bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
/
Romans 12
Romans 12
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
← Chapter 11
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 13 →
1
Ndiyanivuselela ngoko, bazalwana, ngeemfefe zikaThixo, ukuba niyinikele imizimba yenu ibe lidini eliphilileyo, elingcwele, elikholekileyo kuThixo: inkonzo yenu ke leyo yasengqondweni.
2
Musani ke ukuthatha isimilo sabantu beli phakade, kodwa iingqondo zenu maziguquke zihlaziyeke, nize niyivume intando kaThixo, yona ilungileyo, ikholekileyo, igqibeleleyo.
3
Ngalo ubabalo endababalwa ngalo ndithi kuni nonke: Musani ukuzicingela ngaphezu koko umntu amelwe kukuzicingela ngako; mabacinge ingcinga ephilileyo, njengoko uThixo abele ulowo umlinganiso wokholo.
4
Kuba, kwanjengokuba sinamalungu amaninzi mzimbeni mnye, abe ke onke amalungu la engenamsebenzi mnye.
5
Ngokunjalo thina, sibaninzi nje, simzimba mnye ngokumanywa noKrestu, yaye sonke ngabanye singamalungu omnye elomnye.
6
Masizisebenzise ke iziphiwo ezahlukeneyo esababalwa ngazo nguThixo. Ukuba sinesiphiwo sokuvakalisa ilizwi elivela kuThixo, masilivakalise ngokokholo esinalo;
7
nokuba sinobulungiseleli, masihlale ebulungiselelini obo; nokuba ngofundisayo, makahlale emfundisweni leyo;
8
nokuba ngovuselelayo, makahlale ekuvuseleleni oko; owabayo makabe engenakumbi; owongamelayo, makahlale enyamekile; owenza inceba makayenze inceba echwayithile.
9
Uthando malungabi naluhanahaniso. Kwenyanyeni okungendawo; namathelani kokulungileyo.
10
Mayela nothando olu lobuzalwana, ndithi, yenzelanani ububele; mayela nembeko leyo, phangelanani;
11
Musani ukunqena ishishini; ushushu emoyeni; khonzani iNkosi;
12
Vuyani ninethemba; nyamezelani embandezelweni; nizingisa emthandazweni;
13
Yiboneleleni iintswelo zamakholwa; ziphatheni ngokubuka iindwendwe.
14
Basikeleleni abanitshutshisayo; sikelelani, ningaqalekisi.
15
Vuyani nabavuyayo, nilile nabalilayo.
16
Cingelanani nto-nye; musani ukucinga izinto eziphakamileyo, tsalelani kwezithobekileyo. Musani ukuba ziingqondi ngokwenu.
17
Musani ukubuyekeza ububi ngobubi nakubani. Yenzani okulungileyo phambi kwabantu bonke.
18
Yenzani unako-nako ukuhlalisana ngoxolo nabantu bonke.
19
Zintanda, musani ukuziphindezelela, yikhweleleni ingqumbo; kuba iziBhalo zithi: “Impindezelo yeyam; kuya kubuyekeza mna, utsho uYehova.
20
Ngoko ke, ukuba utshaba lwakho lulambile, luphe ludle; ukuba lunxaniwe, luseze; kuba ngokwenjenjalo ke, woba ufumba amalahle omlilo phezu kwentloko yalo.
21
Musa ukoyiswa bububi; boyise ububi ngokulungileyo.
← Chapter 11
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 13 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16