwa kungokuthanda kwalowo wayithobayo, enethemba;
21
Ngenxa yokuba nayo indalo ngokwayo iya kukhululwa ebukhobokeni bokonakala, isingiswe enkululekweni yozuko lwabantwana bakaThixo.
22
Kuba siyazi ukuba kude kube ngokunje yonke indalo iyancwina inenimba.
23
Asiyiyo ke yodwa; sisuka nathi, banayo intlahlela yoMoya, thina aba ke ngokwethu, sincwine ngaphakathi kwethu, silinde ukwenziwa oonyana; inkululeko yomzimba wethu ke leyo.
24
Kaloku sasindiselwa ethembeni; ke ithemba elise libonwa asithemba; kuba oko akubonayo umntu, angaba usakuthembeleni na?
25
Kodwa ke into esingayiboniyo, esithembe ukuyifumana, siyilindela ngomonde.
26
Ngokukwanjalo ke noMoya uncedisana nokuswela kwethu amandla, kuba esingakuthandazelayo ngokoko simelwe kukuthandaza ngako, asikwazi; uthi ke uMoya ngokwakhe asithethelele ngezincwino ezingathethekiyo.
27
Ke oziphengululayo iintliziyo uyakwazi into okuyiyo ukunyameka koMoya; ngokuba ubathethelela abangcwele ngokukaThixo.
28
Siyazi ke ukuba zonke izinto zisebenziselana okulungileyo kwabo bamthandayo uThixo, kwababiziweyo ngokwengqibo yakhe.
29
Ngokuba abo wabaziyo ngenxa engaphambili, wabamisela ngenxa engaphambili ukuba bafane nomfanekiselo woNyana wakhe, ukuze abe ngowamazibulo kubazalwana abaninzi.
30
Abo ke wabamiselayo kwangaphambili, wababiza kananjalo; abo ke wababizayo, wabuya wabagwebela bona; abo ke wabagwebelayo, wabuya wabazukisa kananjalo.
31
Sithini na ke ngoko kwezi zinto? Ukuba uThixo ungakuthi, ngubani na ongasichasayo?
32
Lowo, gxebe, ungamconganga owakhe uNyana, wesuka wamnikela ngenxa yethu sonke, angathini na ukuba angasibabali ngazo zonke ezo zinto, ndawonye naye?
33
Ngubani na oya kubamangalela abanyulwa bakaThixo, inguThixo nje obagwebelayo? nguThixo ogwebelayo.
34
Ngubani na ogwebayo? nguKristu owafayo, wathi ngaphezu koko, wabuya wavuka, ongasekunene kukaThixo, osithethelelayo.
35
Ngubani na oya kusahlula eluthandweni lukaKristu? Yimbandezelo na, luxinaniso na, yintshutshiso na, yindlala na, bubuze na, yingozi na, likrele na?
36
Njengoko kubhaliwe kwathiwa, Ngenxa yakho sibulawa imini yonke; yiyo loo nto sesifana neegusha eziya kuxhelwa nje.
37
Kanti ke, kwezi zinto zonke sisuka soyise sitshatshele ngalowo wasithandayo.
38
Kuba ndeyisekile kukuba nakufa, nabomi, nazithunywa zezulu, nazilawuli, nanto zikhoyo, nanto zizayo, nanto zizayo;
39
Nabuphakamo, nabunzulu, nasinye isidalwa, asiyi kuba nako ukusahlula thina eluthandweni lukaThixo, olukuye uKristu Yesu, iNkosi yethu.
← Chapter 7
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 9 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16