bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
/
Job 22
Job 22
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
← Chapter 21
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 23 →
1
Wasusela uElifazi wakwaTeman, wathi,
2
Umfo unokumnceda na uThixo? Hayi bo! Uzinceda ngokwakhe oqiqayo.
3
Kumnandi na kuSomandla, xa ulilungisa? Kuyinzuzo na kuye, ukuba uyazigqibelelisa iindlela zakho?
4
Uya kukohlwaya na ngenxa yokoyika kwakho uThixo, Aye nawe ematyaleni?
5
Ububi bakho abubukhulu na? Ubugwenxa bakho asibobungaphele ndawo na?
6
Kuba ububambise umzalwana wakho ngelize, Ububahluba abaze iingubo.
7
Ubungamsezi manzi otyhafileyo, Olambileyo ubumwimba ukutya.
8
Ke indoda enengalo, belilelayo ilizwe; Obekekileyo ubehlala kulo.
9
Abahlolokazi ububandulula belambatha, Neengalo zeenkedama ubuzityumza.
10
Ngenxa yoko imigibe ikujikelezile, Ukhwankqiswe ngesiquphe kukunkwantyiswa.
11
Khona akububoni na ubumnyama, Nobuninzi bamanzi akugubungelayo?
12
UThixo ukuphakama kwakhe asikokwamazulu yini na? Bona ke intloko yazo iinkwenkwezi, ukuba phezulu kwayo!
13
Uthi ke wena, Wazi ntoni na uThixo? Unokugweba na, engaphaya kobumnyama bamafu?
14
Amafu amsithile, akaboni; Uzihambela okwakhe esazingeni samazulu.
15
Umendo wasephakadeni uya kuwugcina na, Abawunyatheleyo abantu abanobutshinga?
16
Abashwabene lingekabi lixesha; Lwanyibilika, lwangumsinga useko lwabo,
17
Ababesithi kuThixo, Suka kuthi; Angabenza ntoni na uSomandla?
18
Kanti ebenguye ozalisa izindlu zabo ngezinto ezilungileyo.Iqhinga labangendawo malibe lee kum.
19
Aya kubona oko amalungisa, avuye; Omsulwa uyabagculela, esithi,
20
Inene, abasukele phezulu kum bathe shwaka, Wakudla umlilo ukuphuphuma kwabo.
21
Khawenze ubuhlobo naye, ube noxolo; Ngaloo nto wozelwa kokulungileyo.
22
Khawamkele umyalelo emlonyeni wakhe, Ubeke iintetho zakhe entliziyweni yakho.
23
Ukuba uthe wabuyela kuSomandla, uya kwakhiwa. Ukuba uthe wabubeka kude ubugqwetha ezintenteni zakho,
24
Walibeka eluthulini ilitye legolide, Wayibeka eluhlalwini lwemilanjana neyakwaOfire:
25
USomandla woba lilitye legolide kuwe, Nesilivere ebengezelayo kakhulu.
26
Ngokuba uya kwandula ukuziyolisa ngoSomandla, Ubuphakamisele kuThixo ubuso bakho.
27
Wothandaza kuye, eve, Uzizalise izibhambathiso zakho;
28
Usongele into, ifezeke kuwe; Ezindleleni zakho kukhanye, kube mhlophe.
29
Xa zithe zehla, wothi, Phezulu! Amsindise omehlo aqondele phantsi.
30
Uya kusindisa nongemsulwa, Asizwe bubunyulu bezandla zakho.
← Chapter 21
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 23 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31
32
33
34
35
36
37
38
39
40
41
42