bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
/
2 Chronicles 19
2 Chronicles 19
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
← Chapter 18
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 20 →
1
Ke kaloku uYoshafati ukumkani wakwaJuda wabuyela ebhotwe eJerusalem esindile,
2
waza ke wahlangatyezwa yimboni uYehu unyana kaHanani, wathi kukumkani: “Ngaba kulungile ukuba usize isikhohlakali, ubathande abo bamthiyileyo *uNdikhoyo? Ngenxa yesi senzo ke ingqumbo kaNdikhoyo iphezu kwakho.
3
Kambe ke kukho le ndawana ikuthethelelayo, le yokuba wazisusa iintsika zika-Ashera kweli lizwe, waza wena wazimisela ukufunana noThixo.”
4
UYoshafati wahlala eJerusalem, wabuya wahamba-hamba phakathi kwabantu, athi eseBheshebha, abe ekweleentaba zakwaEfrayim. Abantu wababuyisela *kuNdikhoyo uThixo wooyise.
5
Wamisela abagwebi kuzo zonke izixeko ezinqatyisiweyo zakwaJuda.
6
Wathi kubo: “Zigqaleni ngenyameko izinto enizenzayo. Kaloku ezo zigqibo nizenzayo anizenzeli abantu, koko nizenza egameni likaNdikhoyo. Yena ke uhlala enani nanini na nisiwisa isigwebo.
7
Ngoko ke mhloneleni uNdikhoyo. Ze nigwebe ngenyameko, kuba yena uNdikhoyo uThixo wethu akayenzi into engekho mthethweni; akanagobe, yaye ke akanyobeki.”
8
NaseJerusalem ke uYoshafati wamisela abanye abaLevi nababingeleli neentloko zezindlu zakwaSirayeli, ukuze baphuhlise umthetho kaNdikhoyo, balamle iimbambano. Ke babehlala eJerusalem.
9
Wabayalela ngolu hlobo: “Sebenzani ngentembeko nangomxhelo wenu wonke, nimhlonela uNdikhoyo.
10
Kumbandela ngamnye oza kuni uphuma kumawenu ahlala ezixekweni (nokuba ngumcimbi wokuphalala kwegazi, okanye izinto eziphathelele emthethweni, imiyalelo, imimiselo, okanye imiqathango ethile) nina balumkiseni bangamoni uNdikhoyo, kungenjalo ingqumbo yakhe yoba phezu kwenu namawenu lawo. Yenzani loo nto ke ukuze ningoni.
11
“Umbingeleli omkhulu uAmariya nguye oya kunongamela kwimicimbi ephathelele kuNdikhoyo; kanti ke yena uZebhadiya unyana kaIshmayeli wonongamela kweziphathelele kukumkani. Ke bona abaLevi boba ngabaququzeleli benu. Yomelelani nizimisele! Ngamana ke uNdikhoyo wangakubo bonke abenza okulungileyo.”
← Chapter 18
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 20 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31
32
33
34
35
36