bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Hebrews 10
Hebrews 10
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 9
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 11 →
1
Ngokuba umteto unesitunzi nje sezinto ezilungileyo eziza kuza, ungenawo wona umfanekiso wendawo, awungeze uti ngawo wona amadini abamana bewanikela futi iminyaka ngeminyaka abo basondelayo ubafezekise.
2
Okanye ngeenganqamkanga na ukunikelwa, ngenxa yokuba abakonzayo, behlanjululwe nje kanye, bengasenaso isazelo sezono?
3
kuloko kukoyo ngawo ukukunjulwa kwezono iminyaka ngeminyaka:
4
ngokuba kungenzeki ukuba igazi lenkabi nebokwe lisuse izono.
5
Ngako oko akungena elizweni uti: Umbingo nomnikelo ubungawutandi, kodwa umzimba uwulungisele mna:
6
amadini okutshiswa nawesono akuwakolelanga.
7
Ndandul’ ukuti: Nanku ndisiza, (emqulwini wencwadi kuba̔liwe ngam,) ukuyenza intando yako, Tixo!
8
Esiti pambili nje: Umbingelo nomnikelo namadini okutshiswa nawesono akuwatandanga, akuwakolelanga kanjako; anikelwayo wona njengokwomteto;
9
utshilo oko ukuti: Nanku ndisiza ukuyenza intando yako, Tixo! — uyasusa okwokuqala, ukuze amise okwesibini.
10
Esiti ngayo lontando senzwe ngcwele tina ngokunikelwa kwomzimba ka‐Yesu Kristu kwa kanye.
11
Kanjalo osukuba engumperisite umi imihla ngemihla esenza isikonzo, enikela futi amadini akwa ngawo wona, angesuseyo izono nakanye;
12
kodwa yena, elinikele nje idini linye ngenxa yezono libe ngunapakade, wahlala pantsi ngasekunene kwotixo,
13
elinda ixesha eliseleyo zide intshaba zake zenzwe isitulo senyawo zake:
14
ngokuba ngomnikelo umnye ubafezekisile kude kube ngunapakade abo benziwa ngcwele.
15
Uti kanjako nomoya oyingcwele asinqi̔nele oku. Ngokuba, emvenikweni abetshilo pambili ukuti:
16
Lulo olu ucebano endiya kulwenza nabo emveni kwalomihla, utsho uyehova: Ndiya kubeka imiteto yam pezu kwentliziyo yabo, napezu kwengqondo zabo ndoyiba̔la; —
17
uti: Nezono zabo nezigqito zabo andisayi kubuya ndizikumbule.
18
Kekaloku apo kukona ukuxolelwa kwezi, akuseko umnikelo ngenxa yesono.
19
NGAKO ke, bazalwana! sinalo nje ukalipo lwokungena kweyingcwele indawo sinegazi lika‐Yesu,
20
ngendlela entsha epilileyo asitwasisele yona, ngalo ikuselo, oko kukuti, inyama yake;
21
si nomperisite omkulu nje pezu kwendlu katixo kanjako;
22
masisondele sinentliziyo yenyaniso ekuqiniseni okuzalisekileyo kwokolo, sihlanziwe intliziyo zetu eluvalweni olukohlakeleyo, nomzimba sihlanjiwe ngamanzi amhlope:
23
siti imvumelo yetemba letu siqinise ukuyibamba ingenakushukuma; ngokuba enyanisekile lowo owabeka amadinga:
24
siti kanjalo sikumbulelane ukuba sivuselele utando nemisebenzi elungileyo:
25
singashiyi nje ukuzihlanganisana kwetu, njengokuba linjalo isiko lenxenye, koko siyalana: nisenje njalo kakulu ngakumbi, njengoko nibonayo ukuba umhla uyasondela.
26
Ngokuba, xeshekweni sonayo ngokuvuma, emveni kwokuba sikwamkele ukwaziwa kwenyaniso, kungasabi sasala idini ngenxa yezono;
27
kodwa kuko ukulinda okwoyikekileyo kakulu kwokugwetywa, nozondo oluvutayo luza kubadla abaca̔sayo.
28
Umntu akulahla umteto ka‐Mosesi, wafa ngapandle kwetaṙu ngamanqi̔na amabini umhlaumbi amatatu:
29
kukubetwa okubi ngakumbi kangakananina niba uya kubalelwa ukuba ufanele kona, lowo ute unyana katixo wamnyatela pantsi, negazi locebano walibala ukuba yinto enco̔lileyo, elo wenziwa ngcwele ngalo, nomoya wofefe wamdela?
30
Ngokuba simazi owatshoyo ukuti: Kukokwam ukupindezela, kwobuyekezwa ndim; utsho uyehova. Nakanjako: Uyehova uya kulungisa abantu bake.
31
Kuyinto eyoyikekileyo ukweyela ezandleni zotixo ohleliyo.
32
Kodwa zikumbuzeni imihla yangapambili, enanite kuyo, nakukanyiswa, nanyamezela ukulwa okukulu nentlungu:
33
ngenxenye, ukuba nibe nisenziwa isibonelwa ngezituko nangembandezelo; nangenxenye, ukuba naba ngamakolwane abo babesekuhlaleni okunjalo.
34
Ngokuba nibe nivana nam ekubanjweni kwam, navumela ngovuyo ukupangwa kwempahla zenu, nisazi ukuba ninayo kuni ngokwenu imfuyo elungileyo ngakumbi ezulwini nehlala ihleli.
35
Ize ningaposi nxamnye ngoko ukalipo lwenu, olunawo umvuzo omkulu.
36
Ngokuba nifanele ukuba nomonde, ukuze niti, nakuba niyenzile intando katixo, nikwamkele okubekiweyo ngedinga.
37
Ngokuba kuselixeshana elincinanana, waeya kwand’ ukuti lowo uzayo eze, angalibali ke.
38
Kodwa olungileyo uya kupila ngokolo: kanti xeshekweni ahlehlayo, umpefumlo wam awukoliswa nguye.
39
Tina kodwa asingababo bahlehlela entshabalalweni, koko singababo bakolwayo kube kukusindiswa kwompefumlo.
← Chapter 9
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 11 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13