bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Hebrews 1
Hebrews 1
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 2 →
1
NGEZAHLULO ezininzi nangendawo ezininzi etetile nje utixo kudala kubo obawo ngabo abaprofite,
2
ute kulemihla yokugqibela wateta kuti ngonyana, ammisileyo ukuba yindlalifa yezinto zonke, okungaye kanjalo wawenza amazwe akoyo:
3
owati, eyinkazimlo yobungcwalisa bake nemfano yesiqu sake, epata nokupata zonke izinto ngelizwi lamandla ake, eyenzile ngokwake nje intlanjululwa yezono zetu, wahlala pantsi ngasekunene kwobukulukazi enyangweni yapezulu;
4
egqitisile ngokunjalo kuzo ingelosi, njengoko alizuzileyo ngelifa igama elidluliseleyo ngapezu kwazo.
5
Ngokuba kwiyipina yazo ingelosi ebeka watsho ukuti: Ungunyana wam wena, ndikuzele namhla nje? nakanjako: Mna ndiya kuba nguyise kuye, naye woba ngunyana kum?
6
Naxeshekweni kanjako amngenisayo umzalwa‐tanci elizweni, uti: Mazimbedeshe yena zonke ingelosi zikatixo.
7
Nangazo ingelosi uti: Owenza ingelosi zake umoya, nabakonzi bake ilangatye lomlilo.
8
Kodwa ngaye unyana kutshiwo ukuti: Iterone yako, Tixo! yohlala kude kube ngunapakade kanapakade; intonga yobukumkani bako yintonga yokulunga;
9
utandile ubulungisa, watiya inkohlakalo; ngako oko utixo, kwa utixo wako, wakutambisa ngeoli yovuyo ngapezu kwamakolwane ako.
10
Nokuti: Wena kwa sekuqalekeni, Nkosi! wabeka ukuseka kwomhlaba: namazulu angumsebenzi wezandla zako:
11
zotshabalala zona, kodwa wena uhlala uko; ewe zonke ziya kuguga njengengubo;
12
wauya kuzisonga njengesivato, zaziya kuguqulwa ke: kanti wena ukwa nguwe; neminyaka yako ayisayi kupela.
13
Kodwa kwiyipina yazo ingelosi uke watsho ukuti: Hlala ngasekunene kum, ndide ndenze intshaba zako zibe sisitulo senyawo zako?
14
Zona zonke azingomoya abakonzayo na, betunyelwa ukwenza inkonzo ngenxa yabo abaya kuzuza usindiso?
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 2 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13