bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
/
Romans 3
Romans 3
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
← Chapter 2
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 4 →
1
Ugqithisele ngantoni na ngoko umYuda kwabanye? Kunceda ntoni na ukwaluka?
2
Kukhulu, ngeendlela zonke. Kuba ke, ukuqala, baphathiswa izihlabo zikaThixo.
3
Kuyini na khona, ukuba abathile abakholwanga? Ngaba ukungakholwa kwabo kuya kuluphuthisa na ukholo lukaThixo?
4
Nakanye! uThixo yena makabe nenyaniso, bonke abantu ke babe ngamaxoki; njengokuba kubhaliwe kwathiwa, Ukuze ube nokugwetyelwa emazwini akho, Weyise ekugwetyweni.
5
Ke ukuba ukuswela-kulungisa kwethu kuqondakalisa ubulungisa bukaThixo, sothini na? Ulilungisa nguThixo na, ophindezelayo? (Ndithetha njengendoda)
6
Nakanye! Oko ubengathini na uThixo ukuligweba ihlabathi?
7
Ukuba inyaniso kaThixo iphuphumele ekuthini azukiswe ngobuxoki bam; yini na ukuba ndisagwetywe njengomoni?
8
Yini na ukuba singabi sesisithi (ngoko ke sinyeliswayo, ngoko ke abathile bathi, sithi thina), Masenze okubi, ukuze kuvele okulungileyo? abakugwetywa kuyeleleyo.
9
Kuthiweni na ngoko? Ngaba thina sibhetele kunabo? Hayi, nakanye! Kuba besesiwamisele ngenxa engaphambili amaYuda kwanamaGrike, ukuba baphantsi kwesono bonke;
10
njengokuba kubhaliwe kwathiwa, Akukho lungisa, hayi, nalinye;
11
Akukho uqondayo; akukho umfunisisayo uThixo.
12
Bonke baphambukile, abancedi lutho xa bebonke; Akukho wenza okulungileyo, hayi, nokuba abe mnye.
13
Lingcwaba elivulekileyo umqala wabo; Ngeelwimi zabo bamana ukukhohlisa; Ubuhlungu bephimpi buphantsi komlomo wabo.
14
Abamlomo uzele ziziqalekiso nobukrakra.
15
Iinyawo zabo zinamendu okuphalaza igazi;
16
Lityumtyum neentsizi ezindleleni zabo;
17
Nendlela yoxolo abayazanga.
18
Akukho koyika Thixo phambi kwamehlo abo.
19
Siyazi ke ukuba izinto zonke ozithethayo umthetho, uzithetha kwabaphantsi komthetho; ukuze imilomo yonke ivingcwe, nehlabathi lonke libe netyala kuThixo.
20
Ngoko ke, ngokwasemisebenzini yomthetho, akuyi kugwetyelwa nyama emehlweni akhe; kuba isono saziwe ngokubakho komthetho.
21
Ngoku ke kubonakaliswe ubulungisa bukaThixo, kungekho mthetho, bungqinelwa nguwo umthetho nabaprofeti;
22
ubulungisa ke bukaThixo, obungokukholwa kuYesu Kristu, bube bobabo bonke, buphezu kwabo bonke abakholwayo;
23
Kuba bonile bonke, basilelela eluzukweni lukaThixo;
24
begwetyelwe ngesisa lubabalo lwakhe ngako ukukhululwa ngentlawulelo ekuYesu Kristu;
25
athe uThixo wammisa, ukuba abe sisicamagushelo ngegazi lakhe, ngako ukukholwa, ukuze bubonakalaliswe ubulungisa bakhe ngenxa yokuyekelelwa kwezono ezibe zenziwe ngenxa engaphambili, ekunyamezeleni kukaThixo;
26
ukuze bubonakalaliswe ubulungisa bakhe ngeli xesha lakalokunje, ukuze abe lilungisa, kwanomgwebeli walowo waselukholweni lukaYesu.
27
Luphi na ngoko uqhayiso? Ayibandakanywa. Ngawuphi umthetho? yemisebenzi? Hayi, kungomthetho wokholo.
28
Ngoko ke sigqiba kwelithi, umntu ugwetyelwa ngokholo, kungekho misebenzi yamthetho.
29
Ngaba unguThixo wamaJuda kuphela? Akanguye na noweentlanga? Ewe, ngoweentlanga nazo;
30
ekubeni emnye uThixo, oya kugwebela abolwaluko ngokwaselukholweni, nabangengabolwaluko ngalo ukholo.
31
Umthetho ngoko siyawuphuthisa na ngalo ukholo? Nakanye! Siyawumisa umthetho.
← Chapter 2
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 4 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16