bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Hebrews 3
Hebrews 3
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 2
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 4 →
1
NGAKO oko, bazalwana abangcwele, abalwamkeleyo ubizo lwasezulwini! gqalani lowo ungumpostile nomperisite omkulu wemvumelo yetu, u‐Kristu Yesu;
2
obe enyanisekile kulowo wammisayo, njengokuba naye u‐Mosesi ebenjalo kuyo yonke indlu yake.
3
Ngokuba yena lo ebalelwe ukuba ufanele ubungcwalisa obukulu ngakumbi ngapezu kwo‐Mosesi, kwa njengoko anodumo olukulu kolwendlu lowo wayenzayo yona.
4
Ngokuba zonke izindlu zisenziwa ngotile; kodwa owazenzayo izinto zonke ngutixo.
5
Kanjalo u‐Mosesi okunene ebenyanisekile kuyo yonke indlu yake, njengesicaka, kube kukunqi̔nwa kwezinto eziya kutetwa;
6
kodwa u‐Kristu, njengonyana pezu kwendlu yake; esiyiyo indlu yake tina, xeshekweni kambe ukalipo noqa̔yiselo lwetemba letu silubamba luqinisekile kude kube sekupeleni.
7
Ngoko, njengokuba esiti umoya oyingcwele, Namhla nje, nakuliva ilizwi lake,
8
maningazenzi lukuni intliziyo zenu, njengasengcapukisweni, ngomhla wokulinga entlango;
9
okuya oyihlo benu bandilinga, bandivavanya, baza babona imisebenzi yam iminyaka yamashumi mane.
10
Ngoko bendiqumbele isizukulwana eso, ndati: Bayalahleka futi ngentliziyo; abazazanga indlela zam kanjako.
11
Ndada ndafunga emsindweni wam ukuti: Abasayi kungena ekupumleni kwam.
12
Lumkani, bazalwana! hleze kuke kubeko komnye wenu intliziyo ekohlakeleyo wokungakolwa, ekumkeni kuye utixo ohleliyo.
13
Koko yalanani imihla ngemihla, nxa kusabizwayo ngokuti ngumhla wanamhla; ukuze kungabiko mntu wakuni owenziwa lukuni ngenkohliso yesono.
14
Ngokuba singabamamkeleyo u‐Kristu, xeshekweni kambe isiqalo sokwomelela kwetu sisibambayo siqinisekile kude kube sekupeleni:
15
ekubeni kutshiwo ukuti: Namhla nje, nakuliva ilizwi lake, maningazenzi lukuni intliziyo zenu njengasengcapukisweni.
16
Pofu bebengobanina abati bakuva bacapukisa? bebengengabo na bonke kanti abapumayo e‐Jipete ngo‐Mosesi?
17
Kanjalo bebengobanina wabaqumbelayo iminyaka yamashumi mane? bebengengabo na abonayo, abamizimba yawayo entlango?
18
Kanjalo wafunga kobanina ukuba abayi kungena ekupumleni kwake, kupela kubo ababengevanga?
19
Kwa njalo siyabona ukuba babekohliwe kukungena ngenxa yokungakolwa.
← Chapter 2
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 4 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13