bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
/
Romans 6
Romans 6
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
← Chapter 5
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 7 →
1
Sithini na ke ngoko? Sihlale esonweni na, ukuze ubabalo lwande?
2
Nakanye! Thina safayo nje kwisono, singathini na ukuba sahlala kuso?
3
Anazi na ukuba thina sonke, sabhaptizelwayo kuKristu Yesu, sabhaptizelwa ekufeni kwakhe?
4
Ngoko ke sangcwatywa naye ngokubhaptizelwa ekufeni, ukuze, njengokuba uKrestu wavuswayo kwabafileyo ngalo uzuko loYise, sithi ngokunjalo nathi sihambe sinobomi obutsha.
5
Kuba xa similiselwe kuye ngemfano yokufa kwakhe, somiliselwa kuye nangeyokuvuka kwakhe;
6
sikwazi nje oku, ukuba umntu wethu omdala wabethelelwa emnqamlezweni kunye naye, ukuze umzimba wesono uphuthiswe, size singabi sasikhonza isono;
7
Kaloku owafayo ugwetyelwe, wakhululwa kuso isono.
8
Ukuba ke safa kunye noKristu, siyakholwa ukuba sodla ubomi kwandawonye naye;
9
Siyazi ukuba uKristu, evusiwe nje kwabafileyo, akabi safa; ukufa akusayi kuba nagunya kuye.
10
Kuba ukufa awakufayo, wafela isono kwaba kanye;
11
Ngokunjalo nani zibaleleni ekuthini, ningabafileyo okunene kwisono; kodwa ningabadla ubomi kuThixo, nikuKristu Yesu, iNkosi yethu.
12
Ngoko ke isono masingalawuli emzimbeni wenu onokufa, ukuze nisilulamele ngokwenza iinkanuko zawo.
13
Kaloku amalungu enu maningawanikeli kuso isono, ukuba abe ziintonga zentswela-bulungisa;
14
Kaloku isono asiyi kuniphatha ngabukhosi; kuba aniphantsi komthetho, niphantsi kobabalo.
15
Kuthiweni na ngoko? Sone na, kuba singekho phantsi komthetho, siphantsi kobabalo? Makube lee oko.
16
Anazi na ukuba lowo nizinikela kuye ukuba ngabakhonzi bokumlulamela, ningabakhonzi ngoku kulowo nimlulamelayo; nokuba kungokwesono, kusingise ekufeni, nokuba kungokululama, kusingise ebulungiseni?
17
Makabulelwe ke kuThixo, kuba nithe, beningabakhonzi besono, nawululamela ngokwentliziyo umfuziselo wemfundiso enanikelwayo kuwo;
18
Nakhululwa ke kuso isono, naba ngabalawulwa bobulungisa.
19
Ndithetha ngokwabantu, ngenxa yobulwelwe benyama yenu; kuba njengoko nawanikelayo amalungu enu ukuba abe ngabakhonzi bako ukungcola nokuchasa umthetho, ukuba nichase umthetho; ngokunjalo ke ngoku, wanikeleni amalungu enu ukuba abe ngabakhonzi kubo ubulungisa, ukuba ningcwaliseke.
20
Kuba, oko nibe ningabakhonzi besono, beningabakhululekileyo kubo ubulungisa.
21
Naye ninasiqhamo sini na ke ngelo xesha, ngezi zinto nineentloni ngazo ngoku? Kuba isiphelo sezo zinto kukufa.
22
Ngoku ke, nikhululwe nje esonweni, naba ngabakaThixo, ninaso isiqhamo senu esisabungcwele, isiphelo ke eso bubomi obungunaphakade.
23
Kaloku umvuzo wesono kukufa; ke sona isipho sikaThixo bubomi obungunaphakade, kuKristu Yesu iNkosi yethu.
← Chapter 5
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 7 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16