bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
/
Romans 11
Romans 11
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
← Chapter 10
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 12 →
1
Ngoko ke ndithi, uThixo ubagibile na abantu bakhe? Makube lee oko. Kuba nam ndingumSirayeli, wembewu ka-Abraham, wesizwe sikaBhenjamin.
2
uThixo akabagibanga bona abantu bakhe, abebazi ngenxa engaphambili. Aniyazi na into esiyithethayo isibhalo ngoEliya? ukuba awangxengxezeleyo kuThixo ngoSirayeli, esithi,
3
Nkosi, abaprofeti bakho ababulele, nezibingelelo zakho azichithile; mna ndisele ndedwa; afuna ke umphefumlo wam.
4
Lithini na ke ilizwi likaThixo kuye? Ndizishiyele amadoda angamawaka asixhenxe, angaguqanga dolo kuBhahali.
5
Ngokukwanjalo ke ngoko, nakweli xesha lakalokunje, kukho amasalela ngokonyulo lobabalo.
6
Ukuba ke kungobabalo, akusengamisebenzi; okanye ubabalo alungebi saba lubabalo. Ukuba ke kungokwasemisebenzini, akuselubabalo; okanye umsebenzi awusengumsebenzi.
7
Kuthiweni na ke ngoko? uSirayeli akakufumananga oko abekufuna; ke abanyuliweyo bakufumana, bathi ke abanye baqaqadekiswa
8
njengokuba kubhaliwe kwathiwa, uThixo ubanike umoya wobuthongo, amehlo okuba bangaboni, neendlebe zokuba bangeva, kwada kwanamhlanje.
9
Uthi ke uDavide, Isithebe sabo masibe ngumgibe, nesirhintyelo, nesikhubekiso, nembuyekezo kubo;
10
Makabe mnyama amehlo abo, ukuba bangaboni; Nomhlana wabo wugobe ngamaxesha onke.
11
Ndithi ngoko, Bakhubeka ukuze bawe na? Nakanye! Ngesiphoso sabo usindiso lwafika kuzo iintlanga, ukuze zibakhweletise.
12
Ukuba ke isiphoso sabo saba bubutyebi behlabathi, nokuncipha kwabo kwaba bubutyebi beentlanga; Kobeka phi na ke inzaliseko yazo?
13
Kuba ndithetha kuni, zintlanga. Ekubeni okunene mna ndingumpostile weentlanga, ndiyaluzukisa ulungiselelo lwam;
14
ukuba ndingade ndibakhweletise abenyama yam, ndisindise inxenye yabo.
15
Kuba xa ukulahlwa kwabo kuluxolelaniso lwehlabathi, koba yintoni na ukwamkelwa kwabo? Akububomi obuphuma kwabafileyo, yini na?
16
Ukuba ke intlahlela ingcwele, ikwanjalo nentlama; ukuba ke ingcambu ingcwele, akwanjalo namasebe.
17
Ukuba inxenye yamasebe yavuthululwa, wathi ke wena, ungumnquma wasendle, wamiliselwa phakathi kwawo, wabelana nawo ngeengcambu nasekutyebeni komnquma;
18
Musani ukuwaqhayisela amasebe; ke ukuba uyawaqhayisela, yazi ukuba asinguwe oyithweleyo ingcambu;
19
Uya kuthi ngoko, Axhuzulwa amasebe, ukuze mna ndimiliselwe.
20
Ke; aqhuzulwa ngenxa yokungakholwa, ke wena umi ngokwaselukholweni; musa ukukratsha, yoyika;
21
Kuba, xa uThixo angawaconganga awasemvelweni amasebe, lumka hleze angakucongi nawe lo.
22
Khawububone ke ububele nobukhali bukaThixo; ubukhali okunene kwabo bawayo; kodwa kuwe, ububele, ukuba uthe wahlala kobo bubele; okanye wogawulwa nawe lo.
23
Nabo ke, ukuba abathanga bahlale ekungakholweni, bomiliselwa; kuba uThixo unako ukubuya abamilisele.
24
Kuba wena, xa wagawulwa kumnquma ongowasendle ngokwemvelo, waza wamiliselwa ngokunxamnye nemvelo komhle umnquma: bobeka phi na aba bangamasebe ngokwemvelo, ukumiliselwa kwabo kowabo umnquma?
25
Kuba andithandi, bazalwana, ukuba ningayazi le mfihlelo, ukuze ningabi ziingqondi ngokwenu; ukuba ukuqaqadeka kuwahlele amaSirayeli ngenxenye, ide ingene inzaliseko yazo iintlanga;
26
aze ngokunjalo ke wonke uSirayeli asindiswe, njengokuba kubhaliwe kwathiwa, Uya kuvela eZiyon uMhlanguli, Akusonge kumke kwaYakobi ukungahloneli Thixo.
27
Nguwo lo umnqophiso wam nabo, Xa ndithe ndazisusa izono zabo.
28
Okunene ngokweendaba ezilungileyo, baziintshaba ngenxa yenu; kodwa ngokonyulo, ngabaziintanda ngenxa yoobawo.
29
Kuba azinabuyambo izibabalo ezi, nobizo olu lukaThixo.
30
Kuba, njengokuba nani benifudula ningamvi uThixo, ngoku ke nenzelwe inceba kukungakholwa kwabo;
31
kwangokunjalo, nabo ababanga namvo ngoku, ukuze ngokwenzelwa kwenu inceba, benzelwe nabo inceba.
32
Kuba kaloku uThixo ubavalele ndawonye entsweleni-kuva bonke, ukuze abenzele inceba bonke.
33
Hayi, ubunzulu bobutyebi nobobulumko nobokwazi kukaThixo! Asikuko nokuba ayiphengululeki imigwebo yakhe, azilandeki iindlela zakhe!
34
Kuba ngubani na oyazileyo ingqiqo yeNkosi? Ngubani na obuye waba ngumcebisi wakhe?
35
Ngubani na khona owayinikayo ngenxa engaphambili, kwaza kwabuyekezwa kuye?
36
Ngokuba ziphuma kuyo ke, zikho ngayo, zikholo yona, zonke ezo zinto. Malube kuyo uzuko, kude kube ngunaphakade. Amen.
← Chapter 10
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 12 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16