bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
/
Romans 9
Romans 9
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
← Chapter 8
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 10 →
1
Ndithetha inyaniso ndikuKristu, andixoki, sanesazela sam sindingqinela nakuMoya oyiNgcwele;
2
ngokuba ndineentlungu kakhulu, nentuthumbo enkulu engapheliyo, entliziyweni yam.
3
Kuba bendingade ndinqwenele ukusingelwa phantsi mna ngokwam, ndaphuma kuKristu ngenxa yabazalwana bam, abayimizalwane yam ngokwenyama;
4
Ngoobani bona oonyana bakaSirayeli; ekukokwabo ukwenziwa oonyana, nokuzukiswa, nokuphiwa iminqophiso, nokuwiswa komthetho, nenkonzo kaThixo, namadinga;
5
abangababo ooyise; awaphuma kubo uKristu ngokwenyama, uThixo ongophezu konke, engowokubongwa kude kube ngunaphakade. Amen.
6
Ke, xa nditshoyo, andithethi nto nje, ngokungathi ilizwi likaThixo liphalele. Kuba asingabo bonke abaphuma kuSirayeli abangamaSirayeli;
7
kananjalo abathe, ngakuba beyimbewu ka-Abraham, baba ngabantwana bonke; kusuke kwathiwa, Imbewu yakho iya kubizwa ngoIsake;
8
Oko kukuthi, asingabantwana benyama abangabantwana bakaThixo; ngabantwana bedinga ababalelwa ekuthini bayimbewu.
9
Kuba lilo eli ilizwi ledinga, Ngeli xesha nyakenye ndiya kuza, waye uSara eya kuba nonyana.
10
Asiyiyo le yodwa; kwathi nakuRebheka, akubon’ ukuba ukhawule ngamnye, ngoIsake ubawo wethu.
11
(Kuba abantwana bengekazalwa, bengenzanga nto ilungileyo, nokuba imbi, ukuze icebo likaThixo elingokonyulo lime, lingabi ngokwasemisebenzini, libe liphuma kulowo ubizayo);
12
Kwathiwa kuye, Omkhulu uya kukhonza komnci;
13
njengokuba kubhaliwe kwathiwa, uYakobi ndamthanda, ke uEsawu ndamthiya.
14
Sithini na ke ngoko? Kukho ukuswela kulungisa kusini na kuye uThixo? Makube lee oko.
15
Kuba esithi kuMoses, Ndiya kuba nenceba kosukuba ndinenceba kuye, ndibe netarhu kosukuba ndinetarhu kuye.
16
Ngoko ke asikokothandayo, asikokobalekayo; kokukaThixo onenceba.
17
Kuba isibhalo sithi kuFaro, Ndakuvelisela yona le nto, yokuba ndiwabonakalalisele kuwe amandla am, nokuthi laziswe igama lam kulo lonke ihlabathi.
18
Ngoko ke unenceba kwathanda ukumenzela inceba, athi ke athandayo amenze lukhuni.
19
Uya kuthi kum ngoko, Usasolelani na ke? Kuba ngubani na omelana necebo lakhe?
20
Ehla ke, mntundini! ungubani na wena, ukuba uphendulane noThixo? Into exonxiweyo ingatsho na kumxonxi wayo ukuthi, Yini na ukuba undenjenje ukundenza?
21
Akanagunya na umbumbi phezu kodongwe ukuba enze kwangaloo ntlama, esinye isitya sibe sebekeka, nesinye esingabekekanga?
22
Hi, ke, ukuba uThixo, ethanda ukubonakalalisa ingqumbo yakhe, nokwazisa amandla akhe, wathwala enokuzeka kade okukhulu izitya zengqumbo, zilungiselwe intshabalalo;
23
ukuze abaze ubutyebi bozuko lwakhe ezityeni zenceba, abezilungisele uzuko ngenxa engaphambili;
24
ezi wazibizayo, kwathina aba, kungekuwo amaYuda odwa, kukwiintlanga nazo?
25
Njengokuba esithi nakwekaHoseya, Ndiya kubabiza abangebantu bam ngokuba ngabantu bam; nentanda yakhe, engathandwa.
26
Kwathi, apho kwabe kusithiwa kubo, Aningobantu bam nina; baya kubizwa khona ngokuthi, bangoonyana bakaThixo ophilileyo.
27
Kananjalo uIsaya udanduluka ngoSirayeli, esithi, Nangona inani loonyana bakaSirayeli lingangentlabathi yaselwandle, kosinda amasalela odwa.
28
Kuba elifeza ilizwi, aligqibe ngobulungisa; ngokuba iNkosi iya kwenza ilizwi layo phezu komhlaba, ilifinyeze.
29
Kwanjengokuba uIsaya ebetshilo ngenxa engaphambili ukuthi, Ukuba iNkosi wemikhosi ibingasishiyelanga mbewu, singe sisuke saba njengeSodom, sisuke safana neGomora.
30
Sithini na ke ngoko? Sithi, iintlanga ebezingasukeli bulungisa, zabubamba ubulungisa, ubulungisa ke baselukholweni.
31
Kodwa yena uSirayeli obesukela umthetho wobulungisa, akafikelelanga emthethweni wobulungisa.
32
Ngani? Ngokuba abakufunanga ngokwaselukholweni, bakufuna ngokwasemisebenzini yomthetho. Kuba babetheka elityeni eli lokubetheka;
33
njengokuba kubhaliwe kwathiwa, Yabona, ndibeka eZiyon ilitye lokubetheka, Iliwa lesikhubekiso; bonke abakholwayo kuye abayi kudaniswa.
← Chapter 8
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 10 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16