bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
/
2 Chronicles 8
2 Chronicles 8
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
← Chapter 7
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 9 →
1
Ke kaloku ekupheleni kwamashumi amabini eminyaka, xesha elo walithathayo uSolomon ekwakheni kwakhe indlu kaNdikhoyo kunye nebhotwe lakhe,
2
uSolomon wazihlaziya iidolophu awayeziphiwe nguHiram, waza ke wamisa amaSirayeli kuzo.
3
USolomon waya kuhlasela iHamati-zobha wayithimba.
4
Kananjalo wayakha iTademore entlango phaya, ndawonye nazo zonke izixeko ezingoovimba awazimisa eHamati.
5
Wayihlaziya neBhete-horon ephezulu ndawonye naleyo isezantsi, wazenza iinqaba ezibiyelweyo ngeendonga ezinamasango nemivalo,
6
kwakunye neBhalati nazo zonke izixeko zakhe ezingoovimba, nezixeko zeenqwelo kunye nezamahashe akhe, nayo nantoni na awayakhayo eJerusalem naseLebhanon, ukanti nakuwo wonke ummandla awayewulawula.
7
Bekukho abantu ababesele kwiintlanga zamaHiti, ama-Amori, amaPerezi, amaHivi, namaJebhusi. Ezi ntlanga ke zazingengawo amaSirayeli,
8
koko zazisisizukulwana sazo esasingatshatyalaliswanga ngamaSirayeli. Ke uSolomon wazigaya zonke zalibutho labasebenzi abanyanzelwayo, njengoko kusenjalo unanamhla.
9
Kambe ke uSolomon lo amaSirayeli akawafakanga kwibutho labasebenza ngokunyanzelwa, koko wawagayela kumabutho omkhosi, aba ziingqwayi-ngqwayi zomkhosi nababhexeshi beenqwelo, nabakhweli-mahashe.
10
Amanye ke ayengamaphakathi aphambili kakumkani uSolomon, engamagosa angamakhulu amabini anamashumi amahlanu awayongamele amadoda.
11
Ke kaloku uSolomon wamkhupha umkakhe owayeyintombi yokumkani waseJiputa phaya kwisixeko sikaDavide, wamsa kwelo bhotwe wayemakhele lona, kuba wayesithi: “Umfazi wam akanakuhlala kwisixeko sikaDavide ukumkani wakwaSirayeli, kuba ifakwe khona ityesi kaNdikhoyo; ngoko ke siyindawo engcwele.”
12
Kwiqonga likaNdikhoyo awayelakhile phambi kwevaranda uSolomon wanikela amadini atshiswayo kuNdikhoyo,
13
loo nto eyenza ngokwemfuneko nommiselo wemini nganye, ngokomlomo kaMosis mayela *neMihla yoPhumlo, ukuthwasa kwenyanga, naloo matheko mathathu ayesenziwa minyaka le – itheko lezonka ezinganyuswanga, itheko lolibo, netheko lamaphempe.
14
Ngokommiselo kayise uDavide naye wazimisa izigaba zababingeleli ngokwemisebenzi yabo, waza ke bona abaLevi wabamisela ukuba babhexeshe iingoma, nokuba basebenzisane nababingeleli ngokweemfuneko zemini nganye. Kananjalo wamisela nabagcini-masango ngokwamasango lawo ahlukeneyo. Kaloku lowo yayingummiselo kaDavide umfo wakwaThixo.
15
Ewe, zange banxaxhe nakanye kwizimiso zikakumkani malunga nababingeleli nabaLevi nakuwuphi na umba, nditsho nangokunxulumene noovimba.
16
Wonke loo msebenzi kaSolomon wafezekiswa, kusukela mhla sabekwa isiseko sendlu kaNdikhoyo yada ke yagqitywa. Ewe, yagqitywa indlu kaNdikhoyo.
17
Ke uSolomon waya e-Eziyon-gebhere nase-Elati kunxweme lolwandle lwase-Edom.
18
Ke uHiram wamthumelela iinqanawa ziqhutywa ngoomatiloshe bakhe, izinto ezazilwazi ulwandle, ziphantsi kweengqwayi-ngqwayi zazo. Bona ke bahamba namagosa kaSolomon baya eOfire, baza babuya bethwele igolide ebunzima buziikhilogram ezilishumi elinesihlanu lamawaka, bazinika ukumkani uSolomon.
← Chapter 7
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 9 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31
32
33
34
35
36