bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Hebrews 11
Hebrews 11
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 10
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 12 →
1
KEKALOKU ukolo lusisiqiniso sezinto ezitenjwayo, lusisiboniso sendawo ezingabonwayo.
2
Ngokuba kulo olu abadala bebenqi̔nelwe kakuhle.
3
Ngalo ukolo siyaqonda ukuba kudaliwe amazwe akoyo ngelizwi likatixo, zide zati izinto ezibonwayo azavela kwizinto ezibonakalayo.
4
Ngalo ukolo u‐Abele walinikela kutixo idini elikulu ngakumbi ngapezu kwo‐Kayine, ekungalo wanqi̔nelwa ukuba ulungile, utixo eyinqi̔nela nje iminikelo yake: kanjako kwa ngalo, nakuba efile, usateta.
5
Ngalo ukolo u‐Enoki wasuswa ukuba angakuboni ukufa; waza akwafunyanwa, ngenxa yokuba utixo ebemsusile; ngokuba engekasuswa ebenqi̔nelwa ukuba ukolisile utixo.
6
Kodwa ngapandle kwokolo akwenzeki uku m kolisa: ngokuba lowo usondelayo kutixo efanele ukukolwa kukuba uko, nokuba uba ngumvuzi wabo bamfunayo.
7
Ngalo ukolo u‐Nowa, akuyalwa ngutixo ngezinto ezingekabonwayo, wati ngokwoyika walungisela ukusindiswa kwendlu yake inqanawa; abete ngayo wagweba ilizwe, waza waba yindlalifa yobulungisa obungokwokolo.
8
Ngalo ukolo wapulapula u‐Abrahame, akubizwa ukuba apume aye kulondawo ubeya kuda ayamkele ibe lilifa; wapuma ke, engazi kakulu apo aya kona.
9
Ngalo ukolo wapambukela ezweni ledinga, njengakwelabasemzini, emi ezintenteni ndawonye no‐Yisake no‐Yakobi, abebezindlalifa kunye naye zedinga elikwa lilo lona:
10
ngokuba ebekangela esosixeko sinemisekelo, esimaki nome?-?enzi ngutixo.
11
Ngalo ukolo kwa naye u‐Sara wamkela amandla okukaula, waza wazala seligqitile nje ixesha elifanelekileyo lobudala, ekubeni waba unyanisekile lowo owabeka idinga.
12
Ngako oko kwavela kwa kuyo indoda nye, ebifile ke nakanjako, abanjengenkwenkwezi zezulu ukuba baninzi, nanjengentlabati eselunxwemeni lwolwandle engenakubalwa.
13
Aba bonke bafa beselukolweni, bengakwamkelanga nje ukufezwa kwamadinga, koko bawabonayo ekude, bakolwa ngawo, ba wa bulisa, baxela ukuba bangabasemzini nabaṙanukeli emhlabeni.
14
Ngokuba abo bateta into ezinjalo, bebonakalisa ekuhleni ukuba bayalifuna ilizwe lakowabo.
15
Kanti ukuba ke bebekumbula elo bapuma kulo, ngebeba bezuzile ituba lokubuya.
16
Kaloku kodwa bayalinqwenela elilungileyo ngakumbi, oko kukuti, elasezulwini. Ngako oko utixo akanantloni ngabo ukuba abizwe ngotixo wabo: ngokuba ebalungisele isixeko.
17
Ngalo ukolo ute u‐Abrahame ekulingweni kwake wamnikela u‐Yisake, waza lowo ubezamkelele amadinga wamnikela okupela kwonyana wake,
18
obekutshiwo ngaye ukuti: Ku‐Yisake iya kubizwa inzalo yako;
19
etelekelelisa ukuba utixo unamandla oku m vusa nakwabafileyo, owayete kanjalo ngomfanekiselo wabuya wamamkela kwa kona.
20
Ngalo ukolo u‐Yisake watamsanqela u‐Yakobi no‐Esau ngezinto eziza kuza.
21
Ngalo ukolo u‐Yakobi ekufeni kwake watamsanqela onyana baka‐Josefe bobabini; waza wazitoba pezu kwencam yomsimelelo wake.
22
Ngalo ukolo u‐Josefe akuza kufa wakankanya ukupuma kwosapo luka‐Sirayeli, wayalela ngamatambo ake.
23
Ngalo ukolo u‐Mosesi, akuba ebezelwe, wafihlwa ngoyise inyanga zantatu, ngenxa yokuba babona umntwana ukuba umhle; aboyika ummiso wokumkani kanjalo.
24
Ngalo ukolo u‐Mosesi, akuba ebekulile, wala ukubizwa ngonyana wentombi ka‐Faro;
25
eqasha ngakumbi ukupatwa kakubi kunye nabantu bakatixo, ngapezu kwokuba nobuyolo besono obuhlala mzuzu kodwa;
26
ebala isitukelwa sika‐Kristu ukuba sibubutyebi obukulu kwindyebo zase‐Jipete: ngokuba ebekangela ngakuwo umvuzo.
27
Ngalo ukolo wayishiya i‐Jipete, engoyikanga nje umsindo wokumkani; ngokuba wazingisayo, njengokuba ebona lowo ungabonekiyo.
28
Ngalo ukolo wayenza ipasika nokutshizwa kwegazi, ukuze lowo ubetshabalalisa amazibulo angabacu̔kumisi.
29
Ngalo ukolo bacanda ulwandle olubomvu njengokuba kudlulwa emhlabeni owomileyo; ati ama‐Jipete akulinga ukwenje njalo antywiliswa.
30
Ngalo ukolo indonga ze‐Jeriko zawa, zakuba zibe zingqongiwe imini zasixe̔nxe.
31
Ngalo ukolo u‐Rakabi umpinyiswa akabuba kunye nabo babengakolwanga, akuba ebezamkele intlola ngoxolo.
32
Ndize ndalekele ukuti nina ke? Ngokuba ixesha liya kundiswelela ukuba ndiyabalisa ngaye u‐Gideyone, no‐Baraki no‐Samsone, no‐Jefeta, no‐Davide, no‐Samyali, nabaprofite:
33
abati ngalo ukolo boyisa izikumkani, benza ubulungisa, bazuza ukufezwa kwamadinga, bavingca imilomo yengonyama,
34
bacima amandla omlilo, basinda uhlangoti lweṙele, bomelezeka bepuma ebutatakeni, baba buṙoti ekulweni, baci̔ta imikosi yabasemzini.
35
Abafazi babuya bamkela abafi babo ngokuvuka kwabo. Bati ke abanye bolulelwa ukubulawa, bekwalile nje ukukululwa, ukuze bazuze ukuvuka okulungileyo ngakumbi:
36
bati nabanye beva ukuhlekwa nokubetwa, napezu kwoko ukunxitywa nokufakwa entolongweni;
37
bagityiselwa ngamatye, basikwa kubini ngesaṙa, bazingwa, bafa ngokubulawa liṙele; bahambahamba benezintsu zegusha, benezintsu zebokwe, besekusweleni, bebandezelwa, bepatwa kakubi;
38
(elalibe ilizwe lingabafanele;) bedungudela ezintlango, nasezintabeni, nasemiqolombeni, naseminxunyeni yomhlaba.
39
Kekaloku aba bonke, benqi̔nelwe kakuhle nje ngalo ukolo, abakwamkela obekubekiwe ngedinga;
40
utixo esazalelele tina into elungileyo ngakumbi nje, ukuze bona bangafezekiswa ngapandle kwetu.
← Chapter 10
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 12 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13