bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
/
Job 42
Job 42
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
← Chapter 41
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
1
UYobhi wamphendula uYehova, wathi,
2
Ndiyazi ukuba unako ukufeza konke, Akunqatyelwa nto uyicingileyo.
3
Ngubani na lo usithe icebo engenakwazi? Ngoko ke ndithethe ndingaziqondi Izinto ezibalulekileyo kum, ndingazazi.
4
Khawuphulaphule, ndithethe mna; Ndiya kubuza kuwe, undazise.
5
Bendikuva ukukuva ngendlebe, Kungoku iliso lam likubonile.
6
Ngenxa yoko ndiyazicekisa, ndizohlwaye, Ndiseluthulini naseluthuthwini.
7
Ke kaloku kwathi, emva kokuba uYehova ewathethile la mazwi kuYobhi, wathi uYehova kuElifazi wakwaTeman, Umsindo wam uyavutha kuwe, nakubamelwane bakho bobabini; kuba anithethanga nto iyiyo ngam, njengomkhonzi wam uYobhi.
8
Ngoku ke zithabatheleni iinkunzi ezintsha zeenkomo zibe sixhenxe, neenkunzi zeegusha zibe sixhenxe, niye kumkhonzi wam uYobhi, nizinyusele idini elinyukayo, uYobhi umkhonzi wam anithandazele. Ndomnonelela yena yedwa, ukuze ndingenzi kuni ngokobudenge benu; kuba ningathethanga nto iyiyo ngam, njengomkhonzi wam uYobhi.
9
Baya ke ooElifazi wakwaTeman, noBhiledadi wakwaShuwa, noTsofare waseNahama, benza njengoko wakuthethayo kubo uYehova.Waza uYehova wamnonelela ke uYobhi.
10
UYehova wakubuyisa ukuthinjwa kukaYobhi, akubon ukuba ubathandazele oowabo. Wakongeza uYehova konke awayenako uYobhi, kwada kwaphindwa kabini.
11
Beza kuye bonke abazalwana bakhe, noodade babo bonke, nabo bonke ababesazana naye ngenxa engaphambili, badla naye ukutya endlwini yakhe, bamkhuza, bamthuthuzela ngenxa yobubi bonke, abemfikisele bona uYehova; bamnika elowo ikhulu lemali, elowo ijikazi legolide.
12
UYehova wakusikelela ukuphela kukaYobhi ngaphezu kokuqala kwakhe; waba neshumi elinesine lamawaka empahla emfutshane, nesithandathu samawaka eenkamela, newaka lezibini zeenkomo, newaka leemazi zamaesile.
13
Waba noonyana abasixhenxe, neentombi ezintathu. Igama leyokuqala kwathiwa nguJemima,
14
igama leyesibini nguKetsiya, igama leyesithathu nguKeren-hapuki.
15
Akwafumaneka mankazana mahle njengeentombi zikaYobhi ezweni lonke. Uyise wazinika amafa phakathi kwabanakwazo.
16
Emveni koko, uYobhi wadla ubomi iminyaka elikhulu elinamanci mane, wabona oonyana bakhe, noonyana boonyana bakhe, izizukulwana zazine.
17
Wafa ke uYehobi, eyindoda enkulu, ephelele ebudaleni.
← Chapter 41
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31
32
33
34
35
36
37
38
39
40
41
42