bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
/
Job 28
Job 28
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
← Chapter 27
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 29 →
1
Kuba kukho apho iphuma khona isilivere, Nendawo yegolide abayihluzayo.
2
Isinyithi sithatyathwa eluthulini, Banyibilikisa amatye abe lubhedu.
3
Baphelisa ubumnyama, Bebhekisa eziphelweni zonke, Begocagocela amatye asesithokothokweni nawasebumnyameni obuthe shinyi.
4
Bemba umngxuma kude kwabemiyo, Belityelwe lunyawo lwabahambi; Baxhomekile bekude nabantu, bayajinga.
5
Umhlaba-kuphuma ukutya kuwo; Umzantsi wawo ubhukuqwa ngathi ngumlilo.
6
Indawo yesafire ngamatye awo, Amagada egolide akuyo;
7
Yingqushu engaziwa xhalanga, Engathiwanga nzo liso lantloyiya,
8
Enganyathelwanga thole lanyamakazi inyalasayo, Engahanjwanga nayingonyama.
9
Usa isandla sakhe nakwiqhwitha, Uzibhukuqa ezingcanjini iintaba.
10
Ugqobhoza imijelo emaweni; Libona zonke izinto ezinqabileyo iliso lakhe.
11
Uvingca imilambo ingavuzi, Okufihlakeleyo akukhuphele emhlotsheni.
12
Ke bona ubulumko bufunyanwa phi na? Iphi na indawo yengqondo?
13
Akalazi umntu ixabiso labo; Abufunyanwa ezweni labahleliyo.
14
Amanzi enzonzobila athi, Abukum; Ulwandle luthi, Abunam.
15
Akurholwa golide ithe shinyi esikhundleni sabo;Akulinganiswa silivere ibe yintengo yabo.
16
Abumelwa yigolide ecikizekileyo yakwaOfire, Nesardonisi enqabileyo, nesafire.
17
Azinakulingana nabo igolide negilas; Abunakwananana neempahla zegolide engcwengiweyo.
18
Zingasakhunjulwa iikorale neekristale, Ukuzuzwa kobulumko kuphezu kweeperile.
19
Ayinakulingana nabo itopazi yakwaKushi; Abumelwa yigolide ecikizekileyo, ecocekileyo.
20
Ubulumko buvela phi na ke, Yiyiphi na indawo yengqondo?
21
Bufihlakele emehlweni eento zonke eziphilileyo;Busithakele nasezintakeni zasezulwini.
22
Inzonzobila nokufa kuthi, Sibuvile ukubuva ngendlebe.
23
NguThixo oyiqondayo indlela yabo, Nguye oyaziyo indawo yabo.
24
Kuba yena ubheka eziphelweni zehlabathi, Ubona phantsi kwamazulu onke;
25
Ngokuwenzela umoya ubunzima bawo, Namanzi awalinganise ngomlinganiso;
26
Ekuyenzeleni kwakhe imvula ummiselo, Nombane wendudumo indlela:
27
Waza wabubona, wabubala; Wabumisa, wabugocagoca nokubugocagoca;
28
Wathi emntwini: Yabona, ukoyika iNkosi, bubulumko obo, Nokutyeka ebubini kuyingqondo.
← Chapter 27
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 29 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31
32
33
34
35
36
37
38
39
40
41
42