bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
/
2 Chronicles 15
2 Chronicles 15
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
← Chapter 14
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 16 →
1
Ke kaloku uMoya kaThixo wafikela uAzariya unyana kaOdede,
2
waza wanduluka waya kuAsa, wafika wathi kuye: “Khanindiphulaphule, Asa, nani nonke maJuda namaBhenjamin! Niyabona, *uNdikhoyo uba nani xa nani ningakuye. Xa nizondelela ukumfuna nomfumana; kodwa ke xa nithe namshiya, naye wonishiya.
3
Yaba lithuba elide amaSirayeli engenaye uThixo wokwenene, engenaye nambingeleli wakufundisa; ewe, engenawo namthetho.
4
Kuloo nkxwaleko ke abuyela kuNdikhoyo uThixo kaSirayeli, amfuna, aza amfumana.
5
Ngaloo mihla kwakungumngcipheko ukuhamba-hamba, kuba kaloku abemi belizwe babephithizela.
6
Isizwe sasitshatyalaliswa sesinye, isixeko sibhuqwa sesinye, kuba uThixo wayebaphithizelisa ngeendidi zonke zeenkxwaleko.
7
Kambe ke nina yomelelani ninganikezeli, kuba umsebenzi wenu woba nomvuzo.”
8
Suka ke uAsa wakhuthazeka akuyiva intshumayelo yomshumayeli unyana kaOdede. Wayitshitshisa imifanekiso engamasikizi kuwo wonke umhlaba wakwaJuda nowakwaBhenjamin, nakwiidolophu awazithimba kweleentaba lakwaEfrayim. Walilungisa iqonga likaNdikhoyo elaliphambi kwevaranda yendlu kaNdikhoyo.
9
Waza ke wamqokelela wonke uJuda noBhenjamin kwakunye namaEfrayim, amaManase, namaSimon awayeze kuma phakathi kwabo; kaloku into eninzi kubo yayimshiyile uSirayeli, yeza kuAsa, yakuqonda ukuba uNdikhoyo uThixo wakhe ungakuye.
10
Ewe, bahlanganisana eJerusalem ngenyanga yesithathu kunyaka weshumi elinesihlanu wolawulo luka-Asa.
11
Ngelo thuba ke benzela uNdikhoyo amadini ngamakhulu asixhenxe eenkomo namawaka asixhenxe eegusha neebhokhwe; mfuyo leyo ke yayingamaxhoba ababuya nawo.
12
Bazibophelela kumnqophiso wokufuna uNdikhoyo uThixo wooyise ngomxhelo wabo wonke nangomphefumlo wonke.
13
Ke bona bonke ababengazimiselanga ukumfuna uNdikhoyo uThixo kaSirayeli bamiselwa ukubulawa, omdala nomncinci, oyindoda nongumfazi.
14
Bafunga phambi koNdikhoyo, baduma batsho ngentswahla namaxilongo nezigodlo.
15
Wonke uJuda wasithakazelela eso sifungo kuba wayesenze ngomxhelo wakhe wonke. UThixo bamfuna ngolangazelelo, baza ke bamfumana. Ngoko ke uNdikhoyo wabaphumza ngeenxa zonke.
16
Ukumkani uAsa wamkhiqa unina-khulu uMaka kwisikhundla sokuba yikumkanikazi; kaloku yena wayenze isikizi eliyintsika ka-Ashera. UAsa wayigawula loo ntsika wayinqunqa, waza wayitshisa kwintili yeKedron.
17
Nangona engazitshitshisanga iindawo eziphakamileyo zonqulo kwaSirayeli, noko uAsa wayenqula uNdikhoyo ngomxhelo wakhe wonke bonke ubomi bakhe.
18
Wayizisa endlwini kaThixo isiliva negolide nenye impahla yonqulo, leyo yena noyise babeyenze umnikelo.
19
Akuphindanga kubekho mfazwe, yada yangunyaka wamashumi amathathu anantlanu wolawulo luka-Asa.
← Chapter 14
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 16 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31
32
33
34
35
36