bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
/
Job 5
Job 5
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
← Chapter 4
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 6 →
1
Khawubize kambe, ukuba ukho na owokuphendula. Uya kubheka kuwuphi na kwabangcwele?
2
Kuba ingqumbo iyambulala osisimathane, Nekhwele liyambulala osisiyatha.
3
Ndimbonile mna osisimathane emila; Ndaza ndalishwabulela ngesiquphe ikhaya lakhe.
4
Bakude nosindiso abantwana bakhe, Batyunyuzwa esangweni bengenamhlanguli;
5
Ekubeni abalambileyo besidla uvuno lwakhe, Balurhole naseluthangweni lwesiphingo; Abanxaniweyo bazonda ubutyebi babo.
6
Kuba inkohlakalo ayiphumi eluthulini, Nobubi abuntshuli emhlabeni;
7
Hayi, umntu uzalelwa ububi, Njengokuba iintlantsi zinyuka ukubaleka kwazo.
8
Ke mna bendiya kusingisa kuThixo, Indawo yam ndiyibhekise kuThixo,
9
Owenza izinto ezinkulu ezingenakugocwagocwa, Imisebenzi ebalulekileyo engenakubalwa;
10
Ulonika imvula phezu kobuso bomhlaba, Ase amanzi phezu kwamaphandle,
11
Ukuba abathobekileyo abamise ezindaweni eziphakamileyo, Abanezimnyama zokuzila banyukele elusindisweni.
12
Utshitshisa iingcinga zabo banobuqhophololo, Zingenzi nto izimasekileyo izandla zabo.
13
Ubambisa izilumko kubuqhophololo bazo, Iqhinga labanobuqokolo lingxamiseke ke.
14
Emini baqubisana nobumnyama, Baphuthaphuthe kwemaqanda, ngathi kusebusuku.
15
Usindisa ihlwempu ekreleni, emlonyeni wabo, Nasesandleni sowomeleleyo.
16
Kubekho ke ithemba kosweleyo, Ubugqwetha buwuvale umlomo wabo.
17
Yabona, unoyolo mntu owohlwaywa nguThixo! Musa ke ukukucekisa ukuthethisa kukaSomandla!
18
Kuba wenza buhlungu, abophe; Uyaphalusa, ziphilise izandla zakhe.
19
Ezimbandezelweni ezintandathu uya kukuhlangula, Nakwezisixhenxe akuyi kuchukunyiswa bububi;
20
Endlaleni ukukhulula ekufeni Emfazweni ukukhulula ekuxatyelweni ngekrele,
21
Eziniyeni yolwimi uzinyezwe, Ungoyiki imbuqo, yakufika.
22
Imbuqo nendlala uya kuyihleka, Nerhamncwa lasendle ungaloyiki.
23
Kuba unqophisene namatye asendle, Amarhamncwa asendle axolelene nawe;
24
Uya kwazi ukuba uxolo yintente yakho, Ulivelele ikhaya lakho, ungaphosani nanto;
25
Uyazi ukuba ininzi imbewu yakho, Nenzala yakho injengomfuno wehlabathi.
26
Uya kungena engcwabeni womelele, Njengokungeniswa kwesithungu ngexesha laso.
27
Bona, oku sikugocagocile, kunjalo; Kuve, ukwazi wena ngokwakho.
← Chapter 4
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 6 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31
32
33
34
35
36
37
38
39
40
41
42