bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
/
Romans 5
Romans 5
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
← Chapter 4
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 6 →
1
Ngoko, sigwetyelwe nje ngokwaselukholweni, sinoxolo kuThixo ngayo iNkosi yethu uYesu Kristu;
2
Esaba nako ngaye ukuthi singene ngokholo kolu lubabalo simiyo kulo, siqhayise ngokuthemba uzuko lukaThixo.
3
Asikukuphela ke oko; sizingca nangeembandezelo ezi, sisazi ukuba imbandezelo isebenza unyamezelo;
4
unyamezelo ke lusebenza ukucikideka; namava, ithemba;
5
Ithemba alidanisi; ngokuba uthando lukaThixo luthululelwe ezintliziyweni zethu ngoMoya oyiNgcwele, esamnikwayo.
6
Kuba uKristu uthe, sakuba sisengama-athalala, wabafela ngexesha elimisiweyo abangahloneli Thixo.
7
Kuba kungangenkankulu ukuthi ubani afele ilungisa; kuba uthi mhlawumbi ubani abe nobuganga bokumfela olungileyo;
8
Ke yena uThixo uqondakalisa okwakhe ukusithanda ngokuthi, sakubon’ ukuba sisengaboni, uKristu asifele.
9
Kokukhona sigwetyelwe nje ngegazi lakhe, siya kusindiswa ngaye kuyo ingqumbo.
10
Kuba xa sithe, besiziintshaba nje, saxolelaniswa noThixo ngako ukufa koNyana wakhe: kokhona, sixolelanisiwe nje, siya kusindiswa ngobomi bakhe.
11
Asikukuphela ke oko; singabazingca nokuzingca nangaye uThixo, ngayo iNkosi yethu uYesu Kristu, esamkele ngayo kalokunje ucamagushelo.
12
Ngenxa yoko, njengokuba isono sangena ngamntu mnye ehlabathini, kwangena ke ukufa ngaso isono; kwaza ngokunjalo ukufa kwabatyhutyha abantu bonke, ekubeni bonke bonayo;
13
Kuba kude kwakho umthetho, kukho isono ehlabathini, sibe ke isono singabalelwa ekubeni ungekho umthetho.
14
Ke ukufa kwalawula, ukususela kuAdam kwezisa kuMoses, nakwabo bangonanga ngendlela efana nesigqitho sika-Adam, ongumfanekiselo walowo ubeza kubakho.
15
Kodwa ke sona isipho asibanga njengesiphoso. Kuba, xa abaninzi bafa sisiphoso somnye, kokukhona ubabalo lukaThixo, nesipho esingobabalo olu, esa ngamntu mnye, uYesu Kristu, lwaphuphumela kubo abaninzi aba.
16
Kaloku isipho sesiphoso asinjengokuba kwaba njalo ngalowo mnye wonayo. Kuba okunene isigwebo seza ngenxa yalowo mnye, sesa ekugwetyweni; ke sona isibabalo seza ngenxa yeziphoso ezininzi, sesa ekugwetyelweni.
17
Kaloku xa kwathi ngesono samntu mnye ukufa kwalawula ngalowo mnye; kobeka phi na ke abamkela ukuphuphuma kobabalo, noko kuphiwa ubulungisa, baya kulawula ebomini ngaye lo umnye, uYesu Kristu.
18
Ngoko ke, njengokuba kwathi ngasiphoso sinye kwabakho ukugwetywa kwabo bonke abantu; Ngokunjalo nangesenzo esinye sobulungisa, isipho sesisa kwabafikela bonke abantu, begwebela ubomi.
19
Kuba njengokuba kwathi, ngokungeva komntu omnye lowo, abaninzi benziwa aboni, ngokunjalo kuya kuthi, nangokuva komnye lo, abaninzi benziwe amalungisa.
20
Ke kaloku umthetho ungene, ukuze isikreqo sande. Ke apho sandayo isono, lwaphuphuma ngakumbi ubabalo;
21
ukuze, njengokuba isono saba nokulawula ngokufa, ngokunjalo nobabalo lube nokulawula ngobulungisa, luse ebomini obungunaphakade ngoYesu Kristu, iNkosi yethu.
← Chapter 4
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 6 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16