bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
/
2 Chronicles 30
2 Chronicles 30
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
← Chapter 29
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 31 →
1
UHezekiya wathumela ilizwi kuye wonke uSirayeli noJuda, wabhala neeleta, wazithumela kwaEfrayim nakwaManase, ebamema ukuba baye endlwini *kaNdikhoyo eJerusalem, baye kubhiyozela iPasika kaNdikhoyo uThixo kaSirayeli.
2
Ukumkani namaphakathi nebandla lonke laseJerusalem benza isigqibo sokubhiyozela iPasika kwinyanga yesibini.
3
Babengabanga nako ukuyibhiyozela ngexesha layo, kuba babenganelanga ababingeleli abazihlambululayo, nabantu babengaqokelelananga eJerusalem.
4
Eli cebo ke labonakala lilungile kukumkani nakwibandla liphela.
5
Bazimisela ukuthumela isaziso kuSirayeli ewonke ukusukela eBhashebha kuye kwaDan, abantu bebamemela ukuba beze eJerusalem baze kubhiyozela iPasika kaNdikhoyo uThixo kaSirayeli. Yayingazange yabhiyozelwa ngabantu abalinani elivakalayo njengoko kubhaliweyo.
6
Ukumkani ekunye namaphakathi akhe bathuma izigidimi zatyhutyha uSirayeli noJuda ziphethe iileta ezazifundeka ngolu hlobo: “MaSirayeli, buyelani kuNdikhoyo uThixo ka-Abraham, kaIsake, kaSirayeli, ukuze naye abuyele kuni nina basaseleyo, basindileyo kwisandla sookumkani baseAsiriya!
7
Sanukufana nooyihlo nabantakwenu bona basuke abanyaniseka kuNdikhoyo uThixo wooyise, khon' ukuze abenze umzekelo wesikizi njengoko nani nibona.
8
Yahlukanani neenkani; sanukuzifanisa nooyihlo, koko zinikezeleni kuNdikhoyo. Yizani kule ndawo ingcwele, le iya kuhlala ibekelwe bucala ngonaphakade nguye. Mbuseni uNdikhoyo uThixo wenu, khon' ukuze umsindo wakhe usuke phezu kwenu.
9
Ukuba nibuyele kuNdikhoyo, abantakwenu nabantwana benu baya kwenzelwa inceba ngabo babathimbileyo, baze ke babuyele kweli lizwe, kuba kaloku uNdikhoyo uThixo wenu unesisa novelwano. Akasayi kunifulathela ukuba nibuyela kuye.”
10
Izigidimi zazingena zonke iidolophu kwaEfrayim nakwaManase, zathi xhaxhe ngoZebhulon, kodwa ke abantu basuka baphoxisa ngazo, bahlekisa nokuhlekisa ngazo.
11
Kambe ke abanye kwa-Ashere, kwaManase, nakwaZebhulon, bazithoba baya eJerusalem.
12
KwaJuda uThixo abantu wabenza bavana, bamxhelo-mnye ekufezekiseni umyalelo kakumkani namaphakathi akhe ngokwelizwi likaNdikhoyo.
13
EJerusalem kwahlanganisana isihlwele sabantu, beze kubhiyozela iSidlo seSonka esingaNyuswanga, kwinyanga yesibini.
14
EJerusalem bawasusa amaqonga amadini kunye nalawo eziqhumiso, baya kuwaphosa kwintili yeKedron.
15
Ixhwane lePasika balixhela ngomhla weshumi elinesine kwinyanga yesibini. Ababingeleli nabaLevi baba neentloni, baza bazihlambulula, benza amadini atshiswayo endlwini kaNdikhoyo.
16
Baza ke bema ngeendawo zabo ngokwemigqaliselo yomthetho kaMosis umfo wakwaThixo. Ababingeleli bafefa ngalo igazi ababelinikwe ngabaLevi.
17
Apho kweso sihlwele kwathi kanti baninzi abantu ababengazihlambululanga, ngoko ke abaLevi kwafuneka babaxhelele amaxhwane bonke abo *babenomlaza, bengenako ukuwanikela kuNdikhoyo ngokwabo amaxhwane abo.
18
Nangona uninzi lwabantu ababephuma kwaEfrayim, kwaManase, kwaIsakare, nakwaZebhulon babengazihlambululanga, kodwa nabo bathatha inxaxheba apho ePasikeni – nto leyo yayinxa mnye nomthetho. Kambe ke uHezekiya wabathandazela wathi: “Ngamana uNdikhoyo olungileyo wabaxolela bonke,
19
mntu ngamnye ozimisele ukufuna uThixo uNdikhoyo, uThixo wooyise, noba akahlambulukanga ngokwemigqaliselo yendawo engcwele.”
20
UNdikhoyo ke wawuva loo mthandazo kaHezekiya, wabaphilisa abantu.
21
Loo maSirayeli ayekhona eJerusalem asibhiyozela iSidlo seSonka esingaNyuswanga iintsuku zada zasixhenxe, benemincili novuyo olukhulu; baye bona abaLevi nababingeleli bememelela bedumisa uNdikhoyo yonke imihla, bekhatshwa zizikhalisi zokudumisa uNdikhoyo.
22
UHezekiya wabakhuthaza bonke abaLevi ababewenza ngenyameko umsebenzi kaNdikhoyo. Ngezo ntsuku zisixhenxe ke babesitya izabelo zabo, benikela amadini obudlelwana, bedumisa uNdikhoyo uThixo wooyise.
23
Ibandla lonke lavumelana ukubhiyoza esinye isixhenxe seentsuku. Ngoko ke babhiyoza ngemincili ezinye iintsuku ezisixhenxe.
24
Ukumkani wakwaJuda uHezekiya wakhuphela elo bandla iwaka leenkunzi zeenkomo, nesixhenxe samawaka eegusha neebhokhwe; kanti ke amaphakathi wona anikezela ngewaka leenkunzi zeenkomo, neshumi lamawaka eegusha neebhokhwe. Ababingeleli abaninzi nabo bazihlambulula.
25
Laba nemihlali lonke ibandla lakwaJuda, ndawonye nababingeleli nabaLevi nabo bonke ababephuma kwaSirayeli, kwakunye neentlanga ezaziphuma kwaSirayeli nezazimi kwelakwaJuda.
26
Yayilulonwabo nemincili eJerusalem. Kaloku ukusukela kwimihla kaSolomon unyana kaDavide, ukumkani wakwaSirayeli, lalingazange libe khona eli theko eJerusalem.
27
Ababingeleli nabaLevi bema ngeenyawo babathamsanqelisa abantu, waza ke uThixo wabeva. Kaloku umthandazo wabo waya kufikelela ekhayeni lakhe elilodwa ezulwini.
← Chapter 29
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 31 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31
32
33
34
35
36