bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Hebrews 12
Hebrews 12
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 11
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 13 →
1
NGAKO oko ke nati, sinesihlwele esikulu kangaka samanqi̔na sisipahla nje, masibeke nxamnye imitwalo yonke, naso isono esiṙaulayo kakuhle, siti ngomonde sibaleke ugqatso esilubekelwayo,
2
sikangela ngakuye oyimbangi nomfezekisi wokolo lwetu, u‐Yesu, owati ngenxa yovuyo olube lubekwa pambi kwake wayinyamezela ikuruse, elidelile ihlazo nje, waza wahlala pantsi ngasekunene kweterone katixo.
3
Ngokuba telekelelani lowo okunyamezeleyo ukupika okunjalo ngaboni ngakuye yena, ukuze ningadinwa ngokuncama emipefumlweni yenu.
4
Anikamelanga kwada kwaligazi nisilwa nesono;
5
kanjako nisilibele isiyalo esitetayo kuni njengakubo onyana: Nyana wam! ungadeli ukwohlwaya kukayehova; zungancami ke wakutetiswa nguye:
6
ngokuba esiti uyehova lowo amtandayo amohlwaye, nabo bonke onyana abamkelayo ababete.
7
Ukuba ukwohlwaywa niyakunyamezela, uti utixo anipate njengonyana; ngokuba nguwupina ongunyana ati uyise angamohlwayi?
8
Kodwa ukuba nihlala ningenakwohlwaywa, abati bonke bakwamkele, kukona ningabantwana besisu, ningengabo onyana.
9
Kanjalo ke sibe sinabo oyise benyama yetu abasohlwayayo, saza sabahlonela: sesingayi kuti kakulu ngakumbi ke na silulamele kuye uyise womoya, size sibudle ubomi?
10
Ngokuba bona okunene bebesiti imihla yamincinane basohlwaya njengokuba bekunga kulungile kubo; kodwa yena uyasohlway ela ukuncedwa kwetu, ukuba samkele kubo ubungcwele bake.
11
Kekaloku akuko kwohlwaywa ixesha kukoyo ngalo okunga kuyinto yovuyo, koko kunga kuyinto yosizi: noko kamva kuyanika isiqa̔mo esiluxolo sobulungisa kwabo baqeliswayo ngako.
12
Ngako oko pakamisani izandla ezipolelweyo, namadolo acubukileyo;
13
nize nenzele inyawo zenu indlela ezilungeleleneyo, ukuze okuqwalelayo kungatyekiswa, kodwa ngokukumbi kupiliswe.
14
Putumani uxolo ngakubo abantu bonke, nabo ubungcwele, ekungeko namnye oya kuyibona inkosi engenabo:
15
nilumka nje kungabiko mntu oposana nofefe lukatixo; kungabiko nanye ingcambo yobuṙaṙa ihluma nje e ni katazayo, kuze kuti ngayo banco̔liswe abaninzi;
16
kungabiko mntu ongumpimisi, umhlaumbi umginwa, njengo‐Esau, owati ngenxa yesidlo sinye watengisa ngobuzibulo bake:
17
ngokuba nisazi ukuba nasemveni kwoko, akufuna ukulizuza itamsanqa, waliwa; ngokuba engafumananga ndawo yokuguquka, nakuba walifunayo enenyembezi.
18
Ngokuba ningasondelanga entabeni epatekayo, etshayo ngomlilo, nasesitokotokweni, nasebumnyameni, naseluquteni,
19
nasesandini sexilongo, nasentlokomeni yamazwi, abati abo babeweva bazilandulela ukuba kwalekelwe ukutetwa kubo:
20
ngokuba bebengenyamezeleyo oko bekuyalelwayo: Nokuba sisilo kodwa esicu̔kumisayo intaba, siya kugityiselwa ngamatye, umhlaumbi siya kuhlatywa ngomkonto:
21
kanjako umbonakalo lowo ube woyikekile kangaka, u‐Mosesi wati: Ndinokwoyika okukulu nokungcangcazela.
22
Koko nisondeleyo entabeni ye‐Ziyone, nasesixekweni sotixo ohleliyo, e‐Yerusaleme yasezulwini, nakumawakawaka engelosi,
23
kwintlanganiso enkulu, nakwiṙemente yamazibulo aba̔lelweyo ezulwini, nakuye utixo umgwebi wabo bonke, nakomoya babalungileyo abafezekisiweyo,
24
nakuye u‐Yesu umlamli wocebano olutsha, nasegazini lokufefwa eliteta izinto ezilungileyo ngakumbi pezu kwelika‐Abele.
25
Lumkani ukuba ningali lowo utetayo. Ngokuba abo bamalayo obeteta amazwi katixo emhlabeni ukuba abasinda ke, soti kakulu ngakumbi tina singasindi, sakupambuka kobevela ezulwini:
26
olizwi lake oko lashukumisa umhlaba, kodwa kaloku ubekile idinga lokuti: Kusekanye ndizamazamisayo kungenguwo umhlaba wodwa, kulilo izulu nalo.
27
Kekaloku lento yokuti, Kusekanye, iyaxela ukuguqulwa kwezozinto zinokushukunyiswa, njengokwezinto ezenziweyo, ukuze zihlale zihleli ezozinto ezingenakushukunyiswa.
28
Ngako oko ubukumkani obungenakushukuma sibamkela nje, masibambe ufefe, esingati ngalo simkonze utixo ngendawo ekolekileyo, sinohlonelo nolwoyiko olubedeshekileyo:
29
ngokuba kwa utixo wetu engumlilo odlayo.
← Chapter 11
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 13 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13