bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
/
2 Chronicles 35
2 Chronicles 35
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
← Chapter 34
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 36 →
1
Ke kaloku uJosiya wenzela *uNdikhoyo itheko *lePasika eJerusalem, laza ke ixhwane lePasika laxhelwa ngomhla weshumi elinesine ngenyanga yokuqala.
2
Ababingeleli wabamisela kwimisebenzi yabo, wabakhuthaza emsebenzini wendlu kaNdikhoyo.
3
KubaLevi ababenikezelwe kuNdikhoyo befundisa uSirayeli wonke ephela wathi: “Yithatheni ityesi engcwele, niyifake endlwini awayakhela yona uSolomon unyana kaDavide ukumkani wakwaSirayeli. Mayingahlali niyithwele ngamagxa. Ngoku khonzani uNdikhoyo uThixo wenu ngokunjalo namaSirayeli.
4
Zilungiseleleni ngokwemizi yenu nangokwezintlu, ngokwendlela nemigqaliselo eyabhalwa nguDavide ukumkani wakwaSirayeli kunye nonyana wakhe uSolomon.
5
“Yimani engcweleni nineqela labaLevi kuluhlu ngalunye lwemizi yamawenu, abantu ngokubanzi.
6
Xhelani amaxhwane ePasika, nizihlambulule, amawenu niwalungiselele amaxhwane, nenze loo nto wayiyalezayo uNdikhoyo ngoMosis.”
7
Abantu ababelapho uJosiya wabalungiselela amashumi amathathu amawaka eegusha neebhokhwe ezizezedini lePasika, kwakunye namawaka amathathu eenkomo – zonke ezo zinto ziphuma kukumkani ngokwakhe.
8
Nawo amaphakathi akhe enza izinwe akhuphela abantu nababingeleli nabaLevi. UHilekiya noZakariya noYehiyeli, abaphathi bendlu kaThixo, banika ababingeleli amakhulu angamashumi amabini anesithandathu amaxhwane ePasika kunye neenkomo ezimakhulu mathathu.
9
Kwakhona uKonaniya noShemaya noNataniyeli, abantakwabo, kunye noHashabhiya noYehiyeli noYozabhadi iinkokheli zabaLevi, bakhupha amawaka amahlanu amaxhwane ePasika, kunye namakhulu amahlanu eenkomo egameni labaLevi.
10
Yalungiselelwa inkonzo leyo, ababingeleli bema ngeendawo zabo nabaLevi kwizintlu zabo ngokomyalelo kakumkani.
11
Axhelwa amaxhwane ePasika, baza ababingeleli bafefa ngelo gazi lalinikezelwe kubo, baba bona abaLevi behlinza.
12
Bawabeka bucala amadini atshiswayo, ukuze bawanikezele kwizintlu zemizi, ukuze zinikele kuNdikhoyo njengoko kubhaliwe encwadini kaMosis. Benjenjalo ke nasezinkomeni.
13
Ngokommiselo ke amaxhwane ePasika bawosa emlilweni, wona amadini awodwa bawapheka ngeembiza, oongxawu, neepani, baza ke baphakela abantu ngokukhawuleza.
14
Kamva ke balungiselela bona kunye nababingeleli. Kaloku ababingeleli, inzala ka-Aron, babesenza amadini atshiswayo nawamanqatha kwada kwahlwa. Ngoko ke abaLevi bazilungiselela bona ziqu kwanababingeleli bendlu ka-Aron.
15
Iimvumi, inzala ka-Asafu, zazimi ngeendawo zazo ngokomyalelo kaDavide noAsafu noHeman noYedutun imboni kakumkani. Kwisango ngalinye abagcini-masango abemkanga, kuba amawabo abaLevi babebalungiselele.
16
Ngelo thuba ke yonke inkonzo kaNdikhoyo yaqhutywa, kubhiyozelwa iPasika, kusenziwa namadini atshiswayo kwiqonga likaNdikhoyo ngokomyalelo kakumkani uJosiya.
17
Ngelo thuba ke amaSirayeli awayekhona apho ayibhiyozela iPasika, aqhuba neSidlo seZonka ezingaNyuswanga, iintsuku zasixhenxe.
18
Ukususela kwimihla yomshumayeli uSamweli iPasika le yayingazange iqhutywe ngolu hlobo kwaSirayeli, kungekho nakumkani kwabakwaSirayeli wakha waqhuba iPasika ngendlela awayenza ngayo uJosiya enababingeleli nabaLevi, naye wonke uJuda noSirayeli, abantu ababelapho eJerusalem.
19
Le Pasika ke yabhiyozelwa kunyaka weshumi elinesibhozo elawula uJosiya.
20
Ke kaloku emva kokuba uJosiya eyilungisile indlu kaThixo, uNeko ukumkani waseJiputa wenyuka waya kuhlasela iKarkemishe kumlambo iEfrati. Ke uJosiya wamhlangabeza.
21
Kambe ke uNeko wathumela izigidimi esithi: “Akukho mfazwe phakathi kwam nawe, kumkani wakwaJuda. Okweli lixa andihlaseli wena, koko ndihlasela isizwe esilutshaba lwam. UThixo uthe mandikhawulezise, ngoko ke wena musa ukuchasana noThixo ongakum, hleze akutshabalalise.”
22
Kodwa ke uJosiya zange ajike, koko wazenza mntu wumbi, wangena edabini. Ewe, zange ayiphulaphule into eyayithethwa kuye nguNeko owayeyalelwe nguThixo – wafunzela kuye, walwa naye kumathafa aseMegido.
23
Abatoli bamchana ukumkani uJosiya edabini apho, waza ke yena wathetha namaphakathi akhe, wathi: “Ndikhupheni; bandingxwelerhile.”
24
Bamkhupha ke kuloo nqwelo yakhe, bamfaka kwenye, baza bamsa eJerusalem, apho wafela khona. Wangcwatywa phakathi kwamangcwaba ooyise, waza ke wonke uJuda neJerusalem bamzilela.
25
Ke kaloku uJeremiya waqamba izililo ngoJosiya. Unanamhla ke zonke iimvumi, amadoda nabafazi, bahlabela ezo zililo xa bekhumbula uJosiya. Zona ke zada zasisithethe kwaSirayeli, zabhalwa kwiNcwadi yesiJwili.
26
Ke kaloku ezinye zeziganeko zolawulo lukaJosiya, kwanemisebenzi yakhe yokuzinikezela njengoko kubhaliweyo encwadini yomthetho kaNdikhoyo,
27
nazo zonke iziganeko zolawulo lwakhe, ukusukela ekuqalekeni kuye esiphelweni, nâzo encwadini yeembali zookumkani bakwaSirayeli nabakwaJuda.
← Chapter 34
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 36 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31
32
33
34
35
36