bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
/
2 Chronicles 13
2 Chronicles 13
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
← Chapter 12
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 14 →
1
Ke kaloku ngonyaka weshumi elinesibhozo wolawulo lukaJerobhowam, uAbhiya waba ngukumkani wakwaJuda,
2
waza ke walawula eJerusalem iminyaka emithathu. Unina yayinguMahaka intombi kaUriyeli waseGibheya. Yayisoloko iyimfazwe phakathi koAbhiya noJerobhowam.
3
UAbhiya walwa noJerobhowam, uAbhiya enomkhosi wamawaka angamakhulu amane amajoni angoompondo-zihlanjiwe. Ke uJerobhowam wangena kuloo mfazwe enomkhosi ongamakhulu asibhozo amawaka amajoni aziimbalasane.
4
UAbhiya wema kwintaba iZemarayim kwelo leentaba lakwaEfrayim, waza wathi: “Phulaphulani, Jerobhowam nani nonke maSirayeli!
5
Ngaba anazi na ukuba *uNdikhoyo uThixo wakwaSirayeli umbuso wakwaSirayeli wawunikela kwindlu kaDavide nesizukulwana sayo ngomnqophiso wetyuwa oya kuma ngonaphakade?
6
Kambe ke yena uJerobhowam unyana kaNebhati owayeliphakathi likaSolomon unyana kaDavide wasuka wavukelana nenkosi yakhe.
7
Iqedlana leendlavini lasuka langakuye, lachasana noRehobhowam unyana kaSolomon, bamvuyelela kuba eselula, engekabi namava, futhi engekomeleli ukuba abe nokuchasana naye.
8
“Nangoku ke nisazimisele ukuwuchasa umbuso kaNdikhoyo osesandleni sikaDavide nesizukulwana sakhe. Ngenene ningumkhosi omkhulu, futhi ninaloo mathole enziwe ngegolide enawanikwa nguJerobhowam ukuze abe *ngoothixo benu.
9
Andithi na kaloku nabagxotha ababingeleli bakaNdikhoyo abangoonyana baka-Aron kunye nabaLevi, naza nina nazimisela abenu ababingeleli njengezinye izizwe? Kuni nabani na ozihlambulula ngenkunzi yenkomo eselula, kunye nesixhenxe seenkunzi zeegusha, lowo ke uba ngumbingeleli wento engenguye nothixo.
10
“Ke thina uNdikhoyo nguThixo wethu, asimlahlanga. Ababingeleli abalungiselela uNdikhoyo ngoonyana baka-Aron bencediswa ngabaLevi.
11
Ngazo zonke iintsasa neenjikalanga banikela amadini atshiswayo, benzele uNdikhoyo isiqhumiso esivumba liyolileyo. Babeka isonka kwitafile ehlambulukileyo, balumeke izibane ezikwisiphatho segolide ngazo zonke iinjikalanga. Thina siyazigqala izinto ezifunwa nguNdikhoyo uThixo wethu. Ke nina nisuke namfulathela.
12
Niyabona, uThixo unathi; nguye osikhokelayo. Nangoku ababingeleli bakhe baza kunihlabel' umkhosi ngamaxilongo abo. Ewe, maSirayeli, musani ukulwa noNdikhoyo onguThixo wooyihlo, kuba ke soze niphumelele.”
13
Ke kaloku uJerobhowam wathumela inxenye yomkhosi wakhe, warhawula uJuda ngasemva, kodwa yena wayengaphambili.
14
UJuda ke wathi akujonga ngemva wafumanisa ukuba uhlaselwa ngaphambili nangesemva. Waza ke wakhala kuNdikhoyo, ababingeleli bona bakhalisa amaxilongo.
15
Ke wona amadoda akwaJuda ahlab' umkhosi. Yathi yakuvakala intlaba-mkhosi, uThixo wamvuthulula uJerobhowam namaSirayeli onke phambi koAbhiya noJuda.
16
AmaSirayeli ke aswantsula phambi koJuda; uThixo wamhlangula uJuda esandleni sawo.
17
UAbhiya namadoda akhe bawabetha amaSirayeli atsho anelahleko enkulu, kwawa amawaka angamakhulu amahlanu eengxwelerha kuloo majoni aziimbalasane akwaSirayeli.
18
Ewe, uSirayeli woyiswa ngeso sihlandlo, uJuda yena wabuya noloyiso, kuba kaloku wayekholose ngoNdikhoyo uThixo wooyise.
19
UAbhiya wamsukelisa uJerobhowam, waza wathimba ezi dolophu: iBhetele, iYeshana ne-Efron namaphandle ayingqingileyo.
20
UJerobhowam ke akaphindanga abe namandla ngethuba lonke lika-Abhiya. UNdikhoyo wambetha, waza ke wafa.
21
Kodwa ke uAbhiya waya esomelela ngokomelela. Wathatha abafazi abalishumi elinesine, waza wazala oonyana abangamashumi amabini anambini neentombi ezilishumi elinesithandathu.
22
Ke ezinye zeziganeko zolawulo luka-Abhiya, imisebenzi neentetho zakhe, nâzo kwincwadi yeembali zomshumayeli uIdo.
← Chapter 12
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 14 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31
32
33
34
35
36