bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Hebrews 2
Hebrews 2
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 1
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 3 →
1
Ngako oko sifanele ukuzinyamekela kakulu ngakumbi izinto esizivileyo, hleze sike sipulukane nazo.
2
Ngokuba ilizwi elibe litetwe zingelosi ukuba libe liqinisekile, nokuba konke ukugqita nokungeva kwamkela umvuzo ofanelekileyo,
3
soti nina tina ukusinda sakuba singakataleli usindiso olukulu kangaka; olwati, lutetiwe yinkosi nje ukuqala kwalo, lwaqiniselwa kuti ngabo ba yi vayo;
4
utixo enqi̔nelana na bo kwa ngemiqondiso, nangemimangaliso, nangezenzo zamandla ezininzi, nangezabelo zomoya oyingcwele, njengokwentando yake?
5
NGOKUBA engalibekanga pantsi kwazo ingelosi ilizwe eliza kuza, elona siteta ngalo.
6
Kodwa omnye wanqi̔nisa endaweni etile, esiti: Uyinina umntu, lento umkumbulayo; kwa nonyana woluntu, lento umnonelelayo?
7
wamenza abe ngapantsi kancinane kuzo ingelosi; wamvatisa ngobungcwalisa nangodumo, wammisa pezu kwemisebenzi yezandla zako:
8
uzibekile pantsi zonke izinto ngapantsi kwenyawo zake. Ngokuba, ekubeni wazibekayo ngapantsi kwake zonke izinto, akashiya nanye ingabekwanga ngapantsi kwake. Kodwa ngoku asikaboni zonke izinto zibekiwe pantsi kwake.
9
Siyambona kodwa u‐Yesu, owenziwa abe ngapantsi kancinane kuzo ingelosi, ngenxa yobuhlungu bokufa, evatisiwe ngobungcwalisa nangodumo, ukuze ati ngofefe lukatixo abavele ukufa kwa bonke.
10
Ngokuba bekufanelekile kuye, ekungenxa yake ziko zonke izinto, nekungaye ziko zonke izinto, akuzisa onyana abaninzi ebungcwaliseni, ukuba afezekise imbangi yosindiswa lwabo ngazo intlungu.
11
Ngokuba kwa nalowo ungcwalisayo nabo bangcwaliswayo bevela kuye omnye bonke: ekungenxa yalendawo akanantloni ukubabiza ngabazalwana,
12
esiti: Ndoshumayela igama lako kubazalwana bam; pakati kwentlanganiso ndovuma amaculo kuwe.
13
Nakanjako: Ndoba nditembela kuye. Nakanjako: Bona ke mna nabantwana endibapiweyo ngutixo.
14
Ukuba ngoko bona abantwana bevela nenyama negazi, naye ngokwake kwa ngokunjalo watabata kuzo, ukuze ati ngako ukufa atshabalalise lowo unamandla okufa, oko kukuti, u‐Satane,
15
akulule abo abebete ngokwoyika ukufa babanjelwa ebukobokeni lonke ixesha lokudla kwabo ubomi.
16
Ngokuba okunene engazincedi ingelosi, koko eyinceda inzalo ka‐Abrahame.
17
Kukona abefanelwa kukuba afane nabazalwana bake ngento zonke, ukuze abe ngumperisite omkulu onofefe nonyanisekileyo ezintweni ezilunge kutixo, aze enzele izono zabantu isizi.
18
Ngokuba ekokubeni avile intlungu yena ngokwake akulingwa, angabasiza abo balingwayo.
← Chapter 1
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 3 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13