bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
/
Job 6
Job 6
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
← Chapter 5
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 7 →
1
Waphendula uYobhi, wathi,
2
Akwaba bekulinganiswe nokulinganiswa ukukhathazeka kwam, Kwabekwa esikalini ukweyela kwam ndawonye nako!
3
Kuba ngoku bekuya kuba nzima ngaphezu kwentlabathi yolwandle; Kungenxa yoko le nto amazwi am angawokubhuda.
4
Kuba iintolo zoSomandla zimi kum, Ezibuhlungu bazo buwufincayo umoya wam; Izidandathekiso zikaThixo zindakhele uluhlu lokulwa.
5
Iesile lasendle likhe lilile na liseluhlazeni? Iyalila na inkomo isekutyeni kwayo?
6
Iyadliwa na into ejavujavu, ingenatyuwa? Sikho na isongo kwintlaka yeqanda?
7
Eyona nto walayo ukuyiphatha umphefumlo wam, Leyo yeyona ikukudla kwam okukruqulayo.
8
Akwaba bendingazuza isicelo sam, UThixo andiphe endikulindelayo;
9
Kukholeke kuThixo ukundityumza, Asivulele isandla sakhe, andinqumle!
10
Ibiya kuhlala ikho intuthuzelo yam; Bendiya kuxhina kwezo ntlungu zingacongiyo; Kuba andiwakhanyelanga amazwi oyiNgcwele.
11
Ayintoni na amandla am, ukuba ndingade ndithembe? Siyintoni na isiphelo sam, ukuba ndingade ndibe nokuzeka kade?
12
Angamandla amatye na amandla am? Inyama yam ilubhedu na?
13
Akuphelile yini na kum ukuncedakala, Ukuzimaseka kwabhejethwa kwakanye?
14
Akuhlaziswa oqotyiweyo ngummelwane wakhe, Uya kulahla ukumoyika uSomandla.
15
Abazalwana bam banginizile njengomlanjana, Njengomphantsi wemilanjana etshayo,
16
Emdaka ngumkhenkce, Elizifihla kuyo ikhephu.
17
Ekufikeni kokufudumala iyabhanga; Lakubalela ithi qoko, ingabikho ezindaweni zayo.
18
Iyajikajika imendo yokuhamba kwayo, Inyuka iye enyanyeni, idake.
19
Imikhoko yakwaTema yabheka, Imiqodi yakwaShebha yathemba yona;
20
Yadana, kuba ibikholosile; Yafika khona, yaneentloni.
21
Kuba ngoku nisuke naba yinto engento, Nibone ukuqhiphuka umbilini, noyika.
22
Khe ndatsho na ukuthi, Etheni kum? Ndipheni emandleni enu?
23
Nindisindise esandleni sombandezeli, Nindikhulule esandleni sengqwangangqwili?
24
Ndiyaleni, ndothi cwaka; Nindiqondise ukulahleka kwam.
25
Asikuko nokuba ayahlaba amazwi athe tye! Ke ukohlwaya kwenu kohlwaya ntoni na?
26
Niba ninokohlwaya ukuthetha oku na? Angumoya amazwi omntu oncamileyo.
27
Ke nangenkedama ningaqashisa, Nirhwebe ngommelwane wenu.
28
Makukholeke kuni ngoku, nibheke kum, Kuba okunene ebusweni benu andiyi kuthetha amanga.
29
Khanibuye, makungabikho bugqwetha, Niphinde nibuye;ubulungisa bam bukule nto.
30
Bukho na ubugqwetha elulwimini lwam? Ikhuhlangubo lam alingekuqondi na ukweyelisela?
← Chapter 5
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 7 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31
32
33
34
35
36
37
38
39
40
41
42