bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
/
Job 38
Job 38
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
← Chapter 37
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 39 →
1
Waza uYehova wamphendula uYobhi, esemoyeni ovuthuzayo, wathi,
2
Ngubani na lo usitha icebo Ngokuthetha okungenakwazi?
3
Khawuwabhinqise njengomfo amanqe akho, Ndikubuze, undazise.
4
Ubuphi na wena ukuseka kwam ihlabathi? Xela, ukuba uyazi, uyaqonda.
5
Ngubani na omise imilinganiso yalo, ukuba uyazi? Ngubani na ololulele ulutya lokulinganisa?
6
Zifakwe ntwenini na izikhondo zeentsika zalo? Ngubani na owabeka ilitye lalo lembombo,
7
Ekumemeleleni kunye kwamakhwezi okusa, Beduma bonke oonyana bakaThixo?
8
Ngubani na owaluvingcelayo ulwandle ngeengcango Ekutyhobozeni kwalo, luphuma esizalweni;
9
Ekulwambathiseni kwam ngamafu, Ekulusongeleni ngesithokothoko;
10
Ndakulusikelela umda wam, Ndakumisa imivalo neengcango;
11
Ndathi, Fika apha, ungegqithi; Eme apha amaza akho akratshayo?
12
Ngemihla yakho wakha wayiwisela umthetho na intsasa, Wasazisa isifingo indawo yaso;
13
Ukuba sibambe amasondo ehlabathi, Bavuthululwe kulo abangendawo?
14
Liguquka njengodongwe lomsesane wokutywina, Zizimise ngokwazo izinto njengasesambathweni;
15
Abangendawo bavinjwe ukukhanya kwabo, Nengalo ephakamileyo yaphulwe.
16
Uye wafika na emithonjeni yolwandle? Wahambahamba ezingontsingontsini zenzonzobila?
17
Uwatyhilelwe na amasango okufa? Namasango ethunzi lokufa wawabona?
18
Ubugqalile na ububanzi behlabathi? Xela, ukuba uyakwazi oko konke.
19
Iphi na indlela esa ekhayeni lokukhanya, Nobumnyama iphi na indawo yabo,
20
Ukuba ubuse emdeni wabo, Ukuba uqonde iindlela zendlu yabo?
21
Uyazi kambe, ngokuba wawusewuzelwe oko Lilikhulu nenani lemihla yakho!
22
Ufikelele na ebuncwaneni bekhephu? Ubuncwane besichotho wabubona,
23
Endabuqwebela ixesha lembandezelo, Imini yokudibana nemfazwe?
24
Iphi na indlela yalapho kwabiwa khona ukukhanya? Yalapho luphangalaliswa khona ulophu lwasempumalanga ehlabathini?
25
Ngubani na ogqobhozela isiphango umjelo, Ogqobhozela umbane weendudumo indlela;
26
Ukuba ine ezweni elingenamntu, Entlango, apho kungekho mntu;
27
Ihluthise intshabalala yakwantshabalala, Intshulise uhlaza oluphumayo?
28
Inoyise na imvula? Ngubani na ozala amathontsi ombethe?
29
Uphuma umkhenkce esizalweni sikabani na? Neqabaka yasezulwini izalwa ngubani na?
30
Amanzi ayaqina njengelitye, Nobuso bamanzi anzongonzongo bubambene.
31
Unokuwabopha na amaqhina esiLimela, Uzicombulule izintya zamaKroza?
32
Unokuyivelisa na imilindo yeenyanga ngexesha layo, Uzalathise iinkwenkwezi zeBhere nabantwana bayo?
33
Uyayazi na imimiselo yezulu? Umise ulawulo lwalo ehlabathini?
34
Unokuliphakamisela emafini na izwi lakho, Ukuze ubuninzi bamanzi bukugubungele?
35
Unokuyithuma na imibane, ihambe ithi kuwe, Sikho?
36
Ngubani na omise ubulumko ezintsweni? Ngubani na onike imboniseli ingqondo?
37
Ngubani na obala iingqimba zamafu ngobulumko? Ngubani na othulula iintsuba zezulu.
38
Emelelweni wothuli, lube lutyhido, Amagada anamathelane?
39
Ingonyamakazi unokuyizingelela inyamakazi na, Uzalise iphango leengonyama ezintsha,
40
Xa zincathamayo ezikhundleni zazo, Zihlale ezindadeni, zilalele?
41
Ngubani na olungisela ihlungulu umfunzelo walo, Xa amathole alo azibika kuThixo, Ebhadu-bhadula, engenakudla?
← Chapter 37
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 39 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31
32
33
34
35
36
37
38
39
40
41
42