bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Hebrews 13
Hebrews 13
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 12
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
1
UKUTANDA abazalwana makuhlale kubako.
2
Imbuko yabasemzini ningayilibali: ngokuba bete ngayo inxenye bazamkela ingelosi bengazazi.
3
Bakumbuleni ababanjwa, njengababanjwa kunye nabo; n abapatwa kakubi, njengokuba nani niseko emzimbeni.
4
Ukutshata makube kubekekile pakati kwabo bonke, nesilili masibe singanco̔liswa: abapimisi kodwa nabaṙexezi utixo wobagweba.
5
Ukumila kwenu makube kokungenakutanda imali; nize nitomalale zizinto ezikoyo: ngokuba ete yena: Andisayi kukuyeka, andisayi kukushiya kanjalo.
6
Side somelele tina ukuti: Uyehova ungumsizi wam, andiyi kwoyika into endiya kwenzelwa yona ngumntu.
7
Kumbulani abakokeli benu, abo baliteta kuni ilizwi likatixo; niti, nigqala nje isipelo sokuhlala kwabo, nilandele ukolo lwabo.
8
U‐Yesu Kristu izolo nanamhla ukwa nguye, nakude kube ngunapakade.
9
Ningaqu̔tywaqu̔tywa ngemfundiso ezininzi nezasemzini: ngokuba kulungile ukuba intliziyo iqiniswe ngokolo, kungabi ngezinto zokudla, abangancedwanga luto abo bahamba kuzo.
10
Sinaso isibingelo, abangenagunya lokuba batye kokwaso abo bayikonzayo itabanakele.
11
Ngokuba ezozilo igazi lazo lingeniswa ngenxa yesono kweyingcwele indawo ngomperisite omkulu, imizimba yazo ezi iyatshiswa ngapandle kwomnquba.
12
Ngako oko naye u‐Yesu, ukuze abantu abenze ngcwele ngelake igazi, weva ukufa ngapandle kwesango.
13
Masiti ngoko ke sipumele kuye ngapandle kwomnquba, sitwala nje isitukelwa sake.
14
Ngokuba singenasixeko apa esinokuhlala, koko sifuna eso siza kuza.
15
Masiti ngoko ngaye yena sinikele idini lendumiso ngamaxesha onke kutixo, oko kukuti, isixakato somlomo ubulela egameni lake.
16
Kodwa ukwenza okulungileyo nokwabela abanye ningakulibali: ngokuba utixo ekoliswa ngamadini anjalo kakulu.
17
Baveni abakokeli benu, ni ba lulamele: ngokuba bona bepapama pezu kwemipefumlo yenu, njengabo abaya kuzipendulela; ukuze bakwenze oku benovuyo, bengenakugula kanti; ngokuba kungalungele nina oku.
18
Sitandazeleni: ngokuba sinokutemba ukuba sinaso isazeliso esilungileyo, sifuna nje ukuhlala kakuhle ezintweni zonke.
19
Kanjalo ndiya ni kunga kakulu ngakumbi ukuba nikwenje njalo, ukuze ndibuyiselwe kuni kamsinyane.
20
Kekaloku utixo woxolo, owamnyusayo kwabafileyo umalusi wezimvu, lowo umkulu, enegazi locebano olungunapakade, inkosi yetu u‐Yesu,
21
wanga anganizalisekisa kuyo yonke imisebenzi elungileyo, nize niyenze intando yake, ekwenza kuni oko kukolekileyo ebusweni bake, ngaye u‐Yesu Kristu; okuye makubeko ubungcwalisa kude kube ngunapakade kanapakade. Amene.
22
Kanjalo ndiyanikunga, bazalwana! linyamezeleni elilizwi lokuyala; ngokuba ndiba̔lile kuni ngokufutshane.
23
Yazini ukuba umzalwana wetu u‐Timote ukululwe: endiya kuti, ukuba uyafika kamsinyane, ndize naye ukunibona.
24
Bulisani bonke abakokeli benu, nabo bonke abangcwele. Bayabulisa nina abo base‐Yitaliya.
25
Ufefe malube nani nonke. Amene.
← Chapter 12
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13