bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
/
2 Chronicles 5
2 Chronicles 5
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
← Chapter 4
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 6 →
1
Uthe ke wakufezeka loo msebenzi uSolomon awayewenzela indlu kaNdikhoyo, wazithatha zonke ezo zinto zazinikezelwe nguyise uDavide (isiliva, igolide, nazo zonke ezinye izinto zokusebenza) waza ke wazifaka koovimba bendlu kaThixo.
2
Ke kaloku uSolomon wawabizela eJerusalem onke amadoda amakhulu akwaSirayeli, bonke abaziintloko zezizwe, namadoda aziinkulu zezindlu zamaSirayeli, ukuze aye kuthatha ityesi yomnqophiso *kaNdikhoyo eZiyon isixeko sikaDavide.
3
Onke ke amadoda akwaSirayeli aqokelelana kukumkani ngexesha lombhiyozo kwinyanga yesixhenxe.
4
Athe ke akuphelela amadoda amakhulu akwaSirayeli, abaLevi bayithatha ityesi,
5
kunye nentente yesibingelelo, nazo zonke izinto ezingcwele ezazikuyo. Ababingeleli ababengabaLevi bazithwala ezo zinto.
6
Ke yena ukumkani uSolomon nalo lonke ibandla likaSirayeli elaliqokelelene kuye babemi phambi kwetyesi besenza amadini ngeegusha neenkomo ezininzi, ziyinyambalala engenakubalwa.
7
Ababingeleli ke bayithatha ityesi yomnqophiso kaNdikhoyo, bayisa endaweni yayo kwigumbi elingaphakathi endlwini kaThixo – ingcwele kangcwele – bayibeka phantsi kwamaphiko ezo *zithunywa zimaphiko.
8
Izithunywa ezo ke zawathi naa loo maphiko azo, zayigquma loo ndawo yayikuyo ityesi ndawonye namanqwanqwa okuyiphatha.
9
La manqwanqwa ke ayemade ngangokuba zazibonakala iziphetho zawo kumntu ophambi kwegumbi elingaphakathi, kodwa ke zingabonakali kongaphandle kweyona ndawo ingcwele. Aselapho ke unanamhlanje.
10
Apho kuloo tyesi kwakungekho nto ngaphandle kwamacwecwe amabini amatye, lawo ayefakwe kuyo nguMosis eHorebhe, apho uNdikhoyo wenza umnqophiso namaSirayeli akuba ephumile eJiputa.
11
Ke kaloku ababingeleli abo baphuma apho endaweni engcwele. Bonke ababingeleli ababelapho – nditsho abeendidi zonke – babezihlambulule.
12
Bonke abaLevi ababeziimvumi – uAsafu, uHeman, noJedutun, noonyana babo, nezizalwane zabo – babemi kwicala lasempuma apho eqongeni, bevethe ezelinen entle kunene, bakhalisa amacangci, iihapu, nemirhubhe. Babekhatshwa likhulu elinamashumi amabini lababingeleli behlokomisa amaxilongo.
13
Abo bamaxilongo ngokunjalo nabaculayo batsho ngoncuthu oluyondeleleneyo, ngazwi-nye bedumisa bebulela uNdikhoyo. Babekhatshwa ngamaxilongo, amacangci, nezinye izikhalisi. Ewe, badanduluka ngendumiso bebonga uNdikhoyo besithi: “Hayi ke bethu ukulunga kwakhe; izibele zakhe zimi ngonaphakade!” Ke kaloku indlu kaNdikhoyo leyo yazaliswa lilifu.
14
Ngenxa yelo lifu ababingeleli ababanga nako ukwenza imisebenzi yabo. Kaloku ubukhazikhazi besidima sikaNdikhoyo babuyizalisile indlu leyo kaThixo.
← Chapter 4
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 6 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31
32
33
34
35
36