bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
/
2 Chronicles 16
2 Chronicles 16
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
← Chapter 15
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 17 →
1
Ke kaloku kwathi kunyaka wamashumi amathathu anantandathu wolawulo luka-Asa kwanyuka uBhayesha ukumkani wakwaSirayeli, weza kuhlasela uJuda, wafika wayingqinga iRama, wavala akwabi nakungena nakuphuma mntu kummandla ka-Asa ukumkani wakwaJuda.
2
Ke uAsa wayithatha isiliva negolide eyayikoovimba bendlu *kaNdikhoyo nakwabo bebhotwe lakhe, waza wayithumela kuBhenadadi ukumkani wama-Aram owayelawula eDamasko.
3
Wathi kuye: “Makubekho umnqophiso phakathi kwam nawe, nanjengokuba wawukhona phakathi kukabawo noyihlo. Nâso isipho endikunika sona: igolide nesiliva. Wuqhawule ke umnqophiso ophakathi kwakho noBhayesha ukumkani wakwaSirayeli, khon' ukuze andiyeke.”
4
UBhenadadi ke wavumelana nokumkani uAsa, waza wathumela iingqwayi-ngqwayi zomkhosi wakhe, zaya kuhlasela iidolophu zakwaSirayeli, bayoyisa i-Iyon, nesixeko sakwaDan, neAbhele-mayim, nazo zonke izixeko ezingoovimba zakwaNafetali.
5
Akuyiva le nto uBhayesha wayeka ukwakha engqinga iRama, wawushiya loo msebenzi.
6
Ke ukumkani uAsa weza nawo onke amadoda akwaJuda, baza bawafudusa eRama amatye kunye nemithi eyayisetyenziswa khona nguBhayesha. Ngezo zinto ke wakha iGebha neMizpa.
7
Ngelo thuba ke imboni uHanani yeza kukumkani uAsa wakwaJuda, yathi kuye: “Ngenxa yokuba usuke wakholosa ngokumkani wama-Aram endaweni yokukholosa ngoNdikhoyo uThixo wakho, ngoko ke umkhosi wama-Aram uza kuphuncuka esandleni sakho.
8
Andithi na amaKushe namaLibhiya ayengumkhosi onamandla onenyambalala yeenqwelo nabakhweli-mahashe? Kanti ke wathi ngokukholosa ngoNdikhoyo, yena wawunikela esandleni sakho loo mkhosi.
9
Kaloku wona amehlo kaNdikhoyo akulo lonke ihlabathi, yaye ke uyabomeleza abo babambelele kuye ngokupheleleyo. Ewe, wenze into yobuyatha; ngoko ke ukusukela ngoku uza kuntyumpa-ntyumpeka emfazweni.”
10
Kambe ke uAsa wasuka wakhathazeka yiloo nto yayithethwe yimboni kuye, ngangokuba ade ayibambe ayivalele entolongweni. Kananjalo ke uAsa wasuka ngoku wabangcungcuthekisa ngengcinezelo abanye abantu.
11
Ke kaloku iziganeko zolawulo luka-Asa, ukusuka ekuqalekeni kuye esiphelweni, nâzo zibhalwe encwadini yeembali zookumkani bakwaJuda nabakwaSirayeli.
12
Ngonyaka wamashumi amathathu anethoba wolawulo lwakhe uAsa wangenelwa sisifo seenyawo. Nangona wayebambekile, naxa yayingasekuko, akazange afune uncedo kuNdikhoyo, koko wabhenela kumagqirha.
13
Ke kaloku kunyaka wamashumi amane ananye wasweleka uAsa, waya kuphumla kooyise.
14
Wangcwatywa kwingcwaba awayezenzele lona kwisixeko sikaDavide. Umzimba wakhe bawusebenza ngobulawu, loo nto beyenza ngobugcisa, bamqhola ngeendidi ngeendidi zeziqholo; baza ke bamzilela ngomlilo omkhulu.
← Chapter 15
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 17 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31
32
33
34
35
36