bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
/
2 Chronicles 17
2 Chronicles 17
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
← Chapter 16
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 18 →
1
Ke uYoshafati unyana ka-Asa wangena esikhundleni sikayise, waza ke wawomeleza umkhosi wakhe ukuze angoyiswa nguSirayeli.
2
Wamisa umkhosi kuzo zonke izixeko ezinqatyisiweyo zakwaJuda; wamisa amabutho kwaJuda nakwiidolophu zakwaEfrayim ezazithinjwe nguyise uAsa.
3
*UNdikhoyo ke waba naye uYoshafati kuba wayehamba ngeendlela uyise awayehamba ngazo kuqala. Wayengabuzisi kooBhali,
4
koko efunana noThixo kayise, ehamba ngemiyalelo yakhe yonke, engazilandeli izenzo zamaSirayeli.
5
UNdikhoyo wawuzinzisa phantsi kwakhe umbuso wakhe, waza wonke uJuda wazisa izipho kuye, waza ke wasisityebi, futhi wahlonelwa.
6
Wayezinikezele ngentliziyo yakhe yonke kwiindlela zikaNdikhoyo; ngaphezu koko ke wazitshitshisa iindawo eziphakamileyo zonqulo kunye neentsika zika-Ashera kwelakwaJuda.
7
Ke kaloku ngonyaka wesithathu wolawulo lwakhe uYoshafati wathumela la maphakathi ukuba aye kufundisa kwiidolophu zakwaJuda: uBhen-rhayili, uObhadiya, uZakariya, uNataniyeli, noMikaya.
8
Ayekhatshwa ngaba baLevi: uShemaya, uNetaniya, uZebhadiya, uAsaheli, uShemiramoti, uYehonatan, uAdoniya, uLabhiya, uTobhiya, noTobhi-adoniya, nababingeleli uElishama noYoram.
9
Babephethe incwadi yomthetho kaNdikhoyo, baza ke bafundisa kulo lonke elakwaJuda, bazijikeleza iidolophu zakhona, bafundisa abantu.
10
Ke kaloku uNdikhoyo watsho wahlonelwa zizo zonke izikumkani zemihlaba ejikeleze uJuda, ngaloo ndlela ke akwabikho sizwe sikathaza uYoshafati ngemfazwe.
11
AmaFilistiya athile arhuma ngezipho nangesiliva, aza ama-Arabhu amzisela imihlambi: amawaka asixhenxe anamakhulu asixhenxe eenkunzi zeegusha, namawaka asixhenxe anamakhulu asixhenxe eebhokhwe.
12
UYoshafati waya esomelela ngokomelela. Wakha iinqaba nezixeko ezingoovimba kwaJuda,
13
kananjalo umphako omninzi ewugcina kwiidolophu zakwaJuda. Wayenawo namajoni anamava, ewagcina eJerusalem.
14
Nalu uludwe lwawo ngokwemilibo: KwaJuda: iingqwayi-ngqwayi zamabutho: uAdena ingqwayi-ngqwayi eyayinamajoni angamakhulu amathathu amawaka;
15
kulandele uYohanan ingqwayi-ngqwayi eyayinamajoni angamawaka angamakhulu amabini anamashumi asibhozo;
16
kuze uAmasiya unyana kaZikri owazinikezela ngokwakhe ukusebenzela uNdikhoyo enamajoni angamawaka angamakhulu amabini.
17
KwaBhenjamin: uEliyada, igorha lomfo owayenamajoni axhobe ngeentolo namakhaka – amawaka angamakhulu amabini;
18
kulandele uYozabhadi enamajoni axhobele imfazwe alikhulu elinamashumi asibhozo lamawaka.
19
La ke ngamadoda awayesebenzela ukumkani, ngaphandle kwalawo awayehlaliswa kwizixeko ezinqatyisiweyo kulo lonke elakwaJuda.
← Chapter 16
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 18 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31
32
33
34
35
36