bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Hebrews 4
Hebrews 4
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 3
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 5 →
1
Masoyike ngoko hleze kekuti, idinga lokungena ekupumleni kwake li si shiyelwa nje, kubeko umntu wakuni onga akafikeleli kuko.
2
Ngokuba nati sishunyayeziwe indaba ezilungileyo ngako, kwa njengabo; koko ilizwi lokushunyayelwa kwako belingabancedanga bona, lingamanyiwe nenkolo nje kwabo ba li vayo.
3
Ngokuba tina bakoliweyo singena ekupumleni oko, njengokuba etshilo ukuti: Ndada ndafunga emsindweni wam ukuti: Abasayi kungena ukupumleni kwam: nakuba imisebenzi yake ibigqityiwe kwa sekumisweni kwelizwe.
4
Ngokuba etshilo endaweni etile ngawo umhla wesixe̔nxe ngokuti: Waza wapumla utixo ngomhla wesixe̔nxe kuyo yonke imisebenzi yake.
5
Nakule ndawo kanjako: Abasayi kungena ekupumleni kwam.
6
Ukuba ngoko lisasala idinga lokuba inxenye iya kungena kuko, nokuba abo bashunyayezwa indaba ezilungileyo ngako matanci bengangenanga ngenxa yokungeva:—
7
Kanjako uyabalula umhla otile ngokuti, Namhla nje, esitsho kwelika‐Davide emveni kwexesha elikulu kangaka, njengokuba kutshiwo ukuti: Namhla nje, nakuliva ilizwi lake, maningazenzi lukuni intliziyo zenu.
8
Ngokuba u‐Yoshuwa ukuba wabanika ukupumla, ngeeba engateti ngomnye umhla emveni kwezizinto.
9
Ngako ke kusasalela abantu bakatixo upumlo.
10
Ngokuba lowo ungenileyo ekupumleni kwake, ute yena naye wapumla emisebenzini yake, kwa njengokuba utixo wapumla kweyake. —
11
Masiti ngoko sinxamele ukungena kokuya ukupumla; ukuze kungabiko mntu owayo ngawo lowo wona umlinganiso wokungeva.
12
Ngokuba ilizwi likatixo lipilile, lisebenza ngamandla, libukali ngakumbi pezu kweziṙele zonke ezintlangoti zimbini, lihlaba kude kube kukwahlulwa nokwompefumlo nokwomoya, nokwamalungu nokwomongo, lilungele ukuqiqa izicingo nenkumbulo zentliziyo.
13
Kanjalo akuko sidalwa esisiteleyo ebusweni bake; kodwa zonke izinto zizé zityilekile emehlweni alowo esiya kupendulela kuye.
14
KEKALOKU sinaye umperisite omkulu ongaka ecandile amazulu nje, u‐Yesu unyana katixo, masiyibambe imvumelo yetu.
15
Ngokuba singenaye umperisite omkulu ongenamandla okuvana nati ezilwelweni zetu, kodwa obe elingiwe ngento zonke ngokufana nati, engenasono kodwa.
16
Masiti ngoko sisondele kuyo iterone yofefe sinokalipo, ukuze silamkele itaṙu, silufumane ufefe kuze kusizwe ngexesha elifanelekileyo.
← Chapter 3
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 5 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13