bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
/
Job 19
Job 19
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
← Chapter 18
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 20 →
1
Waphendula uYobhi, wathi,
2
Kunini na nisenza isingqala kumphefumlo wam, Nindityumza ngokuthetha?
3
Ezi zihlandlo zilishumi nindihlazile; Anidanile, niyandikhwankqisa.
4
Khona ke ndithe okunene ndalahleka, Kuhleli nam ukulahleka kwam.
5
Ukuba okunene nithe nazikhulisa kum, Nandohlwaya ngengcikivo yam:
6
Yazini ngoko, ukuba nguThixo ondigobileyo, Wandirhawula ngomnatha wakhe.
7
Yabona, ndiyakhala, ndithi, Ndagonyamelwa! kungasatyelwa;Ndiyazibika, kungabikho kulungisa.
8
Uyibiyile indlela yam, akwabakho ukugqitha; Ezingqushwini zam wamisa ubumnyama.
9
Undihlube uzuko lwam, Wasusa isithsaba sentloko yam.
10
Undidilizile ngeenxa zonke, ndemka; Walincothula njengomthi ithemba lam.
11
Uwuvuthise ngakum umsindo wakhe, Wandibalela ekuthini ndingowababandezeli bakhe.
12
Zeza kunye izimpi zakhe, Zandifumbela indlela yazo, Zayizunguleza ngeenxa zonke intente yam.
13
Abazalwana bam ubase kude kum, Abandaziyo sebengabasemzini kanye kum.
14
Izalamane zam zindishiyile, Nabazana nam bandilibele.
15
Abahlala endlwini yam, nabakhonzazana bam, Bandibalele ekuthini ndingowasemzini, Ndingowolunye uhlanga emehlweni abo.
16
Ndibiza umkhonzi wam, angasabeli; Ndimbongoze ngomlomo wam.
17
Umoya wam umkruqule umkam; Ndiyanuka kubantwana besizalo esandizalayo.
18
Namakhwenkwe ayandicekisa; Ndakusuka, asuka athethe ngam.
19
Ndilisikizi kumakholwane am, Nabendibathanda bandiguqukele.
20
Amathambo am atshele eluswini lwam nasenyameni yam;Ndisinde macebetshu.
21
Tarhuni, tarhuni, zihlobo zam; Kuba isandla sikaThixo sindiphethe.
22
Yini na ukuba nindisukele njengoThixo, Ninganeli yinyama yam?
23
Akwaba ngoku ebebhalwa amazwi am! Akwaba ebekrolwe encwadini!
24
Ngentlabo yesinyithi, atyhidwe ngelothe, Axholelwe eweni nanini!
25
Ke mna ndiyazi ukuba umhlawuleli wam uhleli;Engowokuphela, uya kusuka eme phezu kothuli lwehlabathi.
26
Emveni kokuba ulusu lwam ludlavulwe lwanje, Ingasekho inyama yam, ndiya kumbona uThixo,
27
Endiya kuzibonela mna ngokwam; Amehlo am ambone, ingabi wumbi. Ziyaphelelwa izintso zam ngaphakathi kwam.
28
Ukuba nithi, Simsukela ngani na? Ingcambu yaloo nto ifunyenwe kum:
29
Nxunguphalani likrele; Kuba ubushushu, bubo ubugwenxa obufanele ikrele, Ukuze nazi ukuba kukho umgwebo.
← Chapter 18
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 20 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31
32
33
34
35
36
37
38
39
40
41
42