bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
/
2 Chronicles 2
2 Chronicles 2
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
← Chapter 1
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 3 →
1
Ke kaloku uSolomon wazimisela ukwakhela igama *likaNdikhoyo indlu, kunye nelakhe ibhotwe.
2
Wamisa amadoda angamawaka angamashumi asixhenxe ukuze athwale izinto zokwakha, namanye angamashumi asibhozo amawaka awayeza kuqingqa amatye ezindulini phaya, kunye neenduna ezingamawaka amathathu anamakhulu amathandathu.
3
USolomon wathumela umyalezo kukumkani uHiram waseTire, esithi: “Nam khawundithumele izikhuni zomsedare kwanjengoko wenzayo kubawo uDavide ngokuya wayeza kuzakhela ibhotwe.
4
Ngoku mna ndiza kwakhela igama likaNdikhoyo uThixo wam indlu. Yona ndoyinikela kuye, kuyo kutshiswe iziqhumiso ezivumba limnandi, kusenzelwa yena. Kwalapho kuyo kohlala kubekwa isonka esinikelwa kuye, kwenziwe namadini atshiswayo mihla le kusasa nasemalanga, *ngeMihla yokuPhumla, nangamathuba okuthwasa kwenyanga, nangamatheko amisiweyo kaNdikhoyo uThixo wethu. Lowo ke ngummiselo wakwaSirayeli ongasoze waphela.
5
“Le ndlu ndiza kuyakha iza kuba yimbalasane, kuba uThixo wethu akalingani nathixo ngobukhulu.
6
Ewe, akukho namntu ungamakhela ndlu; kuba kaloku namazulu, nditsho amazulu asemajuku-jukwini, akanako ukumqulatha. Bendingubani ke mna, ukuba ndide ndimakhele indlu, ngaphandle nje kokuba ndakhe indawo yokutshisa amadini phambi kwakhe?
7
“Ngoko ke nceda undithumele indoda elichule ngokusebenza ngegolide nesiliva, ubhedu nentsimbi; ichule kumalaphu amsobo, amfusa, naluhlaza; nditsho ingcali yokukrola; ukuze isebenze kwaJuda naseJerusalem ikunye nezam iingcali, ezo zafunwa ngubawo uDavide.
8
“Kananjalo ndithumele izikhuni zomsedare, ipayini, nom-algumi, kuloo mahlathi aseLebhanon. Kaloku ndiyazi ukuba amadoda akho ziingcali ekugawuleni imithi apho eLebhanon. Amadoda am osebenzisana nawakho,
9
andilungiselele intaphane yemithi, kuba le ndlu ndiza kuyakha kufuneka ibe nkulu, ibe yinzwakazi.
10
Izicaka zakho ezigawula imithi ndozinika amawaka amabini eetoni zengqolowa, namawaka amabini eetoni zerhasi, kunye namakhulu amane amawaka eelitha zewayini, namakhulu amane amawaka eelitha zamafutha omnquma.”
11
Ke ukumkani uHiram waseTire waphendula uSolomon ngeleta wenjeje: “Ngenxa yokubathanda kwakhe uNdikhoyo abantu bakhe, umise wena wangukumkani wabo.”
12
Waqhuba uHiram wathi: “Makadunyiswe uNdikhoyo uThixo kaSirayeli, umenzi wamazulu nehlabathi! Ukumkani uDavide umphe unyana osisilumko, othiwe jize ngengqiqo neliso elibukhali, yena oza kwakhela uNdikhoyo indlu, naye azakhele ibhotwe.
13
“Ngoko ke ndikuthumelela uHuram-abhi, indoda elichule kunene.
14
Unina ngowakwaDan, uyise ngumTire. Uqeqeshelwe ukusebenza ngegolide, isiliva, ubhedu, intsimbi, ilitye, nomthi, kanti nangamalaphu elinen amsobo, aluhlaza, namfusa, nditsho nacikizekileyo. Unamava kuwo wonke umsebenzi wokukrola; akukho plani imxakayo. Ke uya kusebenza naloo machule akho kunye nalawo omhlekazi uDavide uyihlo.
15
“Ngoko ke umhlekazi makathumelele izicaka zakhe ingqolowa abethethe ngayo, kunye nerhasi, namafutha omnquma, newayini.
16
Ke thina sokugawulela eLebhanon yonke imithi oyifunayo, siyenze iinyanda, siyifake elwandle, idade iyokutsho eJopa. Ke wena woyithatha khona, uyise eJerusalem.”
17
USolomon wazibala zonke iintlanga ezazihlala apho kwaSirayeli, ngokoluya balo lwalenziwe nguyise uDavide, zafumaneka zingamawaka alikhulu elinamashumi amahlanu anantathu anamakhulu amathandathu.
18
Amashumi asixhenxe amawaka kuzo wawamisela ukuthwala izinto zokwakha, amashumi asibhozo amawaka wawamisa angabaqingqi bamatye, aza ke amawaka amathathu anamakhulu amathandathu aziinduna zokujonga ukuba umsebenzi uqhubeke.
← Chapter 1
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 3 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31
32
33
34
35
36