bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
/
2 Chronicles 26
2 Chronicles 26
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
← Chapter 25
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 27 →
1
Ke onke amaJuda athatha u-Uziya ambeka wangukumkani esikhundleni sikayise uAmaziya. U-Uziya lo ke wayeneminyaka elishumi elinesithandathu ezelwe.
2
Nguye owayakhayo ngokutsha iElati, waza wayibuyisela kuJuda emva kokusweleka kuka-Amaziya.
3
U-Uziya wangena ebukhosini eneshumi elinesithandathu leminyaka, waza ke walawula eJerusalem iminyaka engamashumi amahlanu anambini. Unina yayinguYekoliya intombi yaseJerusalem.
4
U-Uziya wenza okuhle emehlweni *kaNdikhoyo, njengoko wenzayo noyise uAmaziya.
5
Wayemfuna ngenzondelelo uThixo ngemihla kaZakariya owayemluleka ngokuhlonela uThixo. Ngalo lonke ithuba emlandela uNdikhoyo, uThixo wamthi jize ngempumelelo.
6
U-Uziya walwa namaFilistiya, waza wazidiliza iindonga zaseGati nezaseYabhene nezaseAshdode. Kamva ke wakha iidolophu ngaseAshdode nakwezinye iindawo apho kwelamaFilistiya.
7
UThixo wamnceda ngakumaFilistiya nama-Arabhu awayehlala eGur-bhali, ndawonye namaMewun.
8
Ama-Amon ayekhuphela u-Uziya imirhumo; ewe, udumo lwakhe lwanabela nakwimida yeJiputa. Kaloku wayenamandla.
9
U-Uziya wakha iinqaba eJerusalem kwiSango leKona, nakwiSango leNtili, nasedolweni lodonga, waza ke waziqinisa.
10
Nasentlango wakha iinqaba, wemba namaqula amaninzi njengoko wayenemfuyo eninzi emazantsi eentaba nasemathafeni. Wayenabasebenzi bamasimi nabezidiliya ezintabeni nakwimihlaba echumayo – kaloku wayewuthanda umhlaba.
11
U-Uziya wayenomkhosi oqeqeshiweyo, ohleli uchophele ukuphuma ngamabutho ngokwezigaba zawo. Wawusesandleni sikaYehiyeli unobhala kunye noMaseya igosa ababephantsi koHananiya elinye lamaphakathi asebhotwe.
12
Inani leenkokheli zamabutho amiselwe ngokweziduko lalingamawaka amabini namakhulu amathandathu.
13
Zaziphethe umkhosi omadoda angamakhulu amathathu anesixhenxe amawaka namakhulu amahlanu, izinto eziyiqeqeshelweyo imfazwe – mkhosi lowo owawungamandla okuxhasa ukumkani ezintshabeni zakhe.
14
Lo mkhosi wonke ke wawuxhaswa ngu-Uziya ngamakhaka, imikhonto, iminqwazi, izikhuselo zentsimbi, izaphetha, neenkwitshi.
15
EJerusalem wenza oomatshini abaqingqwa ngamachule ukuze basetyenziswe ezinqabeni nakwizikhuselo ezisezikoneni zeendonga ukuze ke kudutyulwe ngeentolo, kugityiselwe ngamatye amakhulu. Udumo lwakhe lwanabela kulo lonke. Kaloku wancedwa waxhaswa kakhulu, wada ke wayingangamsha.
16
Kambe akuba ekhulile wanobungangamsha, u-Uziya wangenelwa likratshi elamrhuqela ekuweni. Wasuka akathembeka kuNdikhoyo uThixo wakhe, wada wangena endlwini kaNdikhoyo wenza isiqhumiso eqongeni leziqhumiso.
17
Ke umbingeleli uAzariya enamashumi asibhozo ababingeleli bakaNdikhoyo abangamatsha-ntliziyo bamlandela bangena naye.
18
Bamxelelisa ukumkani u-Uziya bathi: “Asikokwakho, Uziya, ukuba wena wenzele uNdikhoyo isiqhumiso. Lowo ngumsebenzi wababingeleli, isizukulwana sika-Aron, abantu abakhutshelwa bucala ukuze batshise isiqhumiso. Ngoko ke phuma apha kwindawo engcwele, kuba le nto uyenzileyo kukunganyaniseki, yaye ke uNdikhoyo uThixo akasayi kukuxabisa.”
19
U-Uziya wayephethe umcephe ngesandla, selelungele ukwenza isiqhumiso. Ke kaloku wasuka wacaphuka. Uthe ke esavutha njalo umsindo kubo ababingeleli abo apho phambi kweqonga endlwini kaNdikhoyo, suka iqhenqa lee tyaba ebunzini lakhe.
20
Umbingeleli omkhulu uAzariya nabanye ababingeleli abo bathe bakumkhangela babona ukuba uneqhenqa ebunzi; ngoko ke bakhawuleza bamkhuphela ngaphandle. Ewe, naye ngokwakhe wayeselekungxamele ukuphuma, kuba kaloku uNdikhoyo wayemvelele ngesohlwayo.
21
Ke kaloku ukumkani u-Uziya wathiwa nca lelo qhenqa, wada wasweleka. Wayehlala endlwini yakhe yedwa ngenxa yelo qhenqa, engenakungena nasendlwini kaNdikhoyo. Unyana wakhe uYotam waba libamba apho ebhotwe, yanguye obalawulayo abantu belizwe elo.
22
Ke ezinye zeziganeko zolawulo lukaUziya, ukusukela ekuqaleni kude kuye esiphelweni, nâzo kwingcombolo yomshumayeli uIsaya unyana ka-Amozi.
23
U-Uziya ke waya kuphumla kooyise, waza wangcwatyelwa kufuphi nabo kumhlaba wokungcwaba owawungowookumkani, kuba abantu besithi: “Kaloku ebeneqhenqa.” Unyana wakhe uYotam wangena esikhundleni sakhe.
← Chapter 25
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 27 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31
32
33
34
35
36