bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Hebrews 6
Hebrews 6
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 5
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 7 →
1
Ngako oko sishiya nje isifundiso sokuqalela sika‐Kristu, masihambise ngakuyo imfezeko; singabeki kanjako umsekelo woguquko lwokuguquka emisebenzini efileyo, nowenkolo ngakuye utixo;
2
owofundiso lwembapitizesho, nowokubekwa kwezandla, nowokuvuka kwabafileyo, nowokugwetywa okungunapakade.
3
Kanjalo oku siya kukwenza, ukuba kambe kuyavunyelwa ngutixo.
4
Ngokuba kunqabele abo babekanyisiwe kanye, beva upiwo lwasezulwini, baba ngabamkeleyo umoya oyingcwele,
5
beva ilizwi elilungileyo likatixo, namandla elizwe eliza kuza,
6
baza bapambuka noko, ukuba babuye bahlaziywe lude lube luguquko, ekubeni bati bazikuruseshele ngokutsha unyana katixo, bamhlazise ekuhleni.
7
Ngokuba umhlaba oyiselayo imvula isiza futi pezu kwawo, ovelisa imifuno elungele abo ulinywa nokulinywa ngenxa yabo kanjalo, ulamkela itamsanqa kutixo;
8
kodwa lowo upumisayo imitolo nezipingo uyaliwa, ukufupi nokuqalekiswa; osipelo sesokuba utshiswe.
9
Kodwa siyazitembela ngani, bazalwana! izinto ezilungileyo kwezi, ezilandelana nosindiso, nakuba siteta njalo.
10
Ngokuba utixo engenguye ongenabulungisa, ukuba alibale umsebenzi wenu, nomzamo wenu wotando, enilubonakalisileyo ngakulo igama lake, senibakonzile nje abangcwele, nisabakonza kanjalo.
11
Kodwa siyakanuka ukuba niti nonke ngabanye olo lona uku̔talo nilubonakalisele ukuqiniswa okuzalisekileyo kwetemba kude kube sekupeleni;
12
ukuze ningabi nakudangala, kodwa nibe ngabalandeli babo abati ngako ukukolwa nokuzeka kade balidle ilifa lamadinga.
13
Ngokuba utixo akumbekela u‐Abrahame idinga, ekubeni bekungeko namnye omkulu kuye angamfungayo, wazifunga kwa yena,
14
esiti: Ngenyaniso ndokutamsanqela kakulu, ndokwandisa kakulu kanjako.
15
Kwa njalo akuba ezeke kade wazuza ukufezwa kwedinga.
16
Ngokuba abantu okunene befunga lowo umkulu kubo, siti isifungo sokuqinisa senz ele bona ukupela kwako konke ukupika.
17
Owayete ngoko utixo, efuna ukunga angababonisa abazindlalifa zokubekiweyo ngedinga kakulu ngakumbi ukungaguquleki kwecebo lake, walamla ngesifungo;
18
ukuze siti, ngazo indawo ezimbini ezingaguqulekiyo, ekungenzeki kuzo ukuba axoke utixo, sibe nolwonwabiso olwomeleleyo tina sisabeleyo ukulibamba itemba elibekwa pambi kwetu;
19
esinalo njengeyankore yompefumlo, linqabile, liqinisekile, lingena kokupakati kwekuselo kanjako;
20
apo wangena kona u‐Yesu engumanduleli ngenxa yetu, enziwe umperisite omkulu ngesimo sika‐Makizedeki kude kube ngunapakade.
← Chapter 5
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 7 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13