bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
/
Romans 15
Romans 15
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
← Chapter 14
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 16 →
1
Thina ke bomeleleyo sifanele ukukuthwala ukuswela amandla kwabangomeleleyo, singazikholisi.
2
Masithi sonke ngabanye simkholise ummelwane kokulungileyo ukuze akheke.
3
Kuba naye uKristu akazikholisanga; wathi, njengokuba kubhaliwe, Iingcikivo zabakungcikivayo zawa phezu kwam.
4
Kuba zonke izinto ezabhalwayo ngenxa engaphambili, zaye zibhalelwa okwethu ukufundiswa, ukuze sithi ngalo unyamezelo novuselelo lwezibhalo sibe nalo ithemba.
5
Wanga ke uThixo wonyamezelo novuselelo anganinika ukucinga nto-nye phakathi kwenu, ngokukaKristu Yesu;
6
ukuze nithi, nimxhelo mnye, engamlomo mnye uThixo, uYise weNkosi yethu uYesu Kristu.
7
Kungoko ndithi, Yamkelanani, njengokuba naye uKristu wasamkelayo, ukuba kuzukiswe uThixo.
8
Ndithi ke, uYesu Kristu waba ngumlungiseleli wolwaluko ngenxa yenyaniso kaThixo, ukuze aqinise izithembiso zakhe koobawo;
9
zithi ke iintlanga zimzukise uThixo ngenxa yenceba yakhe; njengokuba kubhaliwe kwathiwa, Ngenxa yoko, ndiya kukudumisa phakathi kweentlanga, Ndilibethele uhadi igama lakho.
10
Kananjalo athi, Yibani nemihlali, zintlanga, ndawonye nabantu bakhe.
11
Kananjalo, Yidumiseni iNkosi, nonke nina zintlanga; nimdumise, nonke nina bantu.
12
Kananjalo uIsaya uthi, Liya kubakho iHlumelo likaYese; Uya kuvela oya kulawula iintlanga; ziya kuthembela kuye iintlanga.
13
Wanga ke uThixo wethemba angcwalise ngalo lonke uvuyo noxolo ekukholweni, ukuze niphuphume ithemba ngamandla oMoya oyiNgcwele.
14
Ke kaloku, bazalwana bam, ndeyisekile nam ngokwam, mayelana nani, kukuba nani ngokwenu nizele nazaliswa kukulunga, nizele kuko konke ukwazi, ninako nokululekana.
15
Ke kaloku, mawethu, ndinibhalele ngobubele obungasifanelanga, ndisithi, ndinikhumbuza, ngako ubabalo endababalwa ngalo nguThixo;
16
ukuze ndibe ngumlungiseleli kaYesu Kristu kuzo iintlanga, osebenza ubulungiseleli beendaba ezilungileyo zikaThixo, ukuze ukusondezwa kweentlanga kwamkeleke kakuhle, kungcwalisiwe ngoMoya oyiNgcwele.
17
Ngoko ke ndiyazingca, ndikuKristu Yesu, ngezinto ezilunge kuThixo.
18
Kuba mna andiyi kuba nabuganga bakuthetha nto ngazinto angazisebenzanga uKristu ngam, ukuze zimlulamele iintlanga, ngelizwi ke nangomsebenzi;
19
Ngamandla emiqondiso nezimanga, ngamandla oMoya kaThixo; endide ndathi, ndithabathela eYerusalem, ndajikelezisa, ndezisa kwelaseIliriko, ndazizalisa iindaba ezilungileyo zikaKristu.
20
Ndenjenjalo ke ukuzondelela ukushumayela iindaba ezilungileyo; kungekhona apho uKristu wakhankanywayo, ukuze ndingakhi phezu kwesiseko somnye;
21
kube njengokuba kubhaliwe kwathiwa, Abo bangabikelwanga nto ngaye, baya kubona; nabangevanga nto baya kuqonda.
22
Kungoko ndabanjezelwayo nokubanjezelwa futhi, ukuba ndingafiki kuni.
23
Ngoku ke ndingasenandawo nje kule mimandla, ndiseneminyaka emininzi ndilangazelela ukuza kuni,
24
xa ndihambela kwelaseSpani, ndoza kuni; kuba ndithemba ukunibona xa ndicandayo kuni, nokuphelekelelwa nini ukuya khona, ukuba ndithe kuqala ndakha ndadlelana nani ngokwaneleyo.
25
Ngoku ke ndisinga eYerusalem, ndisiya kulungiselela abangcwele.
26
Kuba kwakholeka kwabelaseMakedoni nabelaseAkaya, ukuba badlelane namahlwempu abo bangcwele baseYerusalem ngokuwupha okuthile.
27
Inene, kukholekile kubo; banetyala kubo. Kuba iintlanga, xa zadlelanayo nabo ngezinto zabo ezizezomoya, zikwafanele ukubabusela ngezizezenyama.
28
Ngoko ke, ndakuba ndikufinyezile oko, ndasinqabisela kubo eso siqhamo, ndobuya ngani ukuya kwelaseSpani.
29
Ndiyazi ke ukuba ndothi, ndakuza kuni, ndize ndinentsikelelo ezalisekileyo yeendaba ezilungileyo zikaKristu.
30
Ke kaloku, ndiyaniyala, bazalwana, ngayo iNkosi yethu uYesu Kristu, nangenxa yothando loMoya, ukuba nikhuthalele kunye nam ekundithandazeleni kuThixo;
31
ukuze ndihlangulwe kwabangakholwayo kwelakwaYuda; ukuze ulungiselelo lwam olusingisele kwiYerusalem lwamkeleke kubo abangcwele;
32
ukuze ndize kuni ndinovuyo, ngokuthanda kukaThixo, siphumzane.
33
uThixo ke woxolo makabe nani nonke. Amen.
← Chapter 14
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 16 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16