bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Hebrews 7
Hebrews 7
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 6
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 8 →
1
NGOKUBA yena lo u‐Makizedeki, ukumkani we‐Saleme, umperisite katixo opezu konke, owakaulela u‐Abrahame ebuya ekubetweni kwabo okumkani wamtamsanqela;
2
okuye u‐Abrahame wabela kwa isiqingata seshumi kuko konke; enguye kuqala ngokukunyushwa ukumkani wobulungisa, nasemva kwoko nokumkani we‐Saleme, okukuti, ukumkani woxolo;
3
engenayise, engenanina, engenakuba̔lelwa ngokuzalwa, engenasiqalo semihla, engenasipelo sokudliwa kwobomi; kodwa efanekisiwe nonyana katixo; uyahlala engumperisite ngonapakade.
4
Gqalani ke ukuba umkulu kangakanana lo mntu, okuye u‐Abrahame ubawo omkulu wanika kwa isiqingata seshumi kuwo amaxoba.
5
Nabo okunene bakubo onyana baka‐Levi, ababamkelayo ubuperisite, banomyalezo wokuba batabate izishumi kubo abantu ngokwomteto, oku kukuti, kubo abzalwana babo, nangona bapumayo esinqeni sika‐Abrahame;
6
kodwa lowo ungabalelwayo ukuba uvela kubo, utabatile izishumi ku‐Abrahame, watamsanqela lowo ubenawo amadinga:
7
nangapandle kwako konke ukupikwa, okuncinane kuyatanyusanqelwa kokukulu.
8
Kanjalo apa bayatabata izishumi abantu ababubayo; kodwa apo uyazitabata onqi̔nelwayo ukuba uhleli.
9
Kanjako, ukuba ndingaba nokutsho, ute no‐Levi, ozamkela izishumi, wanika izishumi ngaye u‐Abrahame:
10
ngokuba ebeseko esinqeni soyise, oko u‐Makizedeki wamkaulelayo.
11
Ukuba ke ngoko ufezeko beluko ngobuperisite bakuba‐Levi, (ngokuba abantu bebenikwe umteto pezu kwabo,) bekusafunwa nto nina, ukuba kuvuke umperisite wumbi ngesimo sika‐Makizedeki, nokuba angabizwa ngesimo sika‐Arone?
12
Ngokuba ubuperisite buguqulwa nje, kufanelekile ukuba kube kukuguqulwa kwomteto nawo.
13
Ngokuba lowo ezizinto zitetwa ngaye engowesimbi isizwe, ekungeko mntu wakuso okonzileyo esibingelweni.
14
Ngokuba kubonakala kwa sekuhleni ukuba inkosi yetu yapuma kwesika‐Juda; isizwe angasitetelanga luto u‐Mosesi ngabo ubuperisite.
15
Kanjalo oku kusabonakala ekuhleni kakulu ngakumbi; ukuba kuvukile umperisite wumbi ngokufana no‐Makizedeki,
16
owenziwe njalo, kungengokwomteto womyalelo obunyama, koko kungokwamandla obomi n obungenakupela.
17
Ngokuba enqi̔na esiti: Wena ungumperisite kude kube ngunapakade ngesimo sika‐Makizedeki.
18
Ngokuba kuko okunene ukubujiswa kwomyalelo owandulelayo, ngenxa yobutataka bawo nokungancedi kwawo;
19
ngokuba umteto ungafezekisanga luto; kodwa kuko ukungeniswa kwetemba elilungileyo ngakumbi, esiti ngalo sisondele kutixo.
20
Kanjako njengoko bekungengapandle kwesifungo abesenziwa umperisite; (
21
ngokuba bona benziwe abaperisite ngapandle kwesifungo; kodwa yena wenziwe ngesifungo, ngaye lowo ubesiti kuye: Uyehova ufungile, akayi kuguquka: Wena ungumperisite kude kube ngunapakade ngesimo sika‐Makizedeki:)
22
kwa ngokunjalo u‐Yesu wenziwe umbambisi wocebano olulungileyo ngakumbi.
23
Kanjako bona, ngabaninzi abenziwe abaperisite, ngenxa yokuba bexakwa ngokufa ukuhlala kade:
24
kodwa yena, ngenxa yokuba ehlala kude kube ngunapakade, unobuperisite obungenakugqitela kwabanye.
25
Kukona angati kanjalo agqibele ukusindisa abo bezayo ngaye kutixo, kuba ehleli amaxesha onke ukubatetelela.
26
Ngokuba umperisite onjalo ebesifanekele, ongcwele, ongenatyala, onganco̔lisekileyo, owahlukile kwaboni, opakanyiselwe pezulu pezu kwamazulu;
27
ongafaneleyo ukuti ixesha ngexesha, njengabaperisite abakulu abo, anikele amadini kube tanci ngenxa yezake izono, kube kamva ngenxa ye zabantu; ngokuba oku wakwenza kwa kanye, akuzinikela yena.
28
Ngokuba umteto ubamisa abantu benobutataka ukuba ngabaperisite abakulu; kodwa ilizwi lesifungo, esibe sisemveni kwomteto, liyamisa unyana, efezekisiwe kude kube ngunapakade.
← Chapter 6
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 8 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13